Scripture Stories
UMthi woBomi


“UMthi woBomi,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

“UMthi woBomi,” Amabali eNcwadi kaMormoni

1 Nifayi 8

UMthi woBomi

Iphupha likaLihayi eliphembelelweyo

Umfanekiso
ULihayi ethetha nosapho

Ngobunye ubusuku, uLihayi waba nephupha elivela eNkosini. Waxelela usapho lwakhe ngeli phupha.

1 Nifayi 8:2–4

Umfanekiso
ingelosi ithetha noLihayi

Ephupheni lakhe, uLihayi wabona indoda enxibe isambatho esimhlophe. Indoda yaxelela uLihayi ukuba amlandele.

1 Nifayi 8:5–6

Umfanekiso
ULihayi ebumnyameni

ULihayi wabona ukuba ukwindawo emnyama nengenanto. Wahamba iiyure ezininzi. Kodwa ubumnyama abuzange buhambe. Ekugqibeleni, uLihayi wathandazela uncedo.

1 Nifayi 8:7–8

Umfanekiso
ULihayi ejonge umthi onesiqhamo

Xa wayegqibelile uLihayi ukuthandaza, wabona ithafa elikhulu. Kweloo thafa kwakukho umthi oneziqhamo ezimhlophe. ULihayi wacinga ukuba isiqhamo siyakumvuyisa, ngoko wasitya. Wazala luvuyo umphefumlo wakhe.

1 Nifayi 8:9–12

Umfanekiso
ULihayi esitya isiqhamo njengoko uSaraya, uSem, noNifayi bemi kufutshane komlambo.

Isisqhamo sasinambitheka ngakumbi naso nasiphi na esinye isiqhamo. Sasiswiti kwaye simnandi. ULihayi wayefuna ukwabelana ngaso nosapho lwakhe. Yena wayesazi ukuba siya kubavuyisa nabo. ULihayi wabona uSaraya, uSem, noNifayi bemi ngasemlanjeni. Babekhangeleka belahlekile. ULihayi wababiza ngelizwi elikhulu. Wabacela ukuba beze batye isiqhamo eso.

1 Nifayi 8:11–15

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli bemka.

USaraya, uSem, noNifayi beza emthini baza basidla isiqhamo. ULihayi wakhangela uLeymeni noLemuweli. Wayenqwenela ukuba nabo banandiphe isiqhamo. Kodwa bona abazange beze ukutya isiqhamo.

1 Nifayi 8:16–18

Umfanekiso
abantu besiza emthini

Emva koko uLihayi wabona indlela enentonga yesinyithi ekhokelela emthini. Wabona abantu abaninzi behamba endleleni. Ngequbuliso, kwabakho ubumnyama obungqingqwa. Ubumnyama benza kwanzima ukubona. Indlela ekuphela kwayo ukufika emthini yayikubambelela kwintonga yesinyithi.

1 Nifayi 8:19–24

Umfanekiso
isandla sibambelele kwintonga yesinyithi

Abanye abantu bayishiya indlela kwaye balahleka. Abanye babambelela kwintonga yesinyithi kwaye bafunzela phambili.

1 Nifayi 8:23–24

Umfanekiso
umfazi esitya isiqhamo

Bathi bakufika emthini, bathabatha batya isiqhamo.

1 Nifayi 8:24

Umfanekiso
umthi, umlambo, nesakhiwo esikhulu

ULihayi waphakamisa amehlo wabona isakhiwo esikhulu sizele ngabantu abaninzi. Bahlekisa ngabantu ababesidla isiqhamo. Abanye abathabatha batya isiqhamo baba buhlungu xa abanye bebahleka, ngoko bawushiya umthi. Babhadula bemka, kwaye balahleka.

1 Nifayi 8:25–28, 31–32

Umfanekiso
abantu emthini

Ephupheni lakhe, uLihayi wabona abantu abaninzi ababebambelele nkqi kwintonga yesinyithi. Baqhubela phambili inyathelo ngenyathelo de bafika emthini. Emva koko baguqa emthini baza bathabatha batya isiqhamo. Abazange babaphulaphule abantu abakwi sakhiwo. Bakhetha ukuhlala emthini.

1 Nifayi 8:30, 33

Umfanekiso
ULihayi ethetha nosapho

Wathi akuvuka uLihayi, wayenexhala ngoLeymeni noLemuweli. Abazange basitye isiqhamo ephupheni lakhe. ULihayi, wayebathanda uLeymeni,noLemuweli Wayenethemba lokuba bayakuhlala kufutshane neNkosi. Wabamema ukuba bagcine imithetho kaThixo.

1 Nifayi 8:36–38