Scripture Stories
U-Abhinadayi noKumkani uNowa


“U-Abhinadayi noKumkani uNowa,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Mozaya 11–17

U-Abhinadayi noKumkani uNowa

Umyalezo ovela kumprofeti

Umfanekiso
Ukumkani uNowa uyolatha njengoko ababingeleli ababini beme emva kwakhe

Ukumkani uNowa wayelawula amaNifayithi ahlala kwilizwe likaNifayi. UNowa wenza ukuba abantu bakhe bamnike imali eninzi waze wayisebenzisa ekuzithengeleni izinto ezintle. Yena wabiza ababingeleli ababenekratshi esenzela ukuba bamncede alawule. UNowa wayengayigcini imiyalelo kaThixo. Endaweni yoko, yena wayesenza izinto ezininzi ezingalunganga.

Mozaya 11:1–13

Umfanekiso
Ukumkani uNowa

UNowa wabakhokelela ukuba bakhohlakale nabo abantu bakhe. Bona babengalandeli iNkosi.

Mozaya 11:7, 11, 14–15, 19

Umfanekiso
U-Abhinadayi ujonge abantu ngelixa besenza izinto ezingalunganga

Umprofeti kaThixo ogama lingu-Abhinadayi wayehlala kwilizwe elo. INkosi yathumela u-Abhinadayi okokuba ayokuxelela uNowa nabantu bakhe ukuba baguquke.

Mozaya 11:20

Umfanekiso
U-Abhinadayi uthetha nabantu

U-Abhinadayi waxelela abantu ukuba iNkosi yayifuna baguquke. Ukuba babengaguquki, iNkosi yayiza kuyekela iintshaba ukuba zize kwilizwe labo kwaye zibalawule. Iintshaba zabo zaziza kuwenza nzima kakhulu ubomi bukaNowa nakubantu bakhe.

Mozaya 11:20–25

Umfanekiso
Abantu abanomsindo

Abantu babenomsindo ku-Abhinadayi ngenxa yoko wakuthethayo. Bona babefuna ukumbulala, kodwa iNkosi yamgcina ekhuselekile u-Abhinadayi yaze yamnceda ukuba asabe.

Mozaya 11:26

Umfanekiso
Ukumkani uNowa uzicinezela kunye izandla zakhe kwaye uthetha nababingeleli

Naye uNowa wayefuna ukumbulala u-Abhinadayi. UNowa wayenga kholelwa kwiNkosi. Yena nabantu bakhe abazange baguquke.

Mozaya 11:27–29

Umfanekiso
U-Abhinadayi uphethe amacwecwe kwaye uthetha nosapho

Kwiminyaka emibini emva koko, iNkosi yamthumela emva u-Abhinadayi ukuba alumkise abantu. U-Abhinadayi waxelela abantu okokuba iintshaba zabo zaziza kulithatha ilizwe ngenxa yokuba bengaguquki. Abantu babenomsindo ku-Abhinadayi. Bathi babengenzanga nto ingalunganga kwaye babengazukuguquka. Bambophelela u-Abhinadayi baze bamsa kuNowa.

Mozaya 12:1–16

Umfanekiso
U-Abhinadayi uguqe phantsi emzele ngomva uKumkani uNowa

UNowa nababingeleli bakhe beza necebo. Ababingeleli abo baye bazama ukukhohlisa u-Abhinadayi ngokuba bambuze imibuzo emininzi. Kodwa u-Abhinadayi wabaphendula ngobugorha. Ababingeleli baye bamangaliswa ziimpendulo zika-Abhinadayi. Bona babengakwazi ukumkhohlisa. U-Abhinadayi wabaxelela abo babingeleli okokuba babekhathalele imali ngaphezu kokwenza oko kulungileyo.

Mozaya 12:17–37

Umfanekiso
U-Abhinadayi uyema kwaye uyakhazimla

UNowa wabaxelela ababingeleli bakhe ukuba bambulale u-Abhinadayi. Kodwa u-Abhinadayi wabalumkisa ukuba bangamchukumisi. Ubuso bakhe baye bakhazimla ngamandla kaThixo. U-Abhinadayi wathi abo babingeleli babengafundisi imithetho kaThixo. U-Abhinadayi wabafundisa okokuba uYesu Krestu wayeza kuzalwa, asifele, aze avuke ekufeni. Wathi uYesu wayeza kubaxolela ukuba babeye baguquka.

Mozaya 13; 16:6–15

Umfanekiso
U-Abhinadayi ejonge kuKumkani uNowa

U-Abhinadayi wayegqiba ukunikezela ngomyalezo awayethunywe yiNkosi ukuba anikele ngawo. UNowa wayesenomsindo. Yena waxelela ababingeleli bakhe ukuba bamthathe u-Abhinadayi baze bambulale.

Mozaya 17:1

Umfanekiso
Ukumkani uNowa ujonge ku-Abhinadayi njengoko u-Alma ecinga babe abanye ababingeleli benomsindo

Omnye umbingeleli, u-Alma, waye wamkholelwa u-Abhinadayi. U-Alma waye wazama ukumsindisa u-Abhinadayi. Kodwa ngoku uNowa wayenomsindo ngakuye naye u-Alma waze wamnyanzelisa ukuba ahambe.

Mozaya 17:2–3

Umfanekiso
U-Alma ezimela ababingeleli abakhohlakeleyo.

Ababingeleli baye bamxelela u-Abhinadayi ukuba wayenokuphila ukuba wayenokuthi zazingeyonyani izinto awayefundise ngazo. Kodwa u-Abhinadayi wathi wayefundise inyaniso yena. UNowa nababingeleli bakhe bacaphuka kwakhona. Baye bambulala ngomlilo u-Abhinadayi. Abakhuseli bakaNowa baye bazama ukumbulala naye u-Alma. Kodwa u-Alma waye wazimela waze wawabhala phantsi wonke amazwi ka-Abhinadayi.

Mozaya 17:3–13, 20