Izibhalo
Alma 39


Imiyalelo ka-Alma kunyana wakhe uKoreyantan.

Iquka izahluko 39 ukuya ku 42.

Isahluko 39

Isono sokulalana silisikizi—Izono zikaKoreyantan ziyawathintela amaZoramayithi ekuzuzeni ilizwi—Inkululeko kaKrestu iyasebenza nangelixa elidluleyo ekusindiseni abanyanisekileyo ababephila ngaphambi kwalo. Malunga 74 P.K.

1 Kwaye ngoku, nyana wam, ndinokuthile okungakumbi endimele ndikuthethe kuwe kunako oko ndakuthethayo kumntakwenu; kuba qaphela, awukuqaphelanga na ukuzinza komntakwenu, ukunyaniseka kwakhe, nenkuthalo yakhe ekuyigcineni imiyalelo kaThixo? Qaphela, ingaba akakwenzelanga mzekelo mhle kusini na?

2 Kuba akuzange uwanyamekele kangako amazwi am njengokuba umntakwenu ebesenza, phakathi kwabantu abamaZoramayithi. Ngoku nantsi into endinayo ngokuchasene nawe; ubuqhubeka uzigwagwisa ngokomelela nobulumko bakho.

3 Kwaye akuphelelanga apho, nyana wam. Wenza oko kwakundihlupha; kuba walahla ubulungiseleli, waza waya ngaphesheya elizweni laseSirani phakathi kwemida yamaLeymenayithi, ulandela aihenyukazi uIsabhela.

4 Ewe, waye awaziba iintliziyo zabaninzi; kodwa eso yayingesiso isizathu sokuzigweba, nyana wam. Ubumele ukuzinikela kubulungiseleli obebuphathiswe ngethemba kuwe.

5 Akwazi na, nyana wam, ukuba aezi zinto zilisikizi emehlweni eNkosi; ewe, zilisikizi kakhulu ukudlula zonke izono ngaphandle kokuphalaza igazi elimsulwa okanye ukukhanyela uMoya oyiNgcwele?

6 Kuba qaphela, ukuba aukhanyela uMoya oyiNgcwele xa ubukhe wanendawo kuwe, ube wena usazi ukuba uwukhanyele; qaphela, esi sisono besingaxolelekiyo; ewe, kwaye nabani na obulala ngokuchasene nokukhanya nolwazi lukaThixo, akulula kulowo ukuba azuze cuxolelo; ewe, ndithi kuwe, nyana wam, akulula kulowo ukuba azuze uxolelo.

7 Kwaye ngoku, nyana wam, ndinga akwaba aubungenatyala lesi sono sikhulu kangaka kuThixo. Bendingeke ndihlale phezu kwamatyala akho, ndihlungise umphefumlo wakho, ukuba ibingekokulungelwa kwakho.

8 Kodwa qaphela, akunako ukuwafihla amatyala akho kuThixo; kwaye ngaphandle kokuba uguquke aya kuma ebubungqina obuchasene nawe ngomhla wokugqibela.

9 Ngoku nyana wam, ndinga ungaguquka uzilahle izono zakho, ungabuye ulandele aiinkanuko zamehlo akho, kodwa buzahlule kuzo zonke ezi zinto; kuba ngaphandle kokuba uya kukwenza oku akunakho nangayiphi indlela ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. Owu, khumbula, uthabathele kuwe, uzahlule kwezi zinto.

10 Kwaye ndiyakuyalela ukuba uyithabathele kuwe ingcebiso yabakhuluwa bakho ezintweni ozenzayo; kuba qaphela, usebutsheni bakho, kwaye uswele ukondliwa ngabakhuluwa bakho. Kwaye zithabathele ingqalelo iingcebiso zabo.

11 Musa ukuzivumela ukuba ulahlekiswe nayintoni na elilize okanye into ebubuyatha; musa ukuvumela umtyholi ukuba atsalele intliziyo yakho emva kwalaa mahenyukazi anenkohlakalo kwakhona. Qaphela, Owu nyana wam, ubugwenxa obukhulu kangaka obuzise phezu akwamaZoramayithi; kuba xa bebona bukuziphatha kwakho abafunanga ukuwakholelwa amazwi am.

12 Kwaye ngoku uMoya weNkosi uthi kum: aYalela abantwana bakho ukuba benze okulungileyo, hleze balahlekisele iintliziyo zabantu abaninzi entshabalalweni; ke ngoko ndiya kuyala, nyana wam, ngoloyiko lukaThixo, ukuba uzibuyise kubugwenxa bakho;

13 Ukuba uguqukele eNkosini ngengqondo yakho yonke, amandlakazi, nokomelela; ukuze ungalahlekisi iintliziyo zabanye abantu kwakhona ukuba benze ngenkohlakalo; kodwa noko ubuyele kubo, kwaye auzivume iziphosiso zakho nokungalungile okwenzileyo.

14 aMusa ukungxamela ubutyebi kwanezinto ezililize zeli hlabathi; kuba qaphela, akungeke ubuthwale uhambe nabo.

15 Kwaye ngoku, nyana wam, ndinqwenela ukuthetha okuthile kuwe malunga nokuza kukaKrestu. Qaphela, ndithi kuwe, nguye ngokwenene oya kuza ukuba athabathele kuye izono zehlabathi; ewe, uyeza ukuze avakalise iindaba zovuyo zosindiso kubantu bakhe.

16 Kwaye ngoku, nyana wam, obu bubulungiseleli owawubizelwe kubo, ukuba uvakalise ezi ndaba zovuyo kwaba bantu, ukuba ulungise iingqondo zabo; okanye ngenye indlela ukuze usindiso lube nokufika kubo, ukuze babe nokulungisa iingqondo azabantwana babo ukuba balive ilizwi ngelixa lokuza kwakhe.

17 Kwaye ngoku ndiza kuyikhulula ingqondo yakho nje noko kulo mba. Qaphela, umangalisiwe okokuba kungani kumele zaziwe ezi zinto kuse kude kangaka ngaphambili. Qaphela, ndithi kuwe, ingaba umphefumlo ngeli lixa awunaxabiso kuThixo njengokuba umphefumlo uya kuba njalo ngelixa lokuza kwakhe?

18 Ingaba akuyomfuneko ukuba icebo lenkululeko laziswe kwaba bantu kwaye nakubo abantwana babo?

19 Ingaba akululanga na nangalo eli lixa ukuba iNkosi ithumele ingelosi yayo ukuba ivakalise ezi ndaba zovuyo kuthi nanjengakubantwana bethu, okanye njengasemva kwelixa lokuza kwakhe?