Izibhalo
Alma 14


Isahluko 14

UAlma noAmyuleki bakhonkxiwe baza babethwa—Amakholwa nezibhalo zawo ezingcwele ayatshiswa ngomlilo—Aba bafeli-nkolo bamkelwa yiNkosi ebuqaqawulini—Iindonga zentolongo ziya qhekeka kwaye ziwe—UAlma noAmyulek bayakhululwa, baze abatshutshisi babo babulawe. Malunga 82–81 P.K.

1 Kwaye kwenzekile emva kokuba ephezile ukuthetha nabantu abaninzi babo baye bakholelwa kumazwi akhe, baza baqalisa ukuguquka, nokuziphengulula aizibhalo.

2 Kodwa inxalenye yesininzi sabo yayinqwenela ukuba bangamtshabalalisa uAlma noAmyuleki; kuba babenomsindo kuAlma, ngenxa ayokucaca kwamazwi akhe kuye uZiyezirom; baza bathi kanjalo uAmyuleki bubaxokisile, kwaye wenyelise nomthetho wabo kanjalo nabaqondisi-mthetho babo nabagwebi.

3 Kwaye babenomsindo kanjalo kuAlma noAmyuleki; kwaye ngenxa yokuba babengqine ngokucacileyo ngokuchasene nenkohlakalo yabo, bafuna ukubasusa endleleni ngokusemfihlakalweni.

4 Kodwa kwenzekile okokuba bangabi nako; kodwa babathabatha baza bababophelela ngeentsontela ezomeleleyo, baza babasa phambi komgwebi oyintloko welizwe.

5 Baza abantu babheka phambili baza bangqina ngokuchasene nabo bengqina okokuba—bawunyelisile umthetho wabo, nabaqondisi-mthetho babo nabagwebi belizwe, kananjalo nabo bonke abantu ababekulo ilizwe; kananjalo bangqine ukuba kwakukho kodwa uThixo omnye, nokokuba uya kuthumela uNyana wakhe phakathi kwabantu, kodwa akayi kubasindisa; kwaye zazininzi izinto ezilolo hlobo abathi abantu bangqina ngazo ngokuchasene noAlma kunye noAmyuleki. Ngoku oku kwenziwa phambi komgwebi oyintloko welizwe.

6 Kwaye kwenzekile okokuba uZiyezirom wakhwankqiswa ngamazwi athethwayo; kwaye wayesazi kanjalo malunga nobumfama beengqondo athe wabenza phakathi kwabantu ngamazwi akhe obuxoki; waza umphefumlo wakhe waqalisa aukuhlupheka phantsi bkwesazela sobutyala bakhe; ewe, waqalisa ukurhangqwa ziintlungu zesihogo.

7 Kwaye kwenzekile okokuba waqalisa ukudanduluka ebantwini, esithi: Qaphelani, andinetyala, kwaye la madoda awanachaphaza phambi koThixo. Waza waqalisa ukubacengela ukususela kwela lixa ukuya phambili; kodwa bamthuka, besithi: Akungenwanga nawe kanjalo ngumtyholi? Baza bamtshicela, kwaye bbamkhuphela ngaphandle phakathi kwabo, kananjalo bonke abo babekholelwa kuwo amazwi awayethethwe nguAlma noAmyuleki; baza babakhuphela ngaphandle, baza bathumela abantu ukuba babaxulube ngamatye.

8 Baza baqokelela abafazi nabantwana babo kunye, kwaye nabani na okholelwayo okanye ofundisiweyo ukuba akholelwe kulo ilizwi likaThixo bababangela ukuba baphoswe emlilweni; baza kanjalo bazisa ngaphambili iimbali zabo ezaziqulathe izibhalo ezingcwele, baza baziphosa emlilweni nazo ngokunjalo, ukuze zitshe kwaye zitshatyalaliswe ngumlilo.

9 Kwaye kwenzekile okokuba bamthabatha uAlma noAmyuleki, baza babasa ngaphambili kwindawo yabafeli-nkolo, ukuze babe nokubukela intshabalalo yabo abo babetshatyalaliswa ngumlilo.

10 Waza uAmyuleki xa ebona iintlungu zabo abafazi nabantwana ababetshabalala emlilweni, naye ngokunjalo weva intlungu; waza wathi kuAlma: Singathini ukuwubukela lo mbono woyikekayo? Ke ngoko masolulele phambili izandla zethu, kwaye sisebenzise aamandla kaThixo akuthi, size sibasindise kuwo amalangatye.

11 Kodwa uAlma wathi kuye: UMoya uyandinyanzela okokuba kufuneka ndingasoluleli phambili isandla sam; kuba qaphela iNkosi iyabamkela phezulu kuyo, aebuqaqawulini, kwaye iyabayekela ukuba bangakwenza oku, okanye okokuba abantu bangakwenza oku kubo, ngokokuqaqadeka kweentliziyo zabo, ukuze bizigwebo ezo aya kuthi azisebenzise phezu kwabo ngomsindo wayo zibe nobulungisa; kwaye cigazi labo dbangenatyala liya kuma njengobungqina ngokuchasene nabo, ewe, lize likhale ngamandlakazi ngokuchasene nabo ngomhla wokugqibela.

12 Ngoku uAmyuleki wathi kuAlma: Qaphela, mhlawumbi baya kusitshisa nathi ngokunjalo.

13 Waza uAlma wathi: Makube ngokwentando yeNkosi. Kodwa, qaphela, umsebenzi wethu awukapheli; ke ngoko abasayi kusitshisa.

14 Ngoku kwenzekile okokuba yakuba imizimba yabo abo babephoswe emlilweni itshatyalalisiwe, kananjalo neembali ezaziphoswe phakathi kunye nabo, umgwebi oyintloko weza waza wema phambi koAlma noAmyuleki, njengoko babebotshelelwe; waza wababetha ngesandla sakhe ezidleleni zabo, waza wathi kubo: Emva koku nikubonileyo, ingaba ningaphinda kwakhona nishumayele kubo aba bantu, ukuze babe baya kuphoselwa aedikeni lomlilo nesalfure?

15 Qaphelani, niyabona okokuba aninawo amandla okubasindisa abo baphoselwe emlilweni; noThixo lowo engabasindisanga ngenxa yokuba bengabenkolo yenu. Waza umgwebi wababetha kwakhona ezidleleni zabo, waza wabuza: Nizithethelela ngantoni?

16 Ngoku lo mgwebi wayengowohlobo nenkolo akaNehore, owabulala uGidiyon.

17 Kwaye kwenzekile okokuba uAlma noAmyuleki abazange bamphendule nganto; waza wababetha kwakhona, waza wabanikezela kubaphathi ukuba baphoselwe entolongweni.

18 Kwaye bakuba bephoselwe entolongweni iintsuku ezintathu, kwafika aabaqondisi-mthetho abaninzi, nabagwebi, nababingeleli, nootitshala, ababe ngabenkolo kaNehore; kwaye bangena entolongweni ukuya kubabona, baza bababuza malunga namazwi amaninzi; kodwa abazange babaphendule.

19 Kwaye kwenzekile okokuba umgwebi wema phambi kwabo, waza wathi: Kungani ningayiphenduli imibuzo yaba bantu? Anazi na ukuba ndinegunya lokuninikezela emalangatyeni? Waza wabayalela ukuba bathethe; kodwa abazange baphendule.

20 Kwaye kwenzekile okokuba bemka baza bahamba iindlela zabo, kodwa babuya kwakhona ngengomso; baza nabagwebi kanjalo wababetha kwakhona ezidleleni zabo. Baza nabaninzi kanjalo beza ngaphambili, baza bababetha, besithi: Ningema kwakhona nize nigwebe aba bantu, nize nigwebe nomthetho wethu? Ukuba ninamandla amakhulu kangako kungani aningazihlanguli?

21 Kwaye nezinto ezininzi ezilolohlobo bazithetha kubo, betshixizisa amazinyo abo kubo, kwaye bebatshicela, baze bathi: Siya kukhangeleka njani xa sigwetyiwe?

22 Nezinto ezininzi ezilolohlobo, ewe, zonke iintlobo zezinto ezilolohlobo baye bazithetha kubo; baza njalo bahlekisa ngabo kangangeentsuku ezininzi. Kwaye baye babavimba ukutya ukuze balambe, namanzi ukuze banxanwe; kwaye baye kanjalo bazithabatha kubo neempahla zabo ukuze babe ze; kwaye njalo babotshelelwa ngeentambo ezomeleleyo, kwaye bavalelwa entolongweni.

23 Kwaye kwenzekile emva kokuba bebandezeleke njalo kangangeentsuku ezininzi, (kwaye kwakungumhla weshumi elinambini, kwinyanga yeshumi, koweshumi unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi) okokuba umgwebi oyintloko phezu kwelizwe laseAmoniha nabaninzi bootitshala babo nabaqondisi-mthetho babo baya bangena entolongweni apho uAlma noAmyuleki babebotshelelwe khona ngeentambo.

24 Kwaye umgwebi oyintloko wema phambi kwabo, waza wababetha kwakhona, waza wathi kubo: Ukuba ninegunya likaThixo zikhululeni kula makhamandela, kwaye ke siya kukholelwa ukuba iNkosi iya kubatshabalalisa aba bantu ngokwamazwi enu.

25 Kwaye kwenzekile okokuba bonke babheka phambili baza bababetha, bethetha amazwi amanye, kwada kwaba ngowokugqibela; waza akuba owokugqibela ethethile nabo aamandla kaThixo aba phezu koAlma noAmyuleki, baza baphakama baza bema ngeenyawo zabo.

26 Waza uAlma wadanduluka, esithi: Koda kube nini sinyamezele ezi ambandezelo zibuhlungu, Owu Nkosi? Owu Nkosi, sinike ukomelela ngokokholo lwethu olukuye uKrestu, nasekukhululweni. Baza baziqhawula iintambo abebeqanyangelwe ngazo; baza bathi abantu bakukubona oku, baqalisa ukubaleka, kuba uloyiko lwentshabalalo lwabafikela.

27 Kwaye kwenzekile okokuba lwaba lukhulu uloyiko lwabo kangangokuba bawa emhlabeni, baza bafikelela kwicango langaphandle alentolongo; waza umhlaba washukuma ngamandlakazi, zaza iindonga zentolongo zaqhekeka kubini, kangangokuba zawa emhlabeni; waza umgwebi oyintloko, nabaqondisi-mthetho, nababingeleli, nootitshala, abo babetha uAlma noAmyuleki, babulawa kukuwa kwazo.

28 Waza uAlma noAmyuleki beza phambili baphuma kuyo intolongo, kwaye babengonzakalanga; kuba iNkosi ibibanike amandla, ngokokholo lwabo olwaye lukuye uKrestu. Kwaye ngoko nangoko beza phambili baphuma kuyo intolongo; baza abakhululwa kuwo amakhamandela abo; kwaye intolongo yayidilikele emhlabeni, waza wonke umphefumlo ngaphakathi kweendonga zayo, ngaphandle kuka-Alma noAmyuleki, wabulawa; baza ke ngoko nangoko beza phambili bangena kuso isixeko.

29 Ngoku abantu beyivile ingxolo enkulu beza bebaleka kunye bezizihlwele ukuze bazi ngonobangela wayo; baza bakubona uAlma noAmyuleki besiza phambili bephuma entolongweni, kwaye neendonga zayo ziwele emhlabeni, bafikelwa luloyiko olukhulu, baza basaba kubukho buka-Alma no Amyuleki kwananje ngebhokhwe isaba netakane layo kuzo iingonyama ezimbini; kwaye njalo ke baye basaba kubukho buka-Alma noAmyuleki.