Izibhalo
Alma 35


Isahluko 35

Ukushunyayelwa kwelizwi kutshabalalisa izenzo zobuqhinga zamaZoramayithi—Ayabagxotha abaguqukela eNkosini, abathi ke bazimanya nabantu baka-Amon eYershan—UAlma ubalusizi ngenxa yenkohlakalo yabantu. Malunga 74 P.K.

1 Ngoku kwenzekile okokuba emva kokuba uAmyuleki ephezile ukuthetha la mazwi, bazikhupha kuso isihlwele baza baya ngaphesheya kulo ilizwe laseYershan.

2 Ewe, kwaye nabaseleyo kubazalwana, emva kokuba belishumayele ilizwi kumaZoramayithi, nabo kanjalo baya ngaphesheya kulo ilizwe laseYershan.

3 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba eyona nxalenye ibaluleke ngakumbi yamaZoramayithi yabonisana kunye ngokunxulumene namazwi athe ashunyayelwa kuwo, abanomsindo ngenxa yelizwi, kuba laye lazitshabalalisa izenzo zawo azobuqhinga; ke ngoko awazange afune ukuwaphulaphula amazwi.

4 Aza athumela kwaye ahlanganisana kunye bonke abantu kulo lonke ilizwe, aza abonisana kunye nabo ngokunxulumene namazwi athethiweyo.

5 Ngoku abalawuli babo nababingeleli babo nootitshala babo abazange babazise abantu malunga neminqweno yabo; ke ngoko bazifumanisa ekhusini izimvo zabo bonke abantu.

6 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba bezifumanisile izimvo zabo bonke abantu, abo babevumelana namazwi abethethwe nguAlma nabazalwana bakhe bakhutshelwa ngaphandle kwelizwe; kwaye babebaninzi; kwaye nabo kanjalo baya ngaphesheya bangena kulo ilizwe laseYershan.

7 Kwaye kwenzekile okokuba uAlma nabazalwana bakhe baye babafundisa.

8 Ngoku abantu bamaZoramayithi baba nomsindo ngakubantu baka-Amon ababeseYershan, kwaye nomlawuli oyintloko wamaZoramayithi, ekubeni eyindoda ekhohlakele kakhulu, wathumela ngaphesheya kubantu baka-Amon enqwenela ukuba babakhuphele ngaphandle kwelizwe labo bonke abo babewelele ngaphesheya besuka kubo bangena elizweni labo.

9 Kwaye wafutha izisongelo ezininzi ngokuchasene nabo. Kwaye ngoku abantu baka-Amon abazange bawoyike amazwi abo; ke ngoko abazange babakhuphele ngaphandle, kodwa baye babamkela bonke abangamahlwempu bamaZoramayithi abathi beza kubo; kwaye baye ababondla, babombesa, kwaye baye babanika imihlaba njengelifa labo; kwaye babalungiselela ngokweemfuno zabo.

10 Ngoku oku kwawavuselela emsindweni amaZoramayithi ngokuchasene nabantu baka-Amon, baza baqalisa ukuxubana kunye namaLeymenayithi nokuwavuselela nawo kanjalo emsindweni ngokuchasene nabo.

11 Kwaye njalo amaZoramayithi namaLeymenayithi aqalisa ukwenza amalungiselelo emfazwe ngokuchasene nabantu baka-Amon, kananjalo nangokuchasene namaNifayithi.

12 Waza njalo waphela oweshumi elinesixhenxe unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi.

13 Baza abantu baka-Amon balishiya ilizwe laseYershan, baza baya ngaphesheya bangena elizweni laseMeleki, baza benzela imikhosi yamaNifayithi indawo elizweni laseYershan, ukuze abe nokubambana kunye nemikhosi yamaLeymenayithi nemikhosi yamaZoramayithi; kwaza njalo kwaqalisa imfazwe phakathi kwamaLeymenayithi namaNifayithi, koweshumi elinesibhozo unyaka wolawulo lwabagwebi; kwaye aingxelo yeemfazwe zabo iya kunikwa emva koku.

14 Waza uAlma, noAmon, nabazalwana babo, kananjalo noonyana ababini baka-Alma babuyela elizweni laseZarahemla, emva kokuba bebezizixhobo ezandleni zikaThixo zokuzisa aabaninzi bamaZoramayithi enguqukweni; kwaye ngobuninzi babo ababeziswe enguqukweni bagxothelwa ngaphandle kwelizwe labo; kodwa banayo imihlaba yelifa labo kulo ilizwe laseYershan, kwaye balwile ukuze bazikhusele, nabafazi babo, nabantwana, nemihlaba yabo.

15 Ngoku uAlma, elusizi ngenxa yobugwenxa babantu bakhe, ewe nangenxa yeemfazwe, nempalalo-gazi, neembambano ezaye ziphakathi kwabo; kwaye nasekubeni ebevela kuvakalisa ilizwi, okanye ebethunyiwe ukuba avakalise ilizwi, phakathi kwabo bonke abantu kuzo zonke izixeko; kwaye ebona okokuba iintliziyo zabantu zaqalisa ukuba lukhuni, nokokuba baqalisa aukukhubeka ngenxa yobungqongqo belizwi, intliziyo yakhe yabalusizi ngokugqithisileyo.

16 Ke ngoko, wabangela akokuba oonyana bakhe bahlanganiswe kunye, ukuze abe nokubanika elowo aumsebenzi wakhe, ngokwahlukeneyo, ngokunxulumene nezinto eziphathelele nasebulungiseni. Kwaye sinayo ingxelo yemiyalelo yakhe, awathi wabanika yona ngokweyakhe imbali.