Scripture Stories
U-Alma Nabantu Bakhe


“U-Alma Nabantu Bakhe,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Mozaya 23–25

U-Alma Nabantu Bakhe

Amandla asuka kuThixo ngamaxesha anzima

Umfanekiso
U-Alma nabanye abantu bajonge amakhaya wabo

U-Alma nabantu bakhe babehlala kwilizwe elihle. Bona baye batyala imbewu kwaye bakha namakhaya. U-Alma wayengumbingeleli kaThixo. Yena wabafundisa abantu bakhe ukuba bathandane. Abantu baye bammamela u-Alma baze bagcina imiyalelo kaThixo. Iintsapho zabo zaye zakhula, kwaye bakha isixeko.

Mozaya 23:4–5, 15–20

Umfanekiso
U-Alma ethetha namaLeyimenayithi

Ngenye imini, kwafika umkhosi wamaLeymenayithi. Wona wawulahlekile. AmaLeymenayithi athembisa ukubashiya bodwa abantu baka-Alma ukuba u-Alma wayeza kubanceda bafumane indlela eya ekhayeni. U-Alma wawabonisa amaLeymenayithi ukuba abuyele njani kwilizwe lawo.

Mozaya 23:25, 30, 36–37

Umfanekiso
<u>U-Amyuloni nabalindi bakhe bajonge u-Alma nabantu bakhe</u>

AmaLeymenayithi awabanga nakusigcina isithembiso sawo. Endaweni yoko, balithabathela kubo ilizwe baze baba nabalindi ababejonge abantu baka-Alma. Baye benza nokokuba umNifayithi ogama lingu-Amyuloni abe ngukumkani wabantu baka-Alma. U-Amyuloni wayeyinkokheli yababingeleli bobuxoki. Yena nababingeleli bakhe babebulele umprofeti kaThixo baze benza ezinye izinto ezininzi ezazingalunganga.

Mozaya 17:12–13; 23:31–32, 37–39; 24: 9

Umfanekiso
U-Amyuloni unomsindo

U-Amyuloni wayenomsindo ku-Alma. Waye wenza ukuba abantu baka-Alma basebenze nzima kakhulu kwaye wayengenalusini kubo. Oku kwakunzima kubantu baka-Alma.

Mozaya 24:8–9

Umfanekiso
U-Alma uyathandaza, kwaye u-Amyuloni unomsindo ngasemva

Baye bathandezela uncedo kuThixo. U-Amyuloni waye wabaxelela ukuba bayeke ukuthandaza. Waye wathi nabani na othandazayo uzakubulawa.

Mozaya 24:10–11

Umfanekiso
U-Alma kunye nomfazi banceda indoda endala ukuze ime

U-Alma nabantu bakhe bayeka ukuthandaza ngamazwi. Endaweni yoko, baye bathandaza ezintliziyweni zabo. UThixo waye wayiva imithandazo yabo. Yena waye wabathuthuzela waze wathembisa ukubanceda baqhweshe. UThixo waye wawenza wavakala ulula umsebenzi wabo owawunzima. Abantu babenomonde kwaye babonwabile njengoko babemamele uThixo. Bona babesazi ukuba Yena wayebanceda.

Mozaya 24:12–15

Umfanekiso
U-Alma ukhokela abantu bakhe kude ngobusuku

Abantu baka-Alma babemthembile uThixo kwaye babenokholo olukhulu kuYe. Ngenye imini, uThixo wabaxelela ukuba kwakulixesha lokumka. Ngobabusuku u-Alma nabantu bakhe bazilungiselela. Baqokelela zonke izilwanyana kunye nokutya kwabo. Kusasa, uThixo wenza ukuba amaLeymenayithi abe nobuthongo obunzulu. Waze u-Alma nabantu bakhe baqhwesha baze bahamba usuku lonke.

Mozaya 24:16–20

Umfanekiso
U-Alma nabantu bakhe bajonge iZarahemla

Ngoba busuku, onke amadoda, abafazi, kunye nabantwana baye bambulela uThixo. Babesazi ukuba yayinguThixo kuphela owaye wabanceda. Baye baqhubekeka behamba iintsuku ezininzi baze bafika kwilizwe laseZarahamla. AmaNifayithi aye abamkela, kwaye u-Alma wafundisa umntu wonke malunga nokuba nokholo kuYesu Krestu. Abantu abaninzi baye bakholelwa kwaye baphaptizwa.

Mozaya 24:20–25; 25:14–24