Izibhalo
Alma 51


Isahluko 51

Abathandi-kumkani bazama ukuwuguqula umthetho kwaye bamisela ukumkani—UPhahorani kunye nabantu benkululeko baxhaswa ngezwi labantu—UMoronayi unyanzelisa abathandi-kumkani ukuba balikhusele ilizwe labo okanye babulawe—UAmalikhaya kunye namaLeymenayithi bathimba izixeko ezininzi ezinqatyisiweyo—UTiyanikumi uyalubhebhetha uhlaselo lwamaLeymenayithi aze abulale uAmalikhaya ententeni yakhe. Malunga 67–66 P.K.

1 Kwaye ngoku kwenzekile ekuqalekeni kowamashumi amabini anesihlanu unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi, ekubeni bona bemisele uxolo phakathi kwabantu bakaLihayi nabantu bakaMoriyantoni ngokwemihlaba yabo, kwaye bewuqalise owamashumi amabini anesihlanu unyaka ngoxolo;

2 Nangona kunjalo, abazange balugcine kuyaphi uxolo olupheleleyo elizweni, kuba kwaqalisa ukubakho imbambano phakathi kwabantu malunga nomgwebi oyintloko uPhahorani; kuba qaphelani, kwakukho inxalenye yabantu ababenqwenela okokuba imiba ethile embalwa yomthetho kumele iguqulwe.

3 Kodwa qaphelani, uPhahorani akayi kuwuguqula engayi kuvumela ukuba umthetho uguqulwe; ke ngoko, akazange abaphulaphule abo bathi bathumela amazwi kunye nezicelo zabo malunga nokuguqulwa komthetho.

4 Ke ngoko, abo babenqwenela okokuba umthetho uguqulwe baba nomsindo ngakuye, kwaye banqwenela okokuba angabi saba ngumgwebi oyintloko phezu kwelizwe; ke ngoko kwavuka impikiswano eshushu malunga nalo mcimbi, kodwa akwade kwaphalala gazi.

5 Kwaye kwenzekile okokuba abo babenqwenela okokuba uPhahorani asuswe esikhundleni sesihlalo sokugweba babebizwa ngokuba ngabathandi-kumkani, kuba babenqwenela okokuba umthetho mawuguqulwe ngohlobo lokuba kubhukuqwe ulawulo olukhululekileyo kwaye kumiselwe ukumkani phezu kwelizwe.

6 Kwaye abo babenqwenela okokuba uPhahorani makahlale engumgwebi oyintloko phezu kwelizwe bathabathela kubo igama lokuba ngabathandi-nkululeko; kwaza njalo kwabakho ukwahlukana phakathi kwabo, kuba abathandi-nkululeko babefungele okanye benqophisele ukuzilondoloza iimfanelo zabo namalungelo awodwa enkolo yabo ngolawulo olukhululekileyo.

7 Kwaye kwenzekile okokuba lo mcimbi wembambano yabo wagqitywa ngezwi labantu. Kwaye kwenzekile okokuba izwi labantu lafika livumelana nabathandi-nkululeko, waza uPhahorani wasigcina isihlalo-sokugweba, into leyo eyabangela ukugcoba okukhulu phakathi kwabazalwana bakaPhahorani kananjalo nabaninzi babo bantu benkululeko, abathi kanjalo babavala imilomo abathandi-kumkani, ukuze bangalingi kuphikisa kodwa babopheleleka ekubeni bayigcine injongo yenkululeko.

8 Ngoku abo babethanda ookumkani babengabo ababezalelwe kudidi oluphakamileyo, kwaye babefuna ukuba ngookumkani; kwaye babexhaswa ngabo babezungula amandla negunya phezu kwabantu.

9 Kodwa qaphelani, eli yayilixesha elinzima ukuba kubekho iimbambano ezinjalo phakathi kwabantu bakaNifayi; kuba qaphelani, uAmalikhaya kwakhona wayezivuselele iintliziyo zabantu bamaLeymenayithi ngokuchasene nabantu bamaNifayithi, kwaye wayehlanganisa kunye amajoni kuzo zonke iindawo zelizwe lakhe, kwaye ewaxhobisa, kwaye elungiselela imfazwe ngayo yonke inkuthalo; kuba awayefungele ukuba asele igazi likaMoronayi.

10 Kodwa qaphelani, siya kuthi sibone okokuba isithembiso sakhe sasi sesobutyhuthu-tyhuthu; nangona kunjalo, waye wazilungiselela nemikhosi yakhe ukuba azokulwa idabi ngokuchasene namaNifayithi.

11 Ngoku imikhosi yakhe yayingemikhulu kangangokuba yayisoloko injalo ngaphambili, ngenxa yamawaka amaninzi awabulawayo ngesandla samaNifayithi; kodwa nangona babelahlekelwe kakhulu, uAmalikhaya wayehlanganise kunye umkhosi omkhulu ngokumangalisayo, kangangokuba wayengoyiki ukwehla eze kulo ilizwe laseZarahemla.

12 Ewe, kwa noAmalikhaya ngokwakhe waye wehla, esentloko yamaLeymenayithi. Kwaye kwaku ngowamashumi amabini anesihlanu unyaka wolawulo lwabagwebi; kwaye kwakukwangeli lixa lokokuba babeqalisa ukwenza isigqibo ngemicimbi yeembambano zabo malunga nomgwebi oyintloko, uPhahorani.

13 Kwaye kwenzekile okokuba akuba amadoda awayebizwa ngokuba ngabathandi-kumkani evile okokuba amaLeymenayithi ayesehla ukuba azokulwa idabi ngokuchasene nabo, avuya ezintliziyweni zawo; aza ala ukuthabatha izikhali, kuba ayenomsindo kakhulu ngakumgwebi oyintloko, kananjalo anangakubantu benkululeko, kangangokuba abazange bathabathe izikhali ukuze bakhusele ilizwe labo.

14 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uMoronayi ekubona oku, kananjalo ebona okokuba amaLeymenayithi ayesiza engena kwimida yelizwe, waba nomsindo ngokugqithisileyo ngenxa yokuba neenkani kwabo bantu awayethe wasebenza ngenkuthalo enkulu kakhulu ukuba abakhusele; ewe, waba nomsindo ngokugqithisileyo; umphefumlo wakhe wawuzele ngumsindo ngokuchasene nabo.

15 Kwaye kwenzekile okokuba wathumela isicelo, ngezwi labantu, kumphathi welizwe, enqwenela okokuba asifunde, aze amnike yena (Moronayi) igunya lokunyanzelisa abo bakreqi ukuba bakhusele ilizwe labo okanye babulawe.

16 Kuba kwakuyinkathalo yakhe ukuba aziphelise iimbambano ezinjalo nokreqo phakathi kwabantu; kuba qaphelani, oku ngaphambili bekungunobangela wayo yonke intshabalalo yabo. Kwaye kwenzekile okokuba kwanikwa imvume ngokwezwi labantu.

17 Kwaye kwenzekile okokuba uMoronayi wayalela umkhosi wakhe okokuba uhlasele ngokuchasene nabo bathandi-kumkani, ukuba uthobe ikratshi labo nokubaluleka kwabo uze ubalinganise nomhlaba, okanye mabaphakamise izigalo baze baxhase injongo yenkululeko.

18 Kwaye kwenzekile okokuba imikhosi yaye yamatshela phambili ngokuchasene nabo; kwaye baye balithoba ikratshi labo nempakamo yabo, kangangokuba njengoko babephakamisa izikhali zabo zemfazwe ukuba balwe ngokuchasene namadoda kaMoronayi bakhahlelwa phantsi baze balinganiswa nomhlaba.

19 Kwaye kwenzekile okokuba babengamawaka amane abo abakreqi abathi bagawulelwa phantsi ngekrele; baza abo beenkokeli zabo ababengabulawanga edabini bathatyathwa baza baphoswa entolongweni, kuba lalingekho ixesha lokuthethwa kwamatyala abo kwesi sigaba sexesha.

20 Yaza intsalela yabo bakreqi, kunokuba babethwe bawe phantsi ngekrele, bazinikela kwibhanile yenkululeko, baza banyanzeliswa ukuba bayinyuse aibhanile yenkululeko phezu kweencopho zabo, kwaye nakwizixeko zabo, nokokuba bathabathe izikhali ukukhusela ilizwe labo.

21 Kwaye njalo uMoronayi wabaphelisa abo bathandi-kumkani, ukuze kungabikho bambi abaziwa ngeso sihlonipho sabathandi-kumkani; waza njalo waziphelisa iinkani nekratshi labo bantu ababebanga ukuba bangabegazi; kodwa bathotyelwa ezantsi ukuba bazithobe njengabazalwana babo, kwaye bakulwele ngenkalipho ukukhululeka kwabo ebukhobokeni.

22 Qaphelani, kwenzekile okokuba ngeli lixa auMoronayi wayeqhekeza iimfazwe neembambano phakathi kwabakhe abantu, kwaye ebangenisa eluxolweni nenkcubeko, kwaye emisa kakuhle ulawulo ukulungiselela imfazwe ngokuchasene namaLeymenayithi, qaphelani, amaLeymenayithi athi afika kulo ilizwe likaMoronayi, elalikwimida ngaselunxwemeni lolwandle.

23 Kwaye kwenzekile okokuba amaNifayithi ayengomelelanga ngokwaneleyo kwisixeko sikaMoronayi; ke ngoko uAmalikhaya waye wawadudula, ebulala abaninzi. Waza uAmalikhaya waluthabatha ulawulo lwesixeko, ewe, ulawulo lwazo zonke iinqaba zawo.

24 Baza bathi abo basabayo baphuma kuso isixeko sikaMoronayi beza kuso isixeko sikaNifayiha; kananjalo abantu besixeko sikaLihayi bazihlanganisa kunye, baza benza amalungiselelo baza bakulungela ukuwamkela amaLeymenayithi edabini.

25 Kodwa kwenzekile okokuba uAmalikhaya angawavumeli amaLeymenayithi ukuba ahlasele ngokuchasene nesixeko sikaNifayiha ukuba balwe idabi, kodwa wawagcina ezantsi ngaselunxwemeni lolwandle, eshiya amadoda kuzo zonke izixeko ukuba azigcine kwaye azikhusele.

26 Waza njalo waqhubeka, ethabatha ulawulo lwezixeko ezininzi, isixeko sikaNifayiha, nesixeko sikaLihayi, nesixeko sikaMoriyantoni, nesixeko sikaOmna, nesixeko sika Gidi, nesixeko sikaMyuleki, zizonke ezo zazingakuyo imida esempuma ngaselunxwemeni lolwandle.

27 Kwaye njalo ke amaLeymenayithi athi azuza, ngobuqhinga buka-Amalikhaya, izixeko ezininzi kangako, ngezihlwele zabo ezingenakubalwa, zizonke ezo zazinqatyiswe ngamandla ngokohlobo alweenqaba zikaMoronayi; zizonke ezo zanika amaLeymenayithi iinqaba.

28 Kwaye kwenzekile okokuba aye amatshela kwimida yelizwe iNdyebo, eqhuba amaNifayithi phambi kwawo kwaye ebulala amaninzi.

29 Kodwa kwenzekile okokuba aye aqubisana noTiyanikumi, aowayebulele uMoriyantoni waza wabathintela abantu bakhe ekusabeni kwakhe.

30 Kwaye kwenzekile okokuba wathintela uAmalikhaya kanjalo, njengokuba wayematshela phambili kunye nomkhosi wakhe oyintlaninge ukuze abe nokuthabatha ulawulo lwelizwe iNdyebo, kananjalo nelizwe elingasemantla.

31 Kodwa qaphelani waba nokudana ngokuthi agxothwe nguTiyanikumi kunye namadoda akhe, kuba ayengabalwi abakhulu; kuba indoda nganye kaTiyanikumi yaye yawogqitha amaLeymenayithi ngokomelela kwaye nangobuchule bawo bemfazwe, kangangokuba baye bazuza ukongama phezu kwamaLeymenayithi.

32 Kwaye kwenzekile okokuba baye bawatshutshisa, kangangokuba baye bawabulala kwanokude kube mnyama. Kwaye kwenzekile okokuba uTiyanikumi namadoda akhe baye bagxumeka iintente zabo emideni yelizwe iNdyebo; noAmalikhaya waye wagxumeka iintente zakhe emideni yolwandle ngaselunxwemeni, kwaye ke baqhutywa ngolu hlobo.

33 Kwaye kwenzekile okokuba kwakuba kufike ubusuku, uTiyanikumi kunye nesicaka sakhe babisa bachwechwela phambili baza baphuma ngobusuku, baza baya kwinkampu ka-Amalikhaya; kwaye qaphelani, babebiwe bubuthongo ngenxa yokudinwa kwabo okukhulu, okwakubangelwa yimisebenzi nobushushu bemini.

34 Kwaye kwenzekile okokuba uTiyanikumi wabisa ngokufihlakeleyo wangena kwintente kakumkani, waza wamhlaba ngentshuntshe entliziyweni yakhe; kwaye waye wakubangela ukufa kukakumkani ngoko nangoko ukuze angazivusi izicaka zakhe.

35 Waza wabuyela kwakho ngokufihlakeleyo kweyakhe inkampu, kwaye qaphelani, amadoda akhe ayelele, waza wawavusa kwaye wawaxelela zonke izinto azenzileyo.

36 Waza wabangela okokuba imikhosi yakhe ihlale ilungile, hleze kuthi kanti amaLeymenayithi avukile aze abe nokubahlasela.

37 Waza njalo waphela owamashumi amabini anesihlanu unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi; yaza njalo yaphela imihla ka-Amalikhaya.