Scripture Stories
UTiyanikumi


“UTiyanikumi,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Alma 51–52

UTiyanikumi

Ukhusela abantu bakhe

Umfanekiso
UTiyanikumi uthetha noMphathi-mikhosi uMoronayi kwinkampu

UTiyanikumi wayeyinkokheli kumkhosi woMphathi-mikhosi uMoronayi. Yena wayezama ukugcina izixeko zamaNifayithi zikhuselekile kumaLeymenayithi.

Alma 50:35; 52:19

Umfanekiso
U-Amalikhaya namajoni amaLeymenayithi nezikhali

U-Amalikhaya wayeliNifayithi elaba ngukumkani wamaLeymenayithi. Wayefuna ukuwalawula nawo amaNifayithi. Yena waye wahlasela amaNifayithi kwaye wathabatha ulawulo lwezixeko ezininzi.

Alma 47:1, 35; 48:1–4; 51:23–28

Umfanekiso
Umkhosi wamaNifayithi uyamatsha

Umkhosi kaTiyanikumi waye wathintela umkhosi ka-Amalikhaya ekuhlaseleni izixeko zamaNifayithi.

Alma 51:28–30

Umfanekiso
imikhosi ijongene ngenjikalanga

Le mikhosi yalwa imini yonke. UTiyanikumi nomkhosi wakhe balwa ngamandla nesakhono esibalaseleyo kunalowo ka-Amalikhaya. Kodwa akukho mkhosi waphumelelayo. Kwakuba mnyama, yomibini imikhosi yayeka ukulwa ukuze iphumle.

Alma 51:31—32

Umfanekiso
UTiyanikumi uhleli phambi komlilo wenkampu

Kodwa uTiyanikumi akazange aphumle. Yena nesicaka sakhe baya kwinkampu ka-Amalikhaya ngokufihlakeleyo.

Alma 51:33

Umfanekiso
UTiyanikumi ume phantsi kwelitha lenyanga kwintente ka-Amalikhaya

UTiyanikumi wachwechwela ngaphakathi kwintente ka-Amalikhaya. Yena waye wambulala u-Amalikhaya phambi kokuba u-Amalikhaya avuke. Emva koko uTiyanikumi wabuyela kwinkampu yakhe waze waxelela amajoni wakhe ukuba azilungiselele ukulwa.

Alma 51:33–36

Umfanekiso
AmaLeymenayithi ayavuka kwaye akhangeleka esoyika

Ukuvuka kwawo amaLeymenayithi, afumanisa ukuba u-Amalikhaya wayefile. Baye babona nokuba uTiyanikumi nomkhosi wakhe babekulungele ukulwa.

Alma 52:1

Umfanekiso
AmaLeymenayithi abaleka umkhosi kaTiyanikumi

AmaLeymenayithi ayesoyika kwaye aye abaleka. Icebo likaTiyanikumi lawenza amaLeymenayithi oyika kakhulu ukuhlasela ezinye izixeko zamaNifayithi. UTiyanikumi ngoku wayenexesha lokwenza izixeko zamaNifayithi sikhuseleke ngakumbi. Waye wasebenza nzima ukuze akhusele abantu bakhe. Yena waye wakwazi ukugcina izixeko ezininzi zamaNifayithi zikhuselekile.

Alma 52:2–10