Scripture Stories
ISaqhwithi eLwandle


“ISaqhwithi eLwandle,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

“ISaqhwithi eLwandle,” Amabali eNcwadi kaMormoni

1 Nifayi 18

ISaqhwithi eLwandle

Ukufumana uxolo eNkosini

Umfanekiso
iintsapho zizisa ukutya enqanaweni

INkosi yaxelela uLihayi ukuba yayilixesha lokukhwela enqanaweni. Iintsapho zapakisha intabalala yokutya ukuze zitye ngelixa zisendleleni. Ke ngoko bonke bakhwela enqanaweni baza basinga kwilizwe lesithembiso.

1 Nifayi 18:5–8

Umfanekiso
abantu besela ngelixa besenqanaweni

Emva kweentsuku ezininzi beselwandle, abanye abantu baqalisa ukungabi natlonelo nobukrwada. Balibala ukuba iNkosi ibibancedile.

1 Nifayi 18:9

Umfanekiso
ULemuweli, uNifayi noLeymeni enqanaweni kunye nesaqhwithi sisiza

UNifayi wayenexhala lokuba banokuyicaphukisa iNkosi. Ngaphandle koncedo lweNkosi, inqanawa yabo ibingayi kukhuseleka. UNifayi wabacela abantakwabo ukuba bayeke.

1 Nifayi 18:10

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli bebophelela uNifayi

ULeymeni noLemuweli babanomsindo kuNifayi. Bambophelela kwaye bamphatha kakubi. Abazange bayithobele iNkosi, kwaye iLiyahona yayeka ukusebenza. Kungekudala kwafika isaqhwithi esikhulu. Emva kweentsuku ezintathu kukho isaqhwithi, bonke boyika ukuba baza kurhaxwa.

1 Nifayi 18:10–13

Umfanekiso
Umfazi ecenga uLeymeni noLemuweli

Usapho lukaNifayi lwacenga uLeymeni noLemuweli ukuba bakhulule uNifayi. Kodwa uLeymeni noLemuweli baqhubeka bengavumeli nabani na ukuba akhulule uNifayi. USaraya noLihayi babebuhlungu kwaye bagula kakhulu. Isaqhwithi asizange sipheze.

1 Nifayi 18:17–19

Umfanekiso
UNifayi kunye neLiyahona

Ngosuku lwesine, uLeymeni noLemuweli babesazi ukuba inqanawa iza kuzika. Baguquka baza bamkhulula uNifayi. Xa uNifayi wathandaza, isaqhwithi sapheza. ILiyahona yasebenza kwakhona. UNifayi wayisebenzisa ekuqhubeleni inqanawe kwicala elifanelekileyo.

1 Nifayi 18:14–15, 20–22

Umfanekiso
iintsapho zishiya inqanawa kwaye uLihayi ethandaza

Emva kweentsuku ezininzi, iintsapho zafika kwilizwe lesithembiso.

1 Nifayi 18:23