Scripture Stories
Amon


“Amon,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Alma 17–18

Amon

Isicaka esithobekileyo

Umfanekiso
U-Amon nabantakwabo bayabhayibhayisa

U-Amon nabantakwabo babefuna ukufundisa amaLeymenayithi ngeNkosi. Baya kwilizwe ekwakuhlala amaLeymenayithi kulo. Endleleni yabo, baye bazila ukutya baze bathandazela uncedo lweNkosi. INkosi yaye yabathuthuzela. Yona yabaxelela ukuba babe nomonde kwaye babe ngumzekelo olungileyo. Ngamnye kubo waya kwindawo eyahlukileyo ukuze afundise.

Mozaya 28:1–2; Alma 17:6–13

Umfanekiso
U-Amon uguqe phambi kokumkani nokumkanikazi

U-Amon waya kwindawo eyayibizwa ngokuba yi-Ishmayeli. Abantu phaya bambophelela baze bamsa kukumkani uLamonayi. U-Amon waxelela uLamonayi ukuba wayefuna ukuhlala namaLeymenayithi. U-Lamonayi waye wathanda u-Amon kwaye wenza ukuba akhululwe. Yena wayefuna ukuba u-Amon atshate enye yeentombi zakhe, kodwa u-Amon wakhetha ukuba sisicaka sikaLamonayi endaweni yoko.

Alma 17:20–25

Umfanekiso
U-Amon ujonge ngentla kwamagxa wakhe kwiigusha

ULamonayi waxelela u-Amon ukuba ahoye izilwanyana zakhe. Ngenye imini, u-Amon kunye nezinye izicaka basa izilwanyana emanzini ukuze zifumane amanzi. Zathi xa izilwanyana zisela, abaphangi bazichithachitha. Ezinye izicaka zazisoyika ukohlwayelwa ukulahla izilwanyana.

Alma 17:25–28; Alma 18:7

Umfanekiso
Amon

U-Amon wayesazi ukuba eli yayilithuba lokuwabonakalisa amandla kaThixo. Waye waxelela ezinye izicaka ukuba zingabi naxhala waze wazinceda ukuba zifumane izilwanyana ezazilahlekile.

Alma 17:29–32

Umfanekiso
U-Amon ubambe isilingi sofele aze asolathise kubaphangi

Abaphangi baye beza ukuze bazichithachithe izilwanyana kwakhona. Kodwa kweli tyeli, u-Amon waxelela ezinye izicaka ukuba zime kwaye zizinqande izilwanyana ekubalekeni.

Alma 17:33

Umfanekiso
U-Amon uma phambi kwabaphangi

U-Amon waya kubanqanda abaphangi ukuba bangachithachithi iigusha. Abaphangi babengamoyiki u-Amon. Babecinga ukuba babemogqitha ngokuba namandla. Kodwa babengazi kuba iNkosi yayimncedisa u-Amon.

Alma 17:34–35

Umfanekiso
U-Amon ugibisela ilitye kubaphangi ngesilingi

U-Amon waphosa amatye kubaphangi ngesilingi sakhe. Abanye babo baye bafa. Oku kwabenza banomsindo abanye abaphangi, kwaye babefuna ukumbulala u-Amon. Baye bamangala ngenxa yokuba bengamchani u-Amon ngamatye wabo. Babenga mlindelanga ukuba abenamandla angaka.

Alma 17:36

Umfanekiso
U-Amon urhola ikrele lakhe njengoko abaphangi babephakamisela kuye amagqudu

Abaphangi baye bazama ukumbetha ngamagqudu abo u-Amon. Kodwa qho xa bezama, u-Amon wanqumla iingalo zabo ngekrele ukuze bangakwazi ukulwa. Kungekudala, baye boyika kakhulu ukuqhubekeka besilwa baze babaleka.

Alma 17:37–39

Umfanekiso
Izicaka ezibini zicacisela uKumkani uLamonayi ngoko kwenzekileyo

Izicaka zamxelela uLamonayi ngendlela awazisindisa ngayo izilwanyana u-Amon. U-Lamonayi wayemangalisiwe. Yena wayecinga ukuba u-Amon wayenguMoya onaMandla, onamakhulu amandla nowazi zonke izinto.

Alma 18:1–5, 18

Umfanekiso
UKumkani uLamonayi ukhangeleka enexhala

ULamonayi wayefuna ukuthetha no-Amon, kodwa wayenalo nexhala.

Alma 18:8–11

Umfanekiso
U-Amon uguqa phambi koKumkani uLamonayi

U-Amon waya kubona uLamonayi, kodwa uLamonayi wayengayazi ukuba athini. INkosi yaye yamnceda u-Amon ukuba azazi iingcinga zikaLamonayi. U-Amon watsho ukuba wayengenguye uMoya onaMandla. Waye wamxelela uLamonayi ukuba uMoya onaMandla nguThixo. ULamonayi wayefuna ukwazi banzi ngoThixo.

Alma 18:12–28

Umfanekiso
U-Amon uthetha noKumkani uLamonayi

U-Amon watsho ukuba uThixo wenza ihlabathi nomntu wonke okulo. Waze u-Amon wamxelela uLamonayi ukuba uThixo unecebo losindiso. Njenge nxalenye yelo cebo, uYesu Krestu wayeza kuza. ULamonayi waye wakukholelwa oko wakutshoyo u-Amon. ULamonayi wathandaza wacela uThixo ukuba abe nenceba kuye nabantu bakhe.

Alma 18:24–36, 39–42