Izibhalo
Alma 42


Isahluko 42

Umzimba onokufa lixesha lokulingwa elenzelwe ukuba umntu abenako ukuguquka ukuze akhonze uThixo—Ukuwa kwazisa ukufa kwenyama nomoya phezu kwalo lonke uluntu—Inkululeko iza ngenguquko—UThixo ngeNkqu uhlawulela izono zehlabathi—Inceba yeyabo baguqukayo—Bonke abanye baphantsi kobulungisa bukaThixo—Inceba iza ngenxa yeNtlawulelo—Ngabo bazisola ngokwenene kuphela abasindiswayo. Malunga 74 P.K.

1 Kwaye ngoku, nyana wam, ndiyabona ukuba kukho into nje ethile engakumbi ekhathaza ingqondo yakho, into leyo ongakwaziyo ukuyiqonda—enxulumene anobulungisa bukaThixo ekohlwayeni umoni; kuba uyazama ukucinga ukuba asibobulungisa ukuba umoni athunyelwe kwimo yenkxwaleko.

2 Ngoku qaphela, nyana wam, ndiza kuyicacisa le nto kuwe. Kuba qaphela, emva kokuba iNkosi uThixo aibandulule abazali bethu bokuqala baphuma emyezweni bwe-Eden, ukuba bawulime umhlaba, ababethatyathwe kuwo—ewe, yamkhupha umntu, yaza yabeka kwisiphelo sangasempumalanga somyezo we-Eden, cikerubhi, nekrele elinamadangatye elijika-jika nkalo zonke, ukuba ligcine dumthi wobomi

3 Ngoku, siyabona okokuba umntu wayesele efana noThixo, esazi okulungileyo nokubi; kwaye hleze asolule isandla sakhe, athabathe aze atye kanjalo kumthi wobomi, kwaye atye aze aphile ngonaphakade, iNkosi uThixo yabeka ikherubhi nekrele elinamalangatye, ukuze angathabathi atye kuso isiqhamo—

4 Kwaye njalo siyabona, okokuba kwabakho ilixa awalinikwayo umntu lokokuba aguquke, ewe, ailixa lokulingwa, ilixa lokuguquka kwaye akhonze uThixo.

5 Kuba qaphela, ukuba uAdam wayolule isandla sakhe kwangoko, waza wathabatha watya kumthi wobomi, wayeya kuphila ngonaphakade, ngokwelizwi likaThixo, engenalo ithuba lokuguquka; ewe, kananjalo nelizwi likaThixo ngelaba lilize, kwaye necebo elikhulu losindiso ngelaphazamiseka.

6 Kodwa qaphela, kwakumisiwe ukuba umntu aafe—ke ngoko, njengoko babesikelwe ngaphandle kumthi wobomi, kumele basikelwe ngaphandle nasebusweni bomhlaba—kwaye umntu waba ulahlekile ngonaphakade, ewe, baba bngabantu abawileyo.

7 Kwaye ngoku, niyabona ngako oku ukuba abazali bethu bokuqala ababesikelwe ngaphandle kunye ngokwasenyameni nangokomoya ebusweni beNkosi; kwaye njalo siyabona okokuba baba nokuzilawula belandela bintando yabo.

8 Ngoku qaphela, kwakungeyomfuneko ukuba umntu abangwe kwakhona koku kufa kwenyama, kuba oko bekuya kutshabalalisa aicebo elikhulu lovuyo.

9 Ke ngoko, ngenxa yokuba umphefumlo wawungeze ufe, kwaye aukuwa kwakuzise phezu kwalo lonke uluntu ukufa ngokwasemoyeni kwakunye nokufa kwenyama, oko kukuthi, babesikelwe ngaphandle ebusweni beNkosi, kwakuyimfuneko okokuba uluntu lube luya kubangwa kwakhona koku kufa kwasemoyeni.

10 Ke ngoko, ngenxa yokuba baba angabemvelo, baba ngabasemhlabeni, kwaye baba bumtyholi, bngendalo, le mo cyokulingwa yaba yimo yabo yokuba balungise; yaba yimo yokuzilungiselela.

11 Kwaye ngoku khumbula, nyana wam, ukuba kwakungengalo icebo lenkululeko, (libekwe bucala) kwakamsinya nje ukuba befile imiphefumlo yabo ayayixhwaleka, ngenxa yokuba isikelwe ngaphandle ebusweni beNkosi.

12 Kwaye ngoku, kwakungekho ndlela yokubakhulula abantu kule mo yokuwa, athe umntu ngokwakhe wayizisa phezu kwakhe ngenxa yokungathobeli kwakhe;

13 Ke ngoko, ngokobulungisa, aicebo lenkululeko belingenako ukwenzeka, kuxhomekeke kuphela kwiimeko bzokuguquka kwabantu kule mo yokulingwa, ewe, le mo yokuzilungiselela; kuba ngaphandle kokuba kube kungezi meko, inceba ibingenakho ukuba nesiphumo ngaphandle kokuba ibiya kutshabalalisa umsebenzi wobulungisa. Ngoku umsebenzi wobulungisa ubungenakho ukutshatyalaliswa; ukuba kunjalo, uThixo cebengayeka ukuba nguThixo.

14 Kwaye njalo siyabona okokuba lonke uluntu alwaluwile, kwaye lwalusesandleni bsobulungisa; ewe, ubulungisa bukaThixo, obubathumela ngonaphakade ukuba basikelwe ngaphandle kobuso bakhe.

15 Kwaye ngoku, icebo lenceba belingeke lenzeke ngaphandle kokuba intlawulelo yenziwe; ke ngoko uThixo ngokwakhe auhlawulela izono zehlabathi, ukuze icebo blenceba lenzeke, ukukholisa iimfuno czobulungisa, ukuze uThixo abe nguThixo dofezekileyo, uThixo onobulungisa, noThixo onenceba kanjalo.

16 Ngoku, inguquko ibingenakuza ebantwini ngaphandle kokuba bekuya kubakho isohlwayo, esaye kanjalo asisesanaphakade njengokuba ubomi bomphefumlo bumele ukuba njalo, esimiselwe ngokuchaseneyo necebo lovuyo, ebe lilelanaphakade kanjalo njengobomi bomphefumlo.

17 Ngoku, ingaba umntu angaguquka njani ngaphandle kokuba abe auyona? Ubenak ukwenza isono njani ukuba bekungekho bmthetho? Ubungabakho njani umthetho ngaphandle kokuba kubekho isohlwayo?

18 Ngoku, kwabakho isohlwayo esimiselweyo, nomthetho wobulungisa onikiweyo, owazisa ukuzisola akwesazela emntwini.

19 Ngoku, ukuba kwakungekho mthetho onikiweyo—ukuba umntu aubulele kumele afe—ingaba ubeya koyika ukuba uya kufa ukuba angabulala?

20 Kananjalo, ukuba bekungekho mthetho onikiweyo ngokuchasene nesono abantu bebengayi koyika ukwenza isono.

21 Kwaye ukuba akwakungekho mthetho onikiweyo, ukuba abantu bonile ubulungisa bebungenza ntoni, okanye inceba leyo, kuba bezingayi kuba nabango phezu kwesidalwa?

22 Kodwa ukhona umthetho onikiweyo, nesohlwayo esimiselweyo, anenguquko enikiweyo; nguquko leyo, inceba iyibangayo; ngenye indlela, ubulungisa buyasibanga isidalwa kwaye buwise umthetho, uze umthetho wehlise isohlwayo; ukuba akunjalo, imisebenzi yobulungisa ingatshabalala, kwaye noThixo angayeka ukuba nguThixo.

23 Kodwa uThixo akayeki ukuba nguThixo, kwaye ainceba ibanga abazohlwayayo, kwaye inceba iza ngenxa byentlawulelo; kwaye intlawulelo yenza kwenzeke cuvuko lwabafileyo; kwaye uvuko lwabafileyo dlubuyisela abantu ebusweni bukaThixo; kwaye njalo ke babuyiselwa ebusweni bakhe, ukuze ebagwetywe ngokwemisebenzi yabo, ngokomthetho nobulungisa.

24 Kuba qaphela, ubulungisa busebenzisa zonke iimfuno zabo, kananjalo nenceba ibanga konke okukokwayo, kwaye njalo, akukho namnye ngaphandle kwabazohlwaya ngokwenene abasindiswayo.

25 Ingaba ucinga ukuba inceba ingabuhlutha ngantoni aubulungisa? Ndithi kuwe, Hayi; nakancinane. Ukuba kunjalo, uThixo angayeka ukuba nguThixo.

26 Kwaye njalo ke uThixo uphumeza aiinjongo zakhe ezinkulu nezanaphakade, ezazilungiselelwe bukususela kwisiseko sehlabathi. Luza njalo ke usindiso nenkululeko yabantu, kananjalo netshabalalo nenkxwaleko yabo.

27 Ke ngoko, Owu nyana wam, anabani na onokuza angeza aze athabathe asele emanzini obomi ngokukhululekileyo; kwaye nabani na ongayi kuza lowo akanyanzelwanga ukuba eze; kodwa ngomhla wokugqibela kuya bkubuyiselwa kuye cngokwezenzo zakhe.

28 Ukuba ebenqwenela ukwenza aububi, kwaye akaguqukanga ngemihla yakhe, qaphela, ububi buya kwenziwa kuye, malunga ngokobuyiselo lukaThixo.

29 Kwaye ngoku, nyana wam, ndinqwenela okokuba ungazivumeli ezi zinto zibuye zikukhathaze, kwaye vumela kuphela izono zakho zikukhathaze, ngoko kukhathazeka okuya kukuthobela ezantsi enguqukweni.

30 Owu nyana wam, ndinqwenela ukuba ungabuye ubukhanyele ubulungisa bukaThixo. Musa ukuzama ukuzikhulula nakwingongoma encinane ngenxa yezono zakho, ngokukhanyela ubulungisa bukaThixo; kodwa wena buvumele ubulungisa bukaThixo, nenceba yakhe, nokuzeka kade umsindo kwakhe kuphembelele intliziyo yakho ngokupheleleyo; kwaye uvume ukuba bukuzise ezantsi eluthulini angentobeko.

31 Kwaye ngoku, Owu nyana wam, ubiziwe nguThixo ukuba ushumayele ilizwi kwaba bantu. Kwaye ngoku, nyana wam, hamba indlela yakho, vakalisa ilizwi ngenyaniso nokuzola, ukuze ubenako ukuzisa imiphefumlo enguqukweni, ukuze icebo elikhulu lenceba libe nebango phezu kwabo. Kwaye wanga uThixo angakunika nangokwamazwi am. Amen.