Scripture Stories
UTiyanikumi noMoronayi


“UTiyanikumi noMoronayi,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Alma 62

UTiyanikumi noMoronayi

Ukubonisa ukukhalipha okukhulu

Umfanekiso
U-Amaroni nomkhosi wamaLeymenayithi besilwa nomkhosi wamaNifayithi

Emva kokuba efile u-Amalikhaya, umntakwabo ongu-Amoroni waba ngukumkani wamaLeymenayithi. U-Amaroni waqhubekeka esilwa namaNifayithi. Imfazwe yathatha iminyaka. AmaNifayithi aqalisa ukuphumelela, ngoko yonke imikhosi yamaLeymenayithi yabalekela kwisixeko esinye. UMoronayi, uTiyanikumi, nomnye umphathi-mkhosi wamaNifayithi bamatsha emva kwemikhosi yamaLeymenayithi.

Alma 52:3–4; 54:16–24; 62:12–35

Umfanekiso
UTiyanikumi ubambe umkhonto kwaye usondela kwisixeko ngobusuku

UTiyanikumi wayenomsindo ngokuba u-Amalikhaya no-Amaroni babengunobangela bobukhulu nobude bale mfazwe. Ngenxa yemfazwe, abantu abaninzi babefile kwaye kwakukho ukutya okuncinci kakhulu. UTiyanikumi wayefuna ukuphelisa imfazwe. Waya esixekweni ngobusuku ekhangela u-Amaroni.

Alma 62:35–36

Umfanekiso
UTiyanikumi ubambe intambo enegwegwe kwaye utsiba ngaphezu kodonga

UTiyanikumi wakhwela phezu kodonga lwesixeko Waya kwindawo ngendawo kwisixeko wade wayifumana indawo awayelele kuyo u-Amaroni.

Alma 62:36

Umfanekiso
UTiyanikumi ume kumnyango wentente enomkhonto nentambo

UTiyanikumi wagibisela umkhonto ku-Amaroni Wambetha ecaleni kwentliziyo. Kodwa u-Amaroni wavusa izicaka zakhe phambi kokuba afe.

Alma 62:36

Umfanekiso
UTiyanikumi ujongene namajoni amaLeymenayithi anemikhonto

Izicaka zika-Amaroni zamleqa uTiyanikumi zaze zambulala. Ezinye iinkokheli zamaNifayithi zazikhathazeke kakhulu kukufa kukaTiyanikumi. Wayelwe ngobugorha esenzela inkululeko yabantu bakhe.

Alma 62:36–37

Umfanekiso
Amajoni amaNifayithi athimba amajoni amaLeymenayithi

Nangona wayefile, uTiyanikumi wayewancedile amaNifayithi ukuba aphumelele imfazwe. Wayenze ukuba amaLeymenayithi alahlekelwe yinkokheli yawo. Ngentsasa elandelayo, uMoronayi walwa namaLeymenayithi kwaye waphumelela. AmaLeymenayithi alishiya ilizwe lamaNifayithi, yaze yaphela imfazwe.

Alma 62:37–38

Umfanekiso
Umphathi-mikhosi uMoronayi ukhokela amadoda awakha ilali, kwaye iintsapho zibukele

Ekugqibeleni kwabakho uxolo. UMoronayi wasebenza nzima ukwenza ilizwe lamaNifayithi likhuseleke kumaLeymenayithi. Emva koko uMoronayi wagoduka ukuze aphile ngoxolo. AbaProfeti bafundisa ivangeli kwaye bakhokela iBandla likaThixo. Abantu babeyithembile iNkosi, kwaye Yena wabasikelela.

Alma 62:39–51