Scripture Stories
U-Alma oMncinane


“U-Alma oMncinane,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

“U-Alma oMncinane,” Amabali eNcwadi kaMormoni

Mozaya 25–28; Alma 36

U-Alma oMncinane

Inguqu enzulu

Umfanekiso
UMozaya no-Alma oMdala

UKumkani uMozaya wanika u-Alma amandla okukhokela iBandla eZarahemla. U-Alma wafundisa abantu ukuba baguquke kwaye babe nokholo kuyo iNkosi.

Mozaya 25:19–24; 26

Umfanekiso
U-Alma oMncinane

U-Alma wayenonyana owayekwabizwa ngokuba ngu-Alma. U-Alma Omncinane akazange ayikholelwe into eyayifundiswa nguyise.

Mozaya 27:8

Umfanekiso
U-Alma oMncinane noonyana bakaMozaya bethetha nabantu

UMozaya wayenoonyana nabo kananjalo ababengakholelwa eNkosini. Babengabahlobo no-Alma oMncinane. Bonke babefuna ukuba abantu balishiye iBandla. U-Alma noonyana bakaMozaya bakhokelela abantu abaninzi ekwenzeni izinto ezichasene nemiyalelo kaThixo.

Mozaya 27:9–10; Alma 36:6

Umfanekiso
U-Alma Omncinane noonyana bakaMozaya besoyika ingelosi

Ngenye imini, iNkosi yathumela ingelosi ukuba ibanqande. Ingelosi yabaxelela ukuba bayeke ukuzama ukutshabalalisa iBandla. U-Alma noonyana bakaMozaya boyika kakhulu baze bawa emhlabeni.

Mozaya 27:11–18; Alma 36:6–9

Umfanekiso
U-Alma oMncinane esentlungwini

U-Alma wayengakwazi ukuthetha okanye ukushukuma iintsuku ezintathu nobusuku obuthathu. Wayeziva ebuhlungu ngokwenene ngenxa yazo zonke izinto eziphosakeleyo awayezenzile. Yena kananjalo wayexhalabile ngenxa yokuba wayekhokelele abantu abaninzi ekuphambukeni kwiNkosi.

Mozaya 27:19; Alma 36:10–16

Umfanekiso
U-Alma oMncinane eguqe ngamadolo

U-Alma weva intlungu enkulu ngenxa yezono zakhe. Kwaye ke wakhumbula uyise ethetha ngoYesu Krestu, uNyana kaThixo.

Alma 36:17

Umfanekiso
U-Alma oMncinane wonwabile

U-Alma wathandazela ukuba uYesu amxolele. Emva kokuba ethandazile, akazange ayikhumbule intlungu yakhe. Yena wayesazi ukuba iNkosi imxolele. Akazange waphinda abe buhlungu ngezono zakhe. Endaweni yoko, u-Alma waziva onwabe kakhulu.

Mozaya 27:24, 28–29; Alma 36:18–22

Umfanekiso
U-Alma oMncinane noonyana bakaMozaya benceda omnye umntu

U-Alma wafumana amandla akhe kwakhona. Yena noonyana bakaMozaya bagqiba ekubeni baguquke kwaye bazame ukulungisa zonke iintlungu ababezibangile. Bakhonza iNkosi ukususela ngelo xesha ukuya phambili ngokunceda abanye ukuba baguquke. Bahamba kulo lonke ilizwe elalilawulwa nguMozaya kwaye bafundisa abantu ngoYesu.

Mozaya 27: 20–24, 32–37; Alma 36:23–26

Umfanekiso
oonyana bakaMozaya behamba

U-Alma noonyana bakaMozaya babefuna ukwabelana ngolonwabo olwaziswa ziimfundiso zikaYesu ebomini babo. Basebenza nzima kakhulu ekukhonzeni iNkosi nakubantu. Oonyana bakaMozaya bakhetha ukuhamba bayokufundisa amaLeymenayithi ngoYesu. U-Alma wakhetha ukuhlala kwaye aqhubeke efundisa amaNifayithi.

Mozaya 27:32–37; 28:1–10; 29:42–43