Scripture Stories
U-Eyibishi


“U-Eyibishi,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Alma 17–19

U-Eyibishi

Enceda abantu bakhe ukuba bakholelwe kuYesu

Umfanekiso
U-Eyibishi uhamba kwilali

U-Eyibishi wayesebenzela ukumkanikazi owayeliLeymenayithi. U-Eyibishi wayefunde ngoYesu Krestu kumbono katata wakhe. Iminyaka emininzi, wayekholelwa kuYesu kwaye efuna ukulandela Yena. Kodwa wayengekawazisi amanye amaLeymenayithi.

Alma 19:16–17

Umfanekiso
U-Eyibishi ejonge ukumkanikazi, ukumkani, no-Amon

Ngenye imini, umNifayithi ogama lingu-Amon weza ebukumkanini ukuze afundise amaLeymenayithi ngoYesu noThixo. Ukumkanikazi nokumkani baye bakukholelwa oko u-Amon wayekufundisa. Ukumkanikazi nokumkani babesazi ukuba uYesu wayeza kuza emhlabeni kwaye enze okokuba wonke okholelwa kuYe axolelwe.

Alma 17:12–13; 18:33–36, 39–40; 19:9, 13

Umfanekiso
U-Eyibishi ubona abantu bonke besiwa phantsi

Ukumkanikazi nokumkani bawuva uMoya oyiNgcwele kwaye babonwabile kangangokuba bade bawa phantsi. U-Amon kunye nezicaka nabo baye bawa. U-Eyibishi yayinguye kuphela umntu owayemile.

Alma 19:6, 13–16

Umfanekiso
U-Eyibishi uthetha nabantu abaninzi

U-Eyibishi wayefuna ukuxelela abantu ngalo mmangaliso. Wayenethemba lokuba abantu bangakholelwa kuwo amandla kaThixo xa bekubona oko kwakwenzekile. Ngoko u-Eyibishi wabaleka ukusuka kwindlu ukuyokutsho kwenye. Waye wabaxelela abantu ukuba bahambe baye kubona into uThixo awayenzele ukumkanikazi nokumkani.

Alma 19:17

Umfanekiso
abantu abaninzi babona abantu abaphantsi

Abantu abaninzi beza kwindlu kakumkani nokumkanikazi. Babekhwankqisiwe ngoba kwakukhangeleka ngathi ukumkanikazi, ukumkani, nezicaka zonke zabo babefile.

Alma 19:18

Umfanekiso
Abantu bayaxambulisana

Abantu babedidekile. Babexambulisana ngento eyayehlele ukumkanikazi nokumkani.

Alma 19:19–21

Umfanekiso
U-Eyibishi uguqile kwaye ubambe isandla sikakumkanikazi

Ukubuya kwakhe u-Eyibishi, wabona abantu bexambulisana. Wayekhathazekile ngenxa yokuba bengawaboni amandla kaThixo. Waye wambamba ngesandla ukumkanikazi, waza ukumkanikazi wema wadumisa uYesu.

Alma 19:28–29

Umfanekiso
ukumkani nokumkanikazi bame no-Eyibishi no-Amon

Ukumkanikazi waye wabamba umyeni wakhe ngesandla, waza waphakama. Ukumkani wabaxelela abantu ngoYesu. Emva koko, u-Amon nezinye izicaka baye baphakama. Baye baxelela abantu ukuba uYesu wayebatshintshile. Ngoku babefuna ukwenza izinto ezilungileyo kuphela. Abantu abaninzi baye babakholelwa.

Alma 19:29–36

Umfanekiso
U-Eyibishi, ukumkanikazi, nokumkani babukele ubhaptizo

Ngokwendlela ngqo u-Eyibishi awayenethemba ngayo, abantu bawabona amandla kaThixo. Abantu abaninzi baye bakholelwa baze baphaptizwa. UMoya kaThixo wawunabo. Baye bamisela nkqu neBandla kwilizwe labo. Babona ukuba uYesu wayenceda nabani na oguqukayo kwaye ekholelwa kuYe.

Alma 19:17, 31, 35–36