Scripture Stories
U-Enoshe


“U-Enoshe,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

“U-Enoshe,” Amabali eNcwadi kaMormoni

Enoshe 1

U-Enoshe

Umthandazo onamandlakazi eNkosini

Umfanekiso
U-Enoshe ezingela

UYakobi wanika unyana wakhe u-Enoshe amacwecwe. U-Enoshe wabhala kuwo njengoYakobi wenjenjalo. Ngenye imini, u-Enoshe waya kuzingela ehlathini. Wakukhumbula oko uyise wakufundisayo malunga neNkosi. UYakobi wayefundise u-Enoshe ukuba ukulandela iNkosi kuya kumzisela uvuyo.

Yakobi 7:27; Enoshe 1:2–3

Umfanekiso
U-Enoshe ethandaza emini

U-Enoshe wayefuna ukuva uvuyo awathetha ngalo uyise. Wagqibela kwelokuba athandaze eNkosini. Wathandaza imini yonke kwada kwasebusuku.

Enoshe 1:3–4

Umfanekiso
U-Enoshe ejonge phezulu

INkosi yaxelela u-Enoshe ukuba izono zakhe zixolelwe. U-Enoshe waziva onwabe kakhulu. U-Enoshe wasikelelwa ngenxa yokholo lwakhe kuYesu Krestu.

Enoshe 1:3, 5–8

Umfanekiso
U-Enoshe ethandaza ebusuku

U-Enoshe wayefuna ukuba amaNifayithi aluve olu lonwabo nawo. Waqhubeka ethandaza Wacela iNkosi ukuba amaNifayithi aluve uvuyo olufanayo.

Enoshe 1:9

Umfanekiso
U-Enoshe ekhangeleka onwabile

INkosi yaxelela u-Enoshe ukuba Yona iya kuba kunye namaNifayithi ukuba babeyigcina imithetho yaKhe. Wathi u-Enoshe akukuva oku, ukholo lwakhe eNkosini lomelela ngakumbi.

Enoshe 1:10–11

Umfanekiso
U-Enoshe ebhala kumacwecwe egolide

U-Enoshe wathandaza kwakhona. Wacela iNkosi ukuba isikelele amaLeymenayithi kwaye igcine umbhalo osemacwecweni ukhuselekile. Wayefuna ukuba amaLeymenayithi akwazi ukufunda amacwecwe kwaye akholelwe eNkosini. INkosi yathembisa u-Enoshe ukuba amaLeymenayithi ayakufunda imibhalo ngenye imini.

Enoshe 1:11–17