Scripture Stories
IBhanile yeNkululeko


“IBhanile yeNkululeko,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Alma 46–50

IBhanile yeNkululeko

Ukukhusela ilungelo lokukholelwa kuThixo

Umfanekiso
U-Amalikhaya wolula iingalo phambi kwabantu ngelixa abantu bevuya

U-Amalikhaya waye liNifayithi elikhulu, nelomeleleyo. Yena wayefuna ukuba ngukumkani. Wathembisa ukubanika amandla abo babeye bamnceda. Abantu abaninzi babemthanda kwaye baye bazama ukwenza ukuba abanye bamlandele. U-Amalikhaya waye wakhokela abantu ukuba benze izinto ezingalunganga. Yena nabalandeli bakhe babefuna ukubulala abantu ababefundisa ngoYesu Krestu.

Alma 45:23–24; 46:1–10

Umfanekiso
Umphathi-mikhosi uMoronayi uhambela kude ku-Amalikhaya nabantu bakhe

Umphathi-mikhosi uMoronayi, inkokheli yemikhosi yamaNifayithi, wayekholelwa kuYesu. Wayesazi ukuba amaNifayithi ayesikelelekile ngenxa yokuba ayegcina imiyalelo kaThixo. Yena wayenomsindo kakhulu kuba u-Amalikhaya wayekhokelela abantu kude kuThixo, ezama ukuba ngukumnkani, kwaye ezama ukonzakalisa abantu.

Alma 46:9–11, 13–15, 18

Umfanekiso
UMphathi-mikhosi uMoronayi uphakamise ibhanile yeNkululeko

UMoronayi wakrazula isambatho sakhe. Waye wabhala kuso ukuba abantu kufuneka bakhumbule uThixo wabo, inkululeko yabo, neentsapho zabo. Wayixhoma kwisibonda waze wayibiza ngokuba yibhanile yenkululeko. UMoronayi wathandazela intsikelelo kaThixo Waye wabonisa amaNifayithi ibhanile yenkululeko waze wawacela ukuba amanyane naye ekulweni u-Amalikhaya.

Alma 46:12–20, 23–24, 28

Umfanekiso
Umphathi-mikhosi uMoronayi ume phambi komkhosi wakhe neentsapho

Abantu banxiba izikrweqe zabo baze babalekela ku-Moronayi. Bona babekulungele ukulwela uThixo namakhaya wabo, iintsapho zabo, nenkululeko. Baye benza umnqophiso, okanye isithembiso esikhethekileyo, noThixo sokokuba baya kusoloko bemlandela Yena. Baze bazilungiselela ukuba balwe no-Amalikhaya.

Alma 46: 21-22, 28

Umfanekiso
U-Amalikhaya namanye amajoni wakhe bayabaleka

Umkhosi kaMoronayi wawumkhulu. U-Amalikhaya wayesoyika. Waye wazama ukubaleka nabalandeli bakhe. Kodwa abanye babenexhala lokuba u-Amalikhaya wayesilwela izizathu ezingalunganga. Abaninzi babengasayi kumlandela kwakhona. Umkhosi kaMoronayi wanqanda abo babesalandela u-Amalikhaya, kodwa u-Amalikhaya negcuntswana labanye baye babaleka.

Alma 46:29–33

Umfanekiso
U-Amalikhaya ethetha namaLeyimenayithi

U-Amalikhaya waya kwilizwe lamaLeymenayithi. Yena wayefuna ukuba amaLeymenayithi amncedise ekulweni amaNifayithi. Emva koko wayezakuba nomkhosi omkhulu, nowomeleleyo. Waye wenza ukuba uninzi lwamaLeymenayithi abe nomsindo kumaNifayithi. Ukumkani wamaLeymenayithi waxelela onke amaLeymenayithi ukuba alungiselele ukulwa namaNifayithi.

Alma 47:1

Umfanekiso
U-AMalikhaya uguqa phambi kokumkani wamaLeymenayithi ukuze afumane isithsaba

Ukumkani wamthanda u-Amalikhaya. Waye wenza u-Amalikhaya enye yeenkokheli zakhe kumkhosi wamaLeymenayithi. Kodwa u-Amalikhaya wayefuna amandla angaphezulu kunalawo.

Alma 47:1–3

Umfanekiso
U-Amalikhaya unxibe isithsaba

U-Amalikhaya waye wenza icebo lokuba alawule amaLeymenayithi. Wawuthatha wonke umkhosi wamaLeymenayithi. Waze wenza izicaka zakhe zibulale ukumkani kwaye zixoke ngokuba ngubani owenze lonto.

Alma 47:4–26

Umfanekiso
U-Amalikhaya ubumba inqindi phambi kwamajoni amaLeymenayithi ngelixa wona evuya

U-Amalikhaya waye wenza ngathi unomsindo kukuba ukumkani ebulewe. AmaLeymenayithi ayemthanda u-Amalikhaya. Waye watshata ukumkanikazi waze waba ngukumkani omtsha. Wayefuna ukuwalawula nawo amaNifayithi. Waye wathetha kakubi ngamaNifayithi ukuze amaLeymenayithi abenomsindo kuwo. Kungekudala, amaLeymenayithi amanizi ayefuna ukulwa nawo.

Alma 47:25–35; 48:1–4

Umfanekiso
Umphathi-mikhosi uMoronayi namajoni wakhe bakha iindonga

Ngeli lixa u-Amalikhaya wayefumana amandla ngokuxoka, uMoronayi waye walungiselela amaNifayithi ukuba athembe uThixo. Waye waxhoma ibhanile yenkululeko kuzo zonke iinqaba zelizwe ukwenzela ukuze abakhumbuze ngesithembiso sabo. Imikhosi kaMoronayi nayo yayizilungiselele imfazwe izixeko zamaNifayithi. Baye bakha iindonga kwaye bagrumba imisele ukwenzela ukuba izixeko zabo zibe nokhuseleko kwaye zomelele.

Alma 46:36; 48:7–18

Umfanekiso
Amajoni ka-Amalikhaya adubula iintolo kwisixeko samaNifayithi

Xa ayezokulwa amaLeymenayithi, ayengakwazi ukungena kwizixeko zamaNifayithi. Aye athintelwa ziindonga kunye nemisele eyenziwa yimikhosi kaMoronayi. AmaLeymenayithi amaninzi aye afa xa ayehlasela amaNifayithi. U-Amalikhaya wayenomsindo kakhulu. Waye wathembisa ngokumbulala uMoronayi.

Alma 49:1–27

Umfanekiso
Umphathi-mikhosi uMoronayi uthetha namaNifayithi emva kwedabi

AmaNifayithi aye abulela uThixo ngokuwanceda nokuwakhusela. Aye azenza zakhuseleka ngakumbi izixeko zawo kwaye akha ezinye izixeko. Imfazwe namaLeymenayithi yaye yaqhubekeka, kodwa uThixo wamnceda uMoronayi nemikhosi yakhe ukuba bagcine amaNifayithi ekhuselekile. AmaNifayithi ayonwabile. Aye amthobela uThixo kwaye ahlala enyanisekile kuYe.

Alma 49:28–30; 50:1–24