Izibhalo
Alma 41


Isahluko 41

EluVukweni abantu beza ngaphambili kwimo yovuyo olungenasiphelo okanye inkxwaleko engenasiphelo—Inkohlakalo ayizange ibe luvuyo—Abantu abangabenyama abanaye uThixo ehlabathini—Wonke umntu uyafumana kwakhona kuBuyiselo iimpawu nemikhwa abenayo esenyameni. Malunga 74 P.K.

1 Ngoku, nyana wam, kukho nje okuthile okufuneka ndikuthethe malunga nobuyiselo ebekuthethwe ngalo; kuba qaphela, abanye abazigqwethile izibhalo, kwaye bahambe umgama bbelahleka ngenxa yale nto. Kwaye ndiyaqonda ukuba ingqondo yakho kanjalo ibikhathazekile malunga nale nto. Kodwa qaphela, ndiza kukuchazela.

2 Ndithi kuwe, nyana wam, icebo lobuyiselo liyimfuneko ngokwasebulungiseni bukaThixo; kuba kuyimfuneko ukuba zonke izinto zibuyiselwe ezindaweni zokudalwa. Qaphela, kuyimfuneko kwaye kulungile, ngokwamandla novuko lukaKrestu, ukuba umphefumlo womntu kumele ubuyelane nomzimba wawo, nokuba lonke aisuntswana lomzimba kumele libuyele kuwo.

3 Kwaye kuyimfuneko akubulungisa bukaThixo ukuba abantu bamele bbagwetywe cngokwemisebenzi yabo; kwaye ukuba imisebenzi yabo ibilungile kobu bomi, kwaye neminqweno yeentliziyo zabo ibilungile, ukuze nabo kanjalo, ngomhla wokugqibela, dibuyiselwe kuloo nto ilungileyo.

4 Kwaye ukuba imisebenzi yabo mibi iya akubuyiselwa kubo ngobubi. Ke ngoko, zonke izinto ziya kubuyiselwa kuhlobo lwazo olufanelekileyo, yonke into kumzimba wayo wendalo—bokufayo kuvuselwe kokungafiyo, cokonakalayo kokungonakaliyo—zivuselwe dkuvuyo olungenasiphelo ukuze zibudle ilifa ubukumkani bukaThixo, okanye kwinkxwaleko engenasiphelo ukuze zibudle ilifa ubukumkani bomtyholi, omnye kwesinye isandla, omnye kwesinye—

5 Omnye avuselwe kuvuyo ngokweminqweno yakhe yovuyo, okanye ukulunga ngokweminqweno yakhe yokulunga; kwaye omnye ebubini ngokweminqweno yakhe yobubi; kuba njengoko ubunqwenela ukwenza ububi ebudeni bonke bemini kwangokunjalo uya kuwufumana umvuzo wakho wobubi xa ubusuku bufika.

6 Kwaye kukwanjalo ke nakwesinye isandla. Ukuba uguqukile ezonweni zakho, waza wanqwenela ubulungisa kude kube sekupheleni kwemihla yakho, ngokunjalo uya kuvuzwa ngobulungisa.

7 aLe yileyo yakhululwayo yiNkosi; ewe, le yileyo yakhutshwayo, eyahlangulwa kobo busuku bobumnyama bungenasiphelo; kwaye njalo ke iyema okanye iwe; kuba qaphela, bingabagwebi yeziqu zayo, enokuba kukwenza okulungileyo okanye ukwenza okubi.

8 Ngoku, imithetho kaThixo aayiguquleki; ke ngoko indlela ilungiselelwe ukuze nabani na ofunayo angahamba kuyo aze asindiswe.

9 Kwaye ngoku qaphela, nyana wam, musa ukuzibeka engozini ngokwenza aelinye ityala ngokuchasene noThixo wakho kwezo ngongoma zemfundiso, ezo othe kude kube leli lixa wazibeka engozini ngazo ngokwenza isono.

10 Musa ukucinga ukuba, ngenxa yokuba kuthethiwe malunga nobuyiselo, uya kubuyiswa ukusuka esonweni uye eluvuyweni. Qaphela, ndithi kuwe, ainkohlakalo ayizange ibe luvuyo.

11 Kwaye ngoku, nyana wam, bonke abantu abakwimo ayendalo, okanye ndingathi, bkwimo yenyama, bakubukrakra benyongo kwaye nakumakhamandela obugwenxa; cabanaye uThixo ehlabathini, kwaye bahambe ngokuchasene nendalo kaThixo; ke ngoko, bakwimo echasene nendalo yovuyo.

12 Kwaye ngoku qaphela, ingaba intsingiselo yegama ubuyiselo ithetha ukuthabatha into ekwimo yendalo ize iyibeko kwimo engeyiyo eyendalo, okanye ukuyibeka kwimo ephikisa indalo yayo?

13 Owu, nyana wam, akunjalo; kodwa intsingiselo yegama ubuyiselo kukubuyisela kwakhona, ububi ngobubi, okanye inyama ngenyama, okanye ubumtyholi ngobumtyholi—okuhle ngoko kuhle; ubulungisa ngoko kunobulungisa; ukulunga ngoko kulungileyo; inceba ngoko kunenceba.

14 Ke ngoko, nyana wam, qiniseka ukuba uba nenceba kubazalwana bakho; yenza angobulungisa, bgweba ngobulungisa, kwaye wenze cokulungileyo ngamaxesha onke; kwaye ukuba uyazenza zonke ezi zinto uya kuthi ke uwuzuze umvuzo wakho; ewe, dinceba iya kubuyiselwa kuwe kwakhona; ukulunga kuya kubuyiselwa kuwe kwakhona; isigwebo sobulungisa siya kubuyiselwa kuwe kwakhona; kwaye uya kuvuzwa ngokulunga kwakhona.

15 Kuba oko uthi ukuthumele kuya kubuyela kuwe kwakhona, kwaye kubuyiselwe; ke ngoko, igama elithi ubuyiselo limgweba ngokuphelele ngakumbi umoni, kwaye lingamkhululi kwaphela.