Scripture Stories
USaraya


“USaraya,” Amabali eNcwadi kaMormoni

“USaraya,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

1 Nifayi 2–3; 5

USaraya

Uhambo lomfazi lokholo

Umfanekiso
USaraya noLihayi

USaraya wayehlala eYerusalem nosapho lwakhe. Umyeni wakhe, uLihayi, wayengumprofeti kaThixo. Ngenye imini, iNkosi yaxelela uLihayi ayishiye iYerusalem kunye nosapho lwakhe.

1 Nifayi 2:1–3

Umfanekiso
USaraya ethandaza

USaraya wayenokholo eNkosini. Yena nosapho lwakhe balishiya ikhaya labo. Bashiya igolide nesilivere yabo ukuze bahambe noLihayi entlango.

1 Nifayi 2:4–5

Umfanekiso
USaraya entlango

USaraya noLihayi bathabatha ukutya nezinye izinto ababezidinga. Emva kokuba behambe iintsuku ezininzi, baxhoma iintente ukuza bahlale entlango. Emveni koko bakha isibingelelo samatye, babulela iNkosi ngoncedo lwaYo.

1 Nifayi 2:4, 6–7, 15

Umfanekiso
USaraya wabanexhala noLihayi kumgama.

Ngenye imini iNkosi yacela oonyana bakaSaraya noLihayi ukuba babuyele eYerusalem ukuya kuthatha amacwecwe obhedu. USaraya woyika xa oonyana bakhe bengazange babuye. Wayecinga ukuba bafile. ULihayi wamthuthuzela uSaraya. Bakhetha ukuthemba ukuba iNkosi iya kubakhusela oonyana babo.

1 Nifayi 3:1–2, 4–6; 5:1–6

Umfanekiso
USaraya noLihayi besamkela oonyana babo

Wavuya uSaraya ekubuyeni koonyana bakhe, bevela eYerusalem. Ngoku wayesazi ukuba iNkosi yayibakhusele. Wayethemba ukuba iNkosi iyakubanika amandla okwenza oko Yona ibacelayo. Usapho lonke lukaSaraya lwalonwabile, kwaye bayibulela iNkosi.

1 Nifayi 5:7–9