Izibhalo
Alma 18


Isahluko 18

UKumkani uLamonayi ucinga ukuba uAmon unguye uMoya onaMandla—UAmon ufundisa ukumkani ngeNdalo, nenkqubo kaThixo ngabantu, nangayo inkululeko eza ngoKrestu—ULamonayi uyakholelwa aze awe emhlabeni ngokungathi ufile. Malunga 90 P.K.

1 Kwaye kwenzekile oku ukumkani uLamonayi wenza izicaka zakhe ukuba zime ngaphambili baze kwaye zibangqine ngazo zonke izinto abathe bazibona malunga nalo mba.

2 Baza bakuba bonke bengqinile ngezinto ezo babe zibonile, kwaye wafumanisa ngokuthembeka kuka-Amon ekulondolozeni imihlambi yakhe, kananjalo nangamandla akhe amakhulu ekulweni nabo babezama ukumbulala, waye wakhwankqiswa ngokugqithisileyo, waza wathi: Ngokwenene, lo ungaphezulu kunomntu. Qaphelani, ingaba asinguye na lo uMoya onaMandla othumela isohlwayo esikhulu kangaka phezu kwaba bantu, ngenxa yokubulala kwabo?

3 Baza bamphendula ukumkani, baza bathi: Nokokuba unguMoya onaMandla okanye ungumntu, asazi; kodwa sazi kangaka, ukuba aakanako ukubulawa ziintshaba zikakumkani; bengenako nokuyichithachitha imihlambi kakumkani xa enathi, ngenxa yobungcali bakhe nokomelela okukhulu; ke ngoko, siyazi okokuba ungumhlobo kuye ukumkani. Kwaye ngoku, Owu kumkani, asikholelwa ukuba umntu nje unamandla amakhulu kangaka, kuba siyazi ukuba akanako ukubulawa.

4 Kwaye ngoku, akuweva la mazwi, ukumkani wathi kubo: Ngoku ndiyazi ukuba nguMoya onaMandla; kwaye wehlele ezantsi ngelilixa ukuze abulondoloze ubomi benu, ukuze ndingabi anakunibulala njengoko ndenzayo kubazalwana benu. Ngoku lo nguMoya onaMandla abathi bathetha ngaye oobawo bethu.

5 Ngoku esi yayisisithethe sikaLamonayi, awayesizuze kuyise, sokokuba kwakukho uMoya onaMandla. Nangona babekholelwa kuwo auMoya onaMandla, babecinga ukuba nantoni na ababeyenza yayilungile; nangona kunjalo, uLamonayi waqalisa ukoyika ngokugqithisileyo, ngoloyiko lokuba hleze abe wenze okungalunganga ngokubulala izicaka zakhe;

6 Kuba wayebulele abaninzi babo ngenxa yokuba abazalwana babo babechithachithe imihlambi yabo endaweni yamanzi; baza njalo, ngenxa yokuba bayeka imihlambi yabo ichithachithwe baye babulawa.

7 Ngoku kwakusisiqhelo sala maLeymenayithi ukuba beme ngasemanzini aseSebhasi ukuze ayichithachithe imihlambi yabantu, ukuze ngaloo ndlela abenokuyiqhubela kude emininzi echithachithiweyo kwilizwe labo, leyo ke isisiqhelo sabo sokurhwaphiliza phakathi kwabo.

8 Kwaye kwenzekile okokuba ukumkani uLamonayi wabuza kwizicaka zakhe, esithi: Iphi le ndoda inamandla amakhulu kangaka?

9 Baza bathi kuye: Qaphela, udlisa amahashe akho. Ngoku ukumkani wayeyalele izicaka zakhe, ngaphambi kweli lixa lokuseza imihlambi yabo, ukuba bamele balungise amahashe akhe neenqwelo zakhe zokulwa, baze bamqhubele ukuya kwilizwe likaNifayi; kuba apho kwakukho isidlo esikhulu esasimiselwe kwilizwe likaNifayi, nguyise kaLamonayi, owayengukumkani phezu kwalo lonke ilizwe.

10 Ngoku akuva ukumkani uLamonayi okokuba uAmon wayelungisa amahashe akhe neenqwelo zokulwa zakhe wakhwankqiswa ngakumbi, ngenxa yentembeko ka-Amon, esithi: Ngokwenene akuzange kubekho nasinye isicaka phakathi kwezicaka zam zonke ebesithembeke njengale ndoda; kuba ude ayikhumbule yonke imiyalelo yam ukuba ayenze.

11 Ngoku ndiyazi okokuba lo nguye uMoya onaMandla, kwaye ndinganqwenela ukuba aze angene ngaphakathi kum, kodwa andingekhe ndilinge.

12 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uAmon elungiselele ukumkani nezicaka zakhe amahashe neenqwelo zokulwa, wangena ngaphakathi kuye ukumkani, waza wabona ukuba imbonakalo yobuso bukakumkani yayiguqukile; ke ngoko wayesele eza kubuyela ngaphandle emke kubukho bakhe.

13 Waza omnye wezicaka zikakumkani wathi kuye: Rabhana, ethi, ukutolikwa, kumkani onamandla okanye kumkani omkhulu, becinga ukuba ookumkani babo banamandla; waza njalo ke wathi kuye: Rabhana, ukumkani unqwenela ukuba uhlale.

14 Ke ngoko uAmon waguqukela kuye ukumkani, waza wathi kuye: Ingaba yintoni onqwenela ukuba ndikwenzele yona, Owu kumkani? Waza ukumkani akamphendula kangangethuba leyure, ngokwexesha labo, kuba wayengayazi into amakayithethe kuye.

15 Kwaye kwenzekile okokuba uAmon wathi kuye kwakhona: Ingaba unqwenela ntoni kum? Kodwa ukumkani akamphendulanga.

16 Kwaye kwenzekile okokuba uAmon, ezaliswe nguMoya kaThixo, ke ngoko waziqonda aiingcinga zikakumkani. Waza wathi kuye: Kungenxa yokuba uvile ukuba ndikhusele izicaka zakho nemihlambi yakho, ndaza ndabulala isixhenxe sabazalwana babo ngesilingi nangekrele, ndaza ndanqumla iingalo zabanye, ukuze ndikhusele iimihlambi yakho nezicaka zakho; qaphela, ingaba kuko oku okukubangele ukumangaliswa?

17 Ndithi kuwe, ingaba yintoni, ukuba umangaliswe kakhulu kangaka? Qaphela, ndingumntu, kwaye ndisisicaka sakho; ke ngoko, nantoni na oyinqwenelayo elungileyo, loo nto ndiya kuyenza.

18 Ngoku akuba ukumkani ewavile la mazwi, wamangaliswa kwakhona, kuba waqaphela ukuba uAmon wayekwazi aukuziqonda iingcinga zakhe; kodwa nangona kunjalo, ukumkani uLamonayi waye wawuvula umlomo wakhe, waza wathi kuye: Ungubani? Unguye laa Moya unaMandla, bowazi zonke izinto?

19 UAmon waphendula kwaye wathi kuye: Andinguwo.

20 Waza ukumkani wathi: Uzazi njani iingcinga zentliziyo yam? Ungathetha ngenkalipho, kwaye undixelele malunga nezi zinto; kananjalo undixelele ukuba kungamandla mani obulele waza wanqumla iingalo zabazalwana bam abebechithachitha imihlambi yam—

21 Kwaye ngoku, ukuba ungandixelela malunga nezi zinto, nantoni na oyinqwenelayo ndiya kukunika; kwaye ukuba bekuyimfuneko, bendiya kukukhusela ngemikhosi yam yonke; kodwa ndiyazi ukuba unamandla kakhulu ngaphezu kwayo yonke; nangona kunjalo, nantoni na oyinqwenelayo kum ndiya kuyinikezela kuwe.

22 Ngoku uAmon elumkile, kanti ke engenabungozi, wathi kuye uLamonayi: Ingaba uza kuwaphula-phula amazwi am, ukuba ndiya kuxelela ukuba kungamandla mani endizenza ngawo ezi zinto? Kwaye le yinto endiyinqwenelayo kuwe.

23 Waza ukumkani wamphendula, kwaye wathi: Ewe, ndiya kuwakholelwa onke amazwi akho. Kwaye njalo wabambiseka ngenkohliso.

24 Waza uAmon waqalisa ukuthetha angenkalipho, kwaye wathi kuye: Uyakholelwa na ukuba kukho uThixo?

25 Waza waphendulu, kwaye wathi kuye: Andiyazi ukuba ithetha ntoni na loo nto.

26 Waza ke uAmon wathi: Uyakholelwa na ukuba kukho uMoya onoMandla?

27 Waza wathi, Ewe.

28 Waza wathi uAmon: Lo ke nguThixo. Waza uAmon wathi kuye kwakhona: Uyakholelwa ukuba lo Moya unaMandla, onguThixo, wadala zonke izinto ezisezulwini kwaye nasemhlabeni?

29 Waza wathi: Ewe, ndiyakholelwa ukuba wadala zonke izinto ezikuwo umhlaba; kodwa andiwazi amazulu.

30 Waze uAmon wathi kuye: Amazulu yindawo apho uThixo ahlala khona kwaye nazo zonke iingelosi ezingcwele.

31 Waza ukumkani uLamonayi wathi: Lingasentla komhlaba?

32 Waza uAmon wathi: Ewe, kwaye ukhangele ezantsi phezu kwabo bonke abantwana babantu; kwaye uyazazi zonke aiingcinga neenjongo zentliziyo; kuba ngesandla sakhe bonke bakholwa ukususela ekuqalekeni.

33 Waza ukumkani uLamonayi wathi: Ndiyazikholelwa zonke ezi zinto uzithethileyo. Ingaba uthunyelwe usuka kuThixo?

34 UAmon wathi kuye: Mna ndingumntu; kwaye aumntu ekuqalekeni wayedalwe ngokwemfano kaThixo, kwaye mna ndibizwe ngoMoya wakhe oyiNgcwele ukuba bndifundise ezi zinto kubo aba bantu, ukuze babe nokuziswa kulwazi lwaloo nto ilungileyo kwaye neyinyani;

35 Kwaye inxalenye yaloo aMoya uhleli ngaphakathi kum, endinika bulwazi, kananjalo namandla ngokokholo lwam neminqweno ekuye uThixo.

36 Ngoku akuba uAmon ewathethile la mazwi, waqala kuyo indalo yehlabathi, kananjalo nokudalwa kuka-Adam, waza wamxelela zonke izinto ezinxulumene nokuwa komntu, waza awacengceleza kwaye wabeka phambi kwakhe iimbali bnezibhalo ezingcwele zabantu, ezazithethwe cngabaprofeti, nokusuka ezantsi kulo ilixa awathi uyise wabo, uLihayi, walishiya elaseYerusalem.

37 Waza kanjalo wabacengcelezela (kuba kwakukuye ukumkani kwaye nakuzo izicaka zakhe) zonke iihambo zooyise entlango, kwaye nazo zonke iintlupheko zabo ngendlala nonxano, nemigudu yabo enzima, njalo-njalo.

38 Kwaye kanjalo waye wababalisela ngokunxulumene neemvukelo zikaLeymeni noLemuweli, noonyana bakaIshmayeli, ewe, zonke iimvukelo zabo waye wazicengceleza kubo; kwaye wabacacisela zonke iimbali nezibhalo ukususela kwilixa awathi uLihayi walishiya elaseYerusalem ukwehla ukuza kwixesha elimiyo.

39 Kodwa akuphelelanga apho; kuba wabacacisela angecebo lenkululeko, elalilungiselelwe ukususela kwisiseko sehlabathi; waza kanjalo wabazisa malunga nokuza kukaKrestu, kwaye nayo yonke imisebenzi yeNkosi wayazisa kubo.

40 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba ezithethile zonke ezi zinto, kwaye wazicacisa kukumkani, ukumkani waye wawakholelwa onke amazwi akhe.

41 Waza waqalisa ukudanduluka kuyo iNkosi, esithi: Owu Nkosi, yiba nenceba; angokwenceba yakho eninzi owathi wanayo phezu kwabantu bakaNifayi, yiba nayo phezu kwam, nakubantu bam.

42 Kwaye ngoku, akuba ekuthethile oku, wawa emhlabeni, ngokungathi wayefile.

43 Kwaye kwenzekile okokuba izicaka zakhe zamthabatha kwaye zamthwala zamngenisa kumfazi wakhe, kwaye zambeka phezu komandlalo; kwaye walala ngokungathi ufile kangangethuba leentsuku ezimbini nobusuku obubini; waza umfazi wakhe, noonyana bakhe, neentombi zakhe bamzilela, ngokohlobo lwamaLeymenayithi, besenza isijwili kakhulu ngokulahlekelwa nguye.