Izibhalo
Alma 4


Isahluko 4

UAlma ubhaptiza amawaka abaguqukileyo—Ubugwenxa buyangena eBandleni, ize inkqubelaphambili yeBandla iphazamiseke—UNifayiha uyonyulwa ukuba abe ngumgwebi oyintloko—UAlma, njengombingeleli omkhulu, uya zinikela kubo ubulungiseleli. Malunga 86–83 P.K.

1 Ngoku kwenzekile okokuba kowesithandathu unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi, akuzange kubekho zimbambano nazimfazwe kulo ailizwe laseZarahemla;

2 Kodwa abantu babe bandezelekile, ewe, bebandezeleke kakhulu ngenxa ayokulahlekelwa ngabazalwana babo, kananjalo nokulahlekelwa yimpahla emfutshane nemihlambi yeenkomo zabo, kananjalo nokulahlekelwa ngamasimi eenkozo zabo, ezazinyathelelwe phantsi kweenyawo zaze zatshatyalaliswa ngamaLeymenayithi.

3 Kwaye zazinkulu kakhulu iimbandezelo zabo kangangokuba imiphefumlo yonke yaba nesizathu sokuba lusizi; kwaye babekholelwa okokuba yayizizigwebo zikaThixo zithunyelwa phezu kwabo ngenxa yenkohlakalo yabo namasikizi abo; ke ngoko bavuselelwa kwinkumbulo yomsebenzi wabo.

4 Kwaye baqalisa ukumisa ibandla ngokupheleleyo; ewe, kwaye abaninzi ababhaptizwa emanzini aseTsidon baza bamanyelwa ebandleni likaThixo; ewe, babhaptizwa ngesandla sika-Alma, owaye engcwaliswe bnjengombingeleli omkhulu phezu kwabantu bebandla, ngesandla sikayise uAlma.

5 Kwaye kwenzekile kowesixhenxe unyaka wolawulo lwabagwebi kwabakho imiphefumlo emalunga namawaka amathathu namakhulu amahlanu eyathi yazimanya anebandla likaThixo yaza yabhaptizwa. Kwaye waphela njalo owesixhenxe unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi; kwaye kwabakho uxolo ngalo lonke ixesha kulo lonke elo lixa.

6 Kwaye kwenzekile kowesibhozo unyaka wolawulo lwabagwebi, okokuba abantu bebandla baqalisa ukuba babe nekratshi, ngenxa ayobutyebi babo obugqithisileyo, bneesilika zabo ezicwengileyo, neelineni zabo ezolukwe ngokucekethekileyo, kwaye ngenxa yemihlambi yabo emininzi neenkomo, negolide yabo nesilivere, nazo zonke iintlobo zezinto ezixabisekileyo, abathi bazizuza ngokusebenza ngenkuthalo yabo; kwaye kuzo zonke ezi zinto baphakamela kwikratshi lamehlo abo, kuba baqalisa ukunxiba izinxibo zexabiso elikhulu.

7 Ngoku oku kwaku ngunobangela wembandezelo enkulu kuAlma, ewe, nakwabaninzi babantu awathi uAlma awabamisela ukuba babeziititshala, nababingeleli, nabadala phezu kwebandla; ewe, abaninzi babo babebuhlungu kakhulu ngenxa yenkohlakalo ababeyibona ukuba iqalisile ukubakho phakathi kwabantu babo.

8 Kuba babona baza baqaphela ngosizi olukhulu ukuba abantu bebandla baqalisa ukuphakamela akwikratshi lamehlo abo, nokubeka iintliziyo zabo phezu kobutyebi naphezu kwezinto ezililize zehlabathi, ukuze baqalise ukugxekana, omnye komnye, kwaye baqalisa ukutshutshisa abo bbabengakholelwa ngokwentando nolonwabo lwabo.

9 Kwaye njalo, kulo wesibhozo unyaka wolawulo lwabagwebi, kwaqalisa ukubakho aiimbambano ezinkulu phakathi kwabantu bebandla; ewe, kwabakho boomona, nokukrutha-kruthana, nolunya, neentshutshiso, nekratshi, ngokude lidlule ikratshi labo babengengabo abebandla likaThixo.

10 Kwaye njalo waye waphela owesibhozo unyaka wolawulo lwabagwebi; yaza inkohlakalo yebandla yaba sisikhubekiso esikhulu kwabo babengengabo abebandla; kwaye njalo ibandla laqalisa ukungabi nampumelelo kwinkqubela-phambili yalo.

11 Kwaye kwenzekile ekusungulweni konyaka wesithoba, uAlma wayibona inkohlakalo yebandla, waza wabona kanjalo ukuba aumzekelo webandla wawuqalisa ukukhokelela abo babengakholwa ukusuka kwelinye isuntsu lobugwenxa ukuya kwelinye, njalo besizisa intshabalalo yabantu.

12 Ewe, wabona ukungalingani okukhulu phakathi kwabantu, abanye beziphakamisele phezulu ngekratshi labo, bebacekisa abanye, bebanikela imiva yabo aabasweleyo nabaze nabo bbabelambile, nabo babenxaniwe, nabo babegula kwaye bebandezelekile.

13 Ngoku oku kwakungunobangela omkhulu wezijwili phakathi kwabantu, ngeli lixa abanye babezithoba, benceda abo babeludinga uncedo lwabo, olunje angokunikela ngezinto zabo kwabo babengamahlwempu nabasweleyo, bedlisa abalambileyo, kwaye benyamezela zonke iintlobo bzeembandezelo, cngenxa kaKrestu, omele eze ngokomoya wesiprofetho;

14 Bekhangele phambili kuloo mhla, njalo abezuza uxolelo lwezono zabo; bezaliswe bluvuyo olukhulu ngenxa yovuko lwabafileyo, ngokwentando negunya lenkululo kaYesu Krestu ukusuka kumakhamandela okufa.

15 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba uAlma, ezibonile iimbandezelo zabalandeli abathobekileyo bakaThixo, neentshutshiso ezazifunjwe phezu kwabo yintsalela yabantu bakhe, kwaye ekubona konke aukungalingani kwabo, waqalisa ukuba lusizi kakhulu; nangona kunjalo uMoya weNkosi awuzange umdanise.

16 Kwaye wonyula indoda esisilumko eyayiphakathi kwabadala, waza wayinika igunya angokwelizwi labantu, ukuze ibe negunya lokuwisa bimithetho malunga nemithetho eyayinikiwe, nokuba ayisebenzise ngokwenkohlakalo namatyala abantu.

17 Ngoku igama lalendoda lalinguNifayiha, kwaye wonyulwa ukuba abe angumgwebi oyintloko; waze wahlala kuso isihlalo-sokugweba ukuba agwebe kwaye alawule abantu.

18 Ngoku uAlma akazange alunikele kuye ubizo lokuba ngumbingeleli omkhulu phezu kwebandla, kodwa walugcina ubizo lobubingeleli obukhulu kuye; kodwa wasinikezela isihlalo-sokugweba kuNifayiha.

19 Kwaye oku wakwenza ukuze yena angokwakhe abe nokubheka phambili phakathi kwabantu bakhe, okanye phakathi kwabantu bakaNifayi, ukuze abe nokushumayela bilizwi likaThixo kubo, ukuba cvuselela dekukhumbuleni umsebenzi wabo, kwaye abe nokulisusa, ngelizwi likaThixo, lonke ikratshi nobuqhetseba nazo zonke iimbambano ezaye ziphakathi kwabo bantu bakhe, engaboni nandlela anokuthi ababange ngayo kwakhona ngaphandle kokuba abacinizele engobungqina obumsulwa ngokuchasene nabo.

20 Kwaye njalo ekuqalekeni kowesithoba unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi, uAlma wasinikezela isihlalo-sokugweba akuNifayiha, waza wazibophelela ngokupheleleyo bkububingeleli obukhulu bohlobo olungcwele lukaThixo, ukuba angqine ngelizwi, ngokomoya wesityhilelo nowesiprofetho.