Scripture Stories
IMiqondiso yoKuzalwa kukaYesu


“IMiqondiso yoKuzalwa kukaYesu,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

3 Nifayi 1

IMiqondiso yoKuzalwa kukaYesu

Ukholo kwiimfundiso zomprofeti

Umfanekiso
umama notata benosana kunye nabantwana bahamba kwisixeko

Kwakuyiminyaka emihlanu ukususela ngoko uSamweli umprofeti wayefundise malunga nemiqondiso yokuzalwa kukaYesu. Abantu abaninzi babekholelwa kwaye babeyilindele imiqondiso. Abanye abantu babesithi uSamweli wayebhudile kwaye nexesha lemiqondiso laliselidlule. Bahlekisa ngabo babengamakholwa kwaye bathi uYesu wayengazukuza.

Hilamani 14:2–7; 3 Nifayi 1:4–6

Umfanekiso
usapho luhleli ekhayeni, kwaye utata uyathetha

Amakholwa ayenalo ixhala, kodwa enokholo. Ayehleli elindele imiqondiso. Umqondiso omnye yayibubusuku obabungazukuba mnyama. Kwakuzakukhanya okwemini nkqu xa sele ilanga litshonile. Usuku olungenabumnyama babuzakuba ngumqondiso wokuba uYesu wayezakuzalwa ngosuku olulandelayo kwelinye ilizwe.

Hilamani 14:2–4; 3 Nifayi 1:7–8

Umfanekiso
usapho luyoyika ngeli lixa lingxoliswayo

Abantu abangakholelwayo baye beza necebo. Baye bakhetha usuku baze bathi ukuba umqondiso wawungekenzeki ngolo suku, amakholwa ayeya kubulawa.

3 Nifayi 1:9

Umfanekiso
UNifayi ubona abantu bekrwada kusapho

Indoda eyayinegama elinguNifayi yayingumprofeti ngelixesha. Wayekhathazeke kakhulu kukuba abantu babefuna ukubulala amakholwa.

3 Nifayi 1:10

Umfanekiso
UNifayi uguqa phantsi ukuze athandaze

UNifayi wagoba phantsi emhlabeni waze wathandaza kuThixo esenzela amakholwa awayezakufa ngenxa yokholo lwawo. Waye wathandaza imini yonke.

3 Nifayi 1:11-12

Umfanekiso
UNifayi ubamba izandla zakhe kunye aze athandaze

Kwimpendulo kumthandazo wakhe, uNifayi weva ilizwi likaYesu. UYesu waye wathi umqondiso wawuzakwenzeka ngobabusuku aze Yena azalwe ngosuku olulandelayo.

3 Nephi 1:12–14

Umfanekiso
abantu bajonge esibhakabhakeni ngokumangaliswa

Ngoba busuku kwakungekho bumnyama nangona ilanga lalitshonile. Abantu ababengawakholelwa amazwi kaSamuweli babothuke kangangokuba bawa phantsi. Babesoyika ngenxa yokuba babengazange bakholelwe. Abantu ababekholelwe abazange babulawe.

3 Nifayi 1:15–19

Umfanekiso
iintsapho zijonge kwisibhakabhaka esiqaqambileyo esiluzuba bemangalisiwe

Ngosuku olulandelayo, ilanga laphuma kwakhona kwaye isibhakabhaka sahlala siqaqambile. Bonke abantu babesazi ukuba olu yayilusuku uYesu awayeza kuzalwa ngalo.

3 Nephi 1:19

Umfanekiso
abantu bajonge esibhakabhakeni baze babone inkwenkwezi entsha

Abantu babona omnye umqondiso. Inkwenkwezi entsha yabonakala esibhakabhakeni. Yonke imiqondiso uSamuweli awayethethe ngayo yafezekiswa. Abanye abantu abongezelelekileyo abaninzi baye bakholelwa kuYesu baze baphaptizwa.

Hilamani 14:2–7; 3 Nifayi 1:20–23