Scripture Stories
U-Alma no-Amyuleki eNtolongweni


“U-Alma, no-Amyuleki eNtolongweni,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Alma 14

U-Alma no-Amyuleki eNtolongweni

Ukholo kwiNkosi ngamaxesha anzima

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki nabalindi

U-Alma no-Amyuleki baye bafundisa ivangeli kwisixeko sase-Amoniha. Abanye abantu baye bakholelwa kwiNkosi baze baguquka. Kodwa abanye abantu abaninzi babenomsindo ku-Alma no-Amyuleki kwaye babefuna ukubatshabalalisa. Abo bantu babenomsindo baye babophelela u-Alma no-Amyuleki baze babasa kumgwebi oyintloko wesixeko.

Alma 8:29–30; 14:1–4

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki bebotshelelwe izandla

Umgwebi oyintloko wayengakholelwa ukuba abantu bakhe babedinga ukuguquka. Abantu babenomsindo ku-Alma no-Amyuleki. Baye bawenza onke amadoda ayekholelwa koko kwakufundiswa ngu-Alma no-Amyuleki ukuba asishiye isixeko. Baze babaphosa emlilweni abafazi nabantwana ababekholelwa kwiNkosi.

Alma 14:3, 5–9, 14, 16

Umfanekiso
U-Amyuleki no-Alma bekhangeleka belusizi kakhulu

U-Amyuleki wayekhathazeke kakhulu xa ebona abantu besentlungwini. Yena wacela u-Alma ukuba asebenzise amandla kaThixo ukuze abasindise. Kodwa u-Alma waye wathi uMoya kaThixo awumvumeli. Yena waye waxelela u-Amyuleki ukuba abo bafazi kunye nabo bantwana babeza kuba neNkosi. INkosi yayiza kubagweba abo babebabulele.

Alma 14:9–11

Umfanekiso
Umgwebi oyintloko uyahleka

Umgwebi oyintloko waye wahlekisa ngo-Alma no-Amyuleki ngenxa yokuba iNkosi ingazange ibakhusele abafazi kunye nabantwana. Yena waye wathumela u-Alma no-Amyuleki entolongweni.

Alma 14:14–17

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki entolongweni

Emva kweentsuku ezintathu, umgwebi oyintloko waya entolongweni nababingeleli bakhe bobuxoki. Babebuza imibuzo emininzi Kodwa u-Alma no-Amyuleki babengabaphenduli.

Alma 14:18–19

Umfanekiso
umgwebi oyintloko ehleka u-Alma no-Amyuleki entolongweni

Umgwebi oyintloko nababingeleli bakhe benza izinto ezikhohlakeleyo ku-Alma no-Amyuleki. Kananjalo abazange babanike ukutya namanzi u-Alma no-Amyuleki. Baze bahlekisa ngoko u-Alma no-Amyuleki babekufundisile.

Alma 14:19–22

Umfanekiso
U-Amyuleki no-Alma bebotshelelwe abe umgwebi oyintloko ekufuphi

U-Alma no-Amyuleki babandezeleka iintsuku ezininzi. Umgwebi oyintloko waphinda weza nababingeleli bakhe kwakhona. Waye waxelela u-Alma no-Amyuleki okokuba ukuba babenamandla kaThixo, kwakumele baqhawule iintambo ababebotshelelwe ngazo. Emva koko yena wayeya kubakholelwa.

Alma 14:23–24

Umfanekiso
U-Amyuleki no-Alma bema nkqo

U-Alma no-Amyuleki baye beva amandla kaThixo. Baye bema nkqo. U-Alma wayenokholo kwiNkosi kwaye wacela amandla wokuziqhawula iintambo.

Alma 14:25–26

Umfanekiso
Iintambo ziyaqhawuka

U-Alma no-Amyuleki baye baziqhawula iintambo. Umgwebi oyintloko nababingeleli bakhe babesoyika. Baye bazama ukubaleka, kodwa umhlaba waqalisa ukushukuma.

Alma 14:26–27

Umfanekiso
U-Amyuleki no-Alma ngaphezu kwentolongo etshatyalalisiweyo.

Iindonga zentolongo zaye zawela umgwebi oyintloko nababingeleli bakhe, baze bafa. Kodwa iNkosi yamgcina ekhuselekile u-Alma no-Amyuleki. Bathi bakuyiva ingxolo abantu, babaleka bayokujonga ukuba kwenzeka ntoni. Yaba ngu-Alma no-Amyuleki kuphela abaye baphuma kwiindonga zentolongo. Abantu babemoyika kakhulu u-Alma no-Amyuleki kangangokuba baye babaleka.

Alma 14:27–29