Izibhalo
Alma 30


Isahluko 30

UKorihor, umchasi-Krestu, uphoxisa ngoKrestu, ngeNtlawulelo, kwaye nangomoya wesiprofetho—Ufundisa ukuba akukho Thixo, akukho kuwa kwamntu, akukho sohlwayo sesono, kwaye akukho Krestu—UAlma uyangqina okokuba uKrestu uya kuza nokokuba zonke izinto zibonisa okokuba ukho uThixo—UKorihor unyanzelisa umqondiso waza wabethwa wabasisimumu—Umtyholi wayebonakele kuKorihor njengengelosi waza wamfundisa oko amaze akuthethe—UKorihor unyhashelwa phantsi aze afe. Malunga 76–74 P.K.

1 Qaphelani, ngoku kwenzekile okokuba emva kokuba aabantu baka-Amon bemiselwe elizweni laseYershan, ewe, kwaye nasemva kokuba amaLeymenayithi beqhutyelwe ngaphandle kwelizwe, nabafileyo bawo bengcwatyiwe ngabantu belizwe—

2 Ngoku abafileyo babo abazange babalwe ngenxa yobuninzi bamanani abo; bengazange babalwe nabafileyo bama-Nifayithi—kodwa kwenzekile emva kokuba bebangcwabile abafileyo babo, kananjalo emva kokuzila ukutya, nokulila, nomthandazo, (kwaye kwaku koweshumi elinesithandathu unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi) kwaqalisa ukubakho uxolo ngalo lonke ixesha kulo lonke ilizwe.

3 Ewe, kwaye abantu baye bakuqwalasela ukuyigcina imiyalelo yeNkosi; kwaye babengqongqo ekuyizalisekiseni aimimiselo kaThixo, ngokomthetho kaMoses; kuba babefundisiwe bukuwugcina umthetho kaMoses kude kube uzalisekisiwe.

4 Kwaye njalo abantu baye ababinasiphazamiso kuwo wonke oweshumi elinesithandathu unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi.

5 Kwaye kwenzekile okokuba ekuqalekeni koweshumi elinesixhenxe unyaka wolawulo lwabagwebi, kwabakho uxolo ngamaxesha onke.

6 Kodwa kwenzekile kwisiphelo sokuphela konyaka weshumi elinesixhenxe, kwangena indoda elizweni laseZarahemla, kwaye yaye aingumchasi-Krestu, kuba yaqalisa ukushumayela ebantwini ngokuchasene neziprofetho ezazithethiwe ngabaprofeti, malunga nokuza kukaKrestu.

7 Ngoku kwakungekho mthetho uchasene anenkolo yomntu; kuba oko kwakuphikisana ngokungqongqo nemiyalelo kaThixo okokuba kubekho umthetho ozisa abantu ekulinganeni.

8 Kuba njalo zithi izibhalo: aZikhethele namhla, lowo uya kumkhonza.

9 Ngoku ukuba umntu wayenqwenela ukukhonza uThixo, yayililungelo lakhe elilodwa; okanye ngenye indlela, ukuba wayekholelwa kuThixo yayililungelo lakhe elilodwa ukuba amkhonze; kodwa ukuba wayengakholelwa kuye kwakungekho mthetho wokumohlwaya.

10 Kodwa ukuba ubulele wayesohlwayelwa aekufeni; kwaye ukuba uphangile wayesohlwaywa kanjalo; kwaye ukuba ubile kanjalo ubesohlwaywa; kwaye ukuba ukrexezile kanjalo wayesohlwaywa; ewe, ngayo yonke le nkohlakalo babesohlwaywa.

11 Kuba kwakukho umthetho wokokuba abantu mabagwetywe ngokwamatyala abo. Nangona kunjalo, kwakungekho mthetho uchasene nenkolo yomntu; ke ngoko, umntu wayesohlwaywa kuphela ngamatyala athe wawenza; ke ngoko bonke abantu ababelingana.

12 Kwaye lo mchasi-Krestu, ogama lakhe lalinguKorihor, (kwaye umthetho wawungenanto yakubambelela kuye) waqalisa ukushumayela ebantwini okokuba akusayi kubakho Krestu. Kwaye waye washumayela ngolu hlobo, esithi:

13 Owu nina niqanyangelwe phantsi kwethemba elibubuyatha nelilize, kungani ukuba nizithwalise idyokhwe ngezinto ezibubuyatha ngolu hlobo? Kungani, ukuba nifune uKrestu? Kuba akakho umntu onokwazi nantoni na eya kuza.

14 Qaphelani, ezi zinto enizibiza ngokuba ziziprofetho, enithi zagqithiswa ngabaprofeti abangcwele, qaphelani, zizithethe zobuyatha zooyihlo.

15 Nikwazi njani ukuqiniseka kwazo? Qaphelani, aninako ukwazi ngezinto aeningaziboniyo; ke ngoko aninakho ukwazi okokuba kuya kubakho uKrestu.

16 Nikhangela phambili nize nithi nibona uxolelo lwezono zenu. Kodwa qaphelani, ziziphumo zengqondo ephambeneyo; kwaye le mpambano yeengqondo zenu iza ngenxa yezithethe zooyihlo, ezinikhokelela kude kwinkolo yezinto ezingenjalo.

17 Kwaye nezinye ezininzi izinto ezinjalo awazithethayo kubo, ebaxelela okokuba akunakubakho ntlawulelo yenziwayo yezono zabantu, kodwa wonke umntu kobu bomi uqhuba ngokokuzilawula ngokwendalo; ke ngoko wonke umntu uphumelela ngokobungqondi bakhe, nokokuba wonke umntu woyisa ngokokomelela kwakhe; kwaye nantoni na umntu awathi wayenza yayingelolwaphulo-mthetho.

18 Kwaye washumayela njalo kubo, elahlekisa iintliziyo zabaninzi, ebabangela ukuba baziphakamisele phezulu iintloko zabo kwiinkohlakalo zabo, ewe, elahlekisa abafazi abaninzi, namadoda kanjalo, ukuba benze uhenyuzo—ebaxelela ukuba xa umntu efile, eso yayisisiphelo sakhe.

19 Ngoku le ndoda yawelela kanjalo kwilizwe laseYershan, ukuze ishumayele ezi zinto phakathi kwabantu baka-Amon, ababefudula bengabantu bamaLeymenayithi.

20 Kodwa qaphelani babelumke ngaphezulu kunabaninzi bamaNifayithi; kuba bamthabatha, baza bamqamangela, baze bamthwala bamsa phambi kuka-Amon, owayengumbingeleli omkhulu phezu kwabo bantu.

21 Kwaye kwenzekile okokuba wenza okokuba akhutshelwe ngaphandle kwelizwe. Waza waya ngaphaya kwilizwe likaGidiyon, waza waqalisa kanjalo ukushumayela kubo; kwaye apha akabanga nampumelelo ingako, kuba wathatyathwa waza waqanyangelwa waza watyathwa wasiwa phambi kombingeleli omkhulu, kananjalo nomgwebi oyintloko phezu kwelizwe.

22 Kwaye kwenzekile okokuba umbingeleli omkhulu wathi kuye: Kungani ukuba uhambahambe ugqwetha iindlela zeNkosi? Kungani ukuba ufundise aba bantu ukuba akusayi kubakho Krestu, uphazamise imigcobo yabo? Kungani ukuba uthethe ngokuchasene nazo zonke iziprofetho zabaprofeti abangcwele?

23 Ngoku igama lombingeleli omkhulu lalinguGidona. Kwaye uKorihor wathi kuye: Kungenxa yokuba andifundisi zithethe zabuyatha zooyihlo, kwaye nangenxa yokokuba andibafundisi aba bantu ukuba baziqamangele ezantsi phantsi kwemimiselo nezenzo ezibekwe ngababingeleli bamandulo, ukuze baphange amandla negunya phezu kwabo, ukuba babagcine bengenalwazi, ukuze bangabi nakuziphakamisa iintloko zabo, kodwa bathotyelwe phantsi ngokwamazwi abo.

24 Nithi aba bantu bangabantu abakhululekileyo. Qaphelani, ndithi basebukhobokeni. Nithi ezo ziprofetho zamandulo ziyinyani. Qaphelani, ndithi anizazi ukuba ziyinyani na.

25 Nithi aba bantu bangabantu abanetyala nabawileyo, ngenxa yokona komzali. Qaphelani, ndithi umntwana akanatyala ngenxa yabazali bakhe.

26 Kwaye kanjalo nithi uKrestu uya kuza. Kodwa qaphelani, ndithi aniyazi okokuba kuya kubakho uKrestu. Kwaye nithi kanjalo uya kubulawelwa aizono zehlabathi—

27 Nize njalo nilahlekise aba bantu balandele izithethe zobuyatha zooyihlo, kwaye nangokweminqweno yenu; kwaye niyabacinizela, kwanokungathi kusebukhobokeni, ukuze nibe nokungxala iziqu zenu ngemisebenzi yezandla zabo, ukuze bangakhe balinge baqwanye beqinisekile, ukuze bangakhe balinge bazonwabele iimfanelo zabo namalungelo abo awodwa.

28 Ewe, abalingi nokuyisebenzisa loo nto iyeyabo hleze babakhubekise ababingeleli babo, abathi babathwalise idyokhwe ngokweminqweno yabo, kwaye babazise ekubeni bakholelwe, ngezithethe zabo namaphupha abo nangengcinga zabo eziguqu-guqukayo nangemibono yabo nangeemfihlelo abazenza ngathi zikho, ukuze bathi, ukuba abenzi ngokwamazwi abo, bakhathaze mntu uthile ongaziwayo, abathi unguThixo—umntu ongazange akhe abonwe okanye aziwe, ongazange abekho nongasoze abekho.

29 Ngoku akuba umbingeleli omkhulu nomgwebi oyintloko bekubona ukuqaqadeka kwentliziyo yakhe, ewe, bakubona ukuba ubeya kwenyelisa ngokuchasene nkqu noThixo, abafunanga kuwaphendula amazwi akhe; kodwa benza ukuba aqanyangelwe; baza bamnikezela ezandleni zabaphathi, baza bamthumela kwilizwe laseZarahemla, ukuze abe nokuziswa phambi koAlma, nomgwebi oyintloko owayengumlawuli phezu kwalo lonke ilizwe.

30 Kwaye kwenzekile okokuba akuba ezisiwe phambi koAlma nomgwebi oyintloko, waye waqhubeka kwangohlobo ebesenza ngalo elizweni likaGidiyon; ewe, waqhubeka aesenyelisa.

31 Kwaye waye wenyuka ngamazwi amakhulu aokukhukumala phambi koAlma, kwaye waye wenyelisa ngokuchasene nababingeleli nootitshala, ebatyhola ngokukhokelela kude abantu ukulandela emva kwezithethe zobuhiba zooyise ngenxa yokuzingxala ngemisebenzi yabantu.

32 Ngoku uAlma wathi kuye: Uyayazi okokuba asizingxali ngemisebenzi yaba bantu; kuba qaphela ndisebenze kwanasekuqalekeni kolawulo lwabagwebi kude kube kaloku nje, ngezam izandla ukuba ndizixhase, nangona ndinohambo oluninzi macala onke ngapha nangapha elizwe ndivakalisa ilizwi likaThixo kubo abantu bam.

33 Kwaye nangona ndinemisebenzi emininzi endiyenzileyo ebandleni, andizange ndizuze kwankqu anesinayini enye ngomsebenzi wam; kungazange namnye kubazalwana bam, ngaphandle nje kwasesihlalweni sokugweba; kwaye ke sizuze nje kuphela ngokwasemthethweni ngexesha lethu.

34 Kwaye ngoku, ukuba asizuzi nantoni na ngemisebenzi yethu ebandleni, ingaba inzuzo yethu yintoni ngokusebenza ebandleni ngaphandle kwasekuvakaliseni inyaniso, ukuze sifumane imigcobo aekuvuyeni kwabazalwana bethu?

35 Ke kungani ukuba uthi sishumayela kwaba bantu ukuze sifumane inzuzo, xa wena, ngokwakho, usazi okokuba asifumani nzuzo? Kwaye ngoku, uyakholelwa okokuba siyabalahlekisa aba bantu, ngento ebabangela uvuyo olunje ezintliziyweni zabo?

36 Waza uKorihor wamphendula, Ewe.

37 Waza ke uAlma wathi kuye: Uyakholelwa na okokuba kukho uThixo?

38 Waza waphendula, Hayi.

39 Ngoku uAlma wathi kuye: Uza kukhanyela kwakhona okokuba kukho uThixo, uze kwakhona ukhanyele uKrestu? Kuba qaphela, ndithi kuwe, ndiyazi okokuba kukho uThixo, kanjalo nokokuba uKrestu uya kuza.

40 Kwaye ngoku bungqina buni onabo bokokuba akukho aThixo, okanye okokuba uKrestu akayi kuza? Ndithi kuwe akunabo, ngaphandle nje kwelizwi lakho kuphela.

41 Kodwa, qaphela, ndinazo zonke izinto nje angobungqina bokokuba ezi zinto ziyinyani; kwaye nawe kanjalo unazo zonke izinto nje ngobungqina kuwe bokokuba ziyinyani; kwaye uza kuzikhanyela? Uyakholelwa okokuba ezi zinto ziyinyani?

42 Qaphela, ndiyazi okokuba uyakholelwa, kodwa uphethwe ngumoya wokuxoka, kwaye uwubekele bucala uMoya kaThixo ukuze ungabi nandawo ngaphakathi kwakho; kodwa umtyholi unamandla phezu kwakho, kwaye ukuphethe, esebenzisa amacebo obuqhinga ukuze abe nokutshabalalisa abantwana bakaThixo.

43 Kwaye ngoku uKorihor wathi kuAlma: Ukuba ungandibonisa aumqondiso, ukuze ndibe nokuqinisekiswa okokuba kukho uThixo, ewe, ndibonise okokuba unamandla, kwaye ke ndiya kuqinisekiswa ngobunyani bamazwi akho.

44 Kodwa uAlma wathi kuye: Uyifumene imiqondiso ngokwaneleyo; ingaba uya kumlinga na uThixo wakho? Ingaba uya kuthi, Ndibonise umqondiso, ekubeni unabo ubungqina babo abonke aba bazalwana bakho, kananjalo bonke abaprofeti abangcwele? Izibhalo zibekiwe phambi kwakho, ewe, kwaye bzonke izinto zibonisa ukuba kukho uThixo; ewe, kwanawo cumhlaba, kwaye nazo zonke izinto eziphezu kobuso bawo, ewe, dnentshukumo yawo, ewe, kananjalo eneeplanethi ezishukuma ngendlela yazo elungeleleneyo ziyangqina okokuba kukho uMdali oPhakamileyo.

45 Kwaye kanti uhamba-hamba, ulahlekisa iintliziyo zaba bantu, ungqina kubo ukuba akukho Thixo? Kwaye kanti uza kukhanyela ngokuchasene nawo onke la mangqina? Waza wathi: Ewe, ndiza kukhanyela, ngaphandle kokuba undibonise umqondiso.

46 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba uAlma wathi kuye: Qaphela, ndilusizi ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yakho, ewe, ukuba usaphikele ukuwuchasa umoya wenyaniso, ukuze umphefumlo wakho ube nokutshatyalaliswa.

47 Kodwa qaphelani, akulunge ngaphezulu okokuba kumele umphefumlo wakho ulahleke kunokuba ube yindlela yokuzisa imiphefumlo emininzi ezantsi ekutshatyalalisweni, ngokuxoka kwakho kwaye nangamazwi akho okunyhwalaza; ke ngoko ukuba uya kukhanyela kwakhona qaphela uThixo uya kukubetha, ukuze ube sisimumu, ukuze ungaze uwuvule umlomo wakho kwakhona, ukuze ungabalahlekisi aba bantu kwakhona.

48 Ngoku uKorihor wathi kuye: Andibukhanyeli ubukho bobuThixo, kodwa andikholelwa okokuba kukho uThixo; kwaye ndithi kanjalo, anazi okokuba kukho ubuThixo; kwaye ngaphandle kokuba nindibonise umqondiso, andisayi kukholelwa.

49 Ngoku uAlma wathi kuye: Oku ndiya kukunika njengomqondiso, ukuba aubethwe ube sisimumu, ngokwamazwi am; kwaye ndithi, egameni likaThixo, uya kubethwa ube sisimumu, ukuze ungabe uphinde ubenako ukuthetha.

50 Ngoku akuba uAlma ewathethile la mazwi, uKorihor wabethwa waba sisimumu, ukuze angabinako ukuthetha, ngokwamazwi ka-Alma.

51 Kwaye ngoku akuba umgwebi oyintloko ekubona oku, wasolula isandla sakhe waza wambhalela uKorihor, esithi: Ingaba uqinisekisiwe ngamandla kaThixo? Kukubani apho ubunqwenela okokuba uAlma abonakalise umqondiso wakhe? Ubunga angahlungisa abanye, ukuze akubonise umqondiso? Qaphela, uwubonise kuwe umqondiso; kwaye ngoku ingaba ungaphika ngokungakumbi?

52 Waza uKorihor wasibeka isandla sakhe waza wabhala, esithi: Ndiyazi okokuba ndisisimumu, kuba andikwazi ukuthetha; kwaye ndiyazi okokuba akukho nto ngaphandle kokuba kube ngamandla kaThixo anako ukuzisa oku phezu kwam; ewe, kwaye ndandisoloko andisazi okokuba kwakukho uThixo.

53 Kodwa qaphelani, umtyholi aundikhohlisile; kuba bwabonakala kum ekwinkangeleko yengelosi, waza wathi kum: Hamba kwaye ubabuyisele aba bantu, kuba bonke balahlekile belandela uThixo ongaziwayo. Kwaye wathi kum; cAkukho Thixo; ewe, waza wandifundisa oko ndimele ndikuthethe. Kwaye ndifundise amazwi akhe; kwaye ndiwafundise ngenxa yokuba ayeyikholisa dingqondo yasenyameni, kwaye ndabafundisa, kwanokude ndibe nempumelelo enkulu, kangangokuba ndakholelwa ngokwenene okokuba ayeyinyani; kwaye kungesi sizathu ndayichasayo inyaniso, kwanokude ndizizisele esi siqalekiso sikhulu phezu kwam.

54 Ngoku akuba ekuthethile oku, wabongoza uAlma ukuba athandaze kuThixo, ukuze isiqalekiso sibe nokususwa kuye.

55 Kodwa uAlma wathi kuye: Ukuba esi siqalekiso siyasuswa kuwe uya kuthi kwakhona uzilahlekise iintliziyo zaba bantu; ke ngoko, kuya kuba nje kuwe kwanjengokwentando yeNkosi.

56 Kwaye kwenzekile okokuba isiqalekiso asizange sisuswe kuye uKorihor; kodwa walahlelwa ngaphandle, waza wahamba-hamba esuka kwindlu nendlu engqiba khona ukuze afumane ukutya.

57 Ngoku ulwazi ngokwenzekayo kuKorihor lwavakaliswa ngoko nangoko kulo lonke ilizwe; ewe, isibhengezo sathunyelwa phambili ngumgwebi oyintloko kubo bonke abantu elizweni, kusaziswa kwabo bebekholelwa kumazwi kaKorihor ukuze baguquke ngokukhawuleza, hleze kwa ezo zigwebo zifike kubo.

58 Kwaye kwenzekile okokuba bonke baqinisekiswa ngenkohlakalo kaKorihor; ke ngoko bonke baguqukela kwakhona eNkosini; kwaye oku kwabuphelisa ubugwenxa obunje ngobo babusenziwa nguKorihor. Kwaye uKorihor waye wahamba-hamba esuka kwindlu nendlu, engqiba ukutya ukuze azibonelele.

59 Kwaye kwenzekile okokuba wabheka phambili phakathi kwabantu, ewe, phakathi kwabantu ababezohlule kumaNifayithi baza bazibiza ngokuba ngamaZoramayithi, bekhokelwa yindoda egama layo lalinguZorami—kwaye njengokuba wayebheka phambili phakathi kwabo, qaphelani, wagilwa waza wanyhashelwa phantsi, kwanokude abe ufile.

60 Kwaye njalo siyasibona isiphelo salowo wagqwetha iindlela zeNkosi; kwaye njalo siyabona okokuba aumtyholi bakabaxhasi abantwana bakhe ngomhla wokugqibela, kodwa uthi abarhuqele ezantsi cesihogweni.