Scripture Stories
UNifayi naMacwecwe Obhedu


“UNifayi naMacwecwe Obhedu,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

1 Nifayi 4–5

UNifayi naMacwecwe Obhedu

Ukufunda ukulandela uMoya

Umfanekiso
UNifayi esondela kwisakhiwo nabantakwe bebukele

ULeymeni, uLemuweli, uSem, noNifayi babuyela eYerusalem ebusuku. UNifayi waya endlwini kaLabhan ngelixa abantakwabo babezimele ngaphandle kwesixeko.

1 Nifayi 4:4–5

Umfanekiso
UNifayi ejonge uLabhan emhlabeni

UNifayi wavumela uMoya ukuba umkhokele. Wayengazi ukuba kumele enzo ntoni, kodwa wayeyazi ukuba iNkosi yayiza kumnceda afumane amacwecwe obhedu.

1 Nifayi 4:6

Umfanekiso
UNifayi ephethe ikrele likaLabhan

Xa uNifayi wayekufuphi nendlu kaLabhan, wafumana uLabhan emhlabeni. ULabhan wayenxilile. UNifayi wabona ikrele likaLabhan waze walichola.

1 Nifayi 4:7–9

Umfanekiso
UNifayi ejika esimka kuLabhan

Njengokuba uNifayi wayejonge ekreleni, uMoya wamxelela ukuba abulale uLabhan. Kodwa uNifayi akazange afune ukumbulala. UMoya waxelela uNifayi ukuba kwakungcono ukuba uLabhan afe kunokuba usapho lukaNifayi lungabi nazo izibhalo. Babedinga imiyalelo kaThixo eyayibhalwe kumacwecwe obhadu.

1 Nifayi 4:10–11, 13–17

Umfanekiso
UNifayi ethandaza

UNifayi wayesazi ukuba uLabhan wazama ukumbulala. ULabhan kananjalo wayebile izinto zabo kwaye akayithobela imiyalelo kaThixo.

1 Nifayi 4:11

Umfanekiso
UNifayi enxibe iimpahla zikaLabhan

UMoya waxelela uNifayi kwakhona ukuba ambulale uLabhan. UNifayi wayesazi ukuba iNkosi yayimlungiselele indlela yokufumana amacwecwe obhedu. Wakhetha ukuthobela uMoya. UNifayi wambulala uLabhan waza wanxiba iimpahla zikaLabhan.

1 Nifayi 4:12–13, 17–19

Umfanekiso
UNifayi ethetha noZorami

UNifayi emveni koko waya kwindawo yokugcina ubutyebi bukaLabhan waza wadibana nesicaka sikaLabhan uZorami. UNifayi wenza kwaye wathetha njengoLabhan.

1 Nifayi 4:20–23, 35

Umfanekiso
UZorami ephethe amacwecwe obhedu

UNifayi waxelela uZorami ukuba ufuna amacwecwe obhedu. Waza uNifayi waxelela uZorami ukuba eze kunye naye. UZorami wayecinga ukuba uNifayi wayenguLabhan, ngoko ke wenza le nto uNifayi wayeyifuna.

1 Nifayi 4:24–26

Umfanekiso
Abantakwe bebaleka uNifayi

Xa uNifayi noZorami bephuma esixekweni, uLeymeni, uLemuweli, noSem bacinga ukuba uNifayi wayenguLabhan. Boyika baza baqalisa ukubaleka.

1 Nifayi 4:28

Umfanekiso
abantakwe bethetha kwaye uZorami ejonge ngasemva

UNifayi wabiza abantakwabo. Xa babesazi ukuba yayinguNifayi, bayeka ukubaleka. Kodwa ke uZorami woyika kwaye wazama ukubuyela phakathi eYerusalem.

1 Nifayi 4:29–30

Umfanekiso
UNifayi ethetha noZorami

UNifayi wammisa uZorami. Waxelela uZorami ukuba iNkosi ibayalela ukuba bafumane amacwecwe. Wamema uZorami ukuba ahambe nabo baye kwilizwe lesithembiso. UZorami wayesazi ukuba angaba yindoda ekhululekileyo, angabi sisicaka, kwaye wathembisa ukuhamba noNifayi nosapho lwakhe.

1 Nifayi 4:31–37

Umfanekiso
UNifayi nabantakwabo noZoram bebulisa uSaraya noLihayi

Bahamba babuyela kuLihayi noSaraya. ULihayi noSaraya bavuya kakhulu ukubona oonyana babo. USaraya wayecinga ukuba oonyana bakhe bafile. Ngenxa yakuba iNkosi yayibagcine bekhuselekile oonyana bakhe, ngoku wayenethemba lokuba intsapho yabo yayiyalelwe ukuba imke eYerusalem. Usapho lukaLihayi noSaraya lanikela amadini ukubulela iNkosi.

1 Nifayi 4:38; 5:1–9

Umfanekiso
ULihayi efunda amacwecwe obhedu nosapho lwakhe.

ULihayi wawafunda amacwecwe obhedu. Wabona ukuba amacwecwe aneemfundiso zabaprofeti. Kananjalo wafunda ukuba omnye wookhokho bakhe nguYosefu, owathengiswa ngabantakwabo eYiputa kudala. ULihayi wayesazi ukuba amacwecwe obhedu ayebalulekile kakhulu. Wayesazi ukuba iNkosi yayifuna usapho lwakhe lube nemithetho.

1 Nifayi 5:10–22