Scripture Stories
ULihayi noSaraya Bashiya iYerusalem


“ULihayi noSaraya Bashiya iYerusalem,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

“ULihayi noSaraya Bashiya iYerusalem,” Amabali eNcwadi kaMormoni

1 Nifayi 1–2

ULihayi noSaraya Bashiya iYerusalem

Isilumkiso seNkosi kusapho

Umfanekiso
umbono weNkosi

ULihayi noSaraya babehlala eYerusalem kunye nabantwana babo. ULihayi wabona umbono ovela eNkosini. Wabona ukuba uMsindisi uya kuza ehlabathini ngenye imini. INkosi kananjalo yambonisa ukuba iYerusalem yayiza kutshatyalaliswa.

1 Nifayi 1:4–18

Umfanekiso
ULihayi ethetha nabantu abanomsindo

ULihayi wabaxelela abantu ngombono wakhe. Wabaxelela ukuba uYesu Krestu wayeya kuza ngenye imini azosindisa ihlabathi.

1 Nifayi 1:18–19

Umfanekiso
umbono wezakhiwo ezitshatyalalisiweyo

ULihayi kananjalo wabaxelela abantu ukuba iYerusalem yayiza kutshatyalaliswa. Wabamema ukuba baguquke.

1 Nifayi 1:14, 18–19

Umfanekiso
abantu abanomsindo

Abantu babenomsindo. INkosi yaphinda yathetha noLihayi ephupheni. ULihayi wafunda ukuba yena nosapho lwakhe abasayi kukhuseleka eYerusalem. Kwakufuneka bahambe.

1 Nifayi 1:19–20; 2:1–2

Umfanekiso
usapho lushiya isixeko

ULihayi noSaraya bayithobela iNkosi. Basishiya isixeko nosapha lwabo. ULihayi noSaraya babenoonyana abane ababizwa ngoLaman, uLemuweli, uSam, noNifayi. Kwafuneka bashiye ngasemva ikhaya labo nezinto zabo ezintle.

1 Nifayi 2:3–5

Umfanekiso
usapho luhamba

Usapho lwahamba entlangokufuphi noLwandle oluBomvu. ULihayi wayibulela iNkosi ngokusikelela usapho lwakhe. Wafundisa usapho lwakhe ukuba lulandele iNkosi kwaye lugcine imiyalelo yaYo.

1 Nifayi 2:5–10

Umfanekiso
usapho entlango

ULeymeni noLemuweli bakhalaza. Babelikhumbula ikhaya labo nazo zonke izinto abazishiyayo ngasemva. Babengaqondi ukuba kutheni iNkosi ibacele ukuba bahambe. Babengakholelwa ukuba isixeko esikhulu njengeYerusalem sinokutshatyalaliswa.

1 Nifayi 2:11–13

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli

ULeymeni noLemuweli babecinga ukuba uLihayi wayeyicingela imibono yakhe. Kungathini ukuba usapho lwabo lulahleke entlango ngonaphakade?

1 Nifayi 2:11

Umfanekiso
UNifayi

UNifayi wayefuna ukuzazela ngokwakhe ukuba le nto yayithethwa nguLihayi yinyani. Wathandaza kwaye wabuza iNkosi.

1 Nifayi 2:16

Umfanekiso
UNifayi

INkosi yathumela uMoya oyiNgcwele ukuba uncede uNifayi awakholelwe amazwi kayise. UNifayi wayikholelwa iNkosi kwaye wabelana ngezinto awayezifundile nabantakwabo. USem wamphuluphula uNifayi kwaye wamkholelwa, kodwa uLeymeni noLamuweli abazange bamamele.

1 Nifayi 2:16–18