Scripture Stories
U-Ishmayeli noSapho Lwakhe


“U-Ishmayeli noSapho Lwakhe,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

1 Nifayi 7

U-Ishmayeli noSapho Lwakhe

Ukumanya uhambo oluya kwilizwe lesithembiso

Umfanekiso
UNifayi nabantakwabo behamba besiya kutshona langa ngasemlanjeni

USapho lukaLihayi noSaraya laluhlala lodwa entlango. Ngenye imini, iNkosi yaxelela uLihayi ukuba athumele oonyana bakhe, uLeymeni, uLemuweli, uSem, noNifayi, eYerusalem. Bathunyelwa ukuba baye kucela u-Ishmayeli nosapho lwakhe ukuba luzimanye nabo. Kunye iintsapho zabo babenokukhulisa abantwana kwilizwe lesithembiso.

1 Nifayi 7:1–3

Umfanekiso
UNifayi ethetha nosapho luka-Ishmayeli

U-Ishmayeli nosapho lwakhe babefuna ukulandela iNkosi. Bakholelwa ukuba iNkosi yayifuna ukuba bazimanye nosapho lukaLihayi noSaraya. Bakhetha ukushiya iYerusalem baze bahlangane noLihayi entlango.

1 Nifayi 7:4–5

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli bethetha

Ekuhambeni kwabo, abanye abantu abazange bafune ukuthobela. Babefuna ukubuyela emva ekhaya. UNifayi wabacela ukuba babe nokholo eNkosini.

1 Nifayi 7:6–13

Umfanekiso
UNifayi ubotshelelwe emthini

UNifayi wathi iNkosi ingenza nantoni na ukuba babenokholo. Kodwa uLeymeni noLemuweli babenomsindo. Bambophelela uNifayi kwaye bafuna ukumshiya entlango.

1 Nifayi 7:12, 16

Umfanekiso
Intombi ka-Ishmayeli ikhusela uNifayi

UNifayi wathandazela uncedo. Iintambo zaye zakhululeka, waza uNifayi wema ngeenyawo. Kodwa uLeymeni noLemuweli babesafuna ukumenzakalisa. Enye yeentombi zika-Ishmayeli yamkhusela uNifayi. Unina nomnye wabantakwabo bamthethelela. ULeymeni noLemuweli baphulaphula kwaye bayeka ukuzama ukwenzakalisa uNifayi.

1 Nifayi 7:17–19

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli beguqe phambi koNifayi

ULeymeni noLemuweli bazisola ngento ababeyenzile. Bacela uNifayi ukuba abaxolele. UNifayi wabaxolela abantakwabo. Emva koko uLeymeni noLemuweli bathandaza kwaye bacela iNkosi ukuba ibaxolele.

1 Nifayi 7:20–21

Umfanekiso
ULihayi no-Ishmayeli bejonge kwiintsapho zabo

Bonke baqhubeka nohambo lwabo baza bafika ententeni kaLihayi noSaraya Ekugqibeleni, ezi ntsapho zombini zazikunye. Bayibulela iNkosi, kwaye bayinqula Yona.

1 Nifayi 7:21–22