Scripture Stories
UYakobi noSheremi


“UYakobi noSheremi,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Yakobi 7

UYakobi noSheremi

Ubungqina bomprofeti ngoYesu Krestu

Umfanekiso
UYakobi ufundisa abantwana

UYakobi wayengumprofeti owabona uYesu Krestu. Wayefuna ukuba abantu bakholelwe kuYesu. UYakobi wafundisa abantu ukugcina imithetho kaThixo. Wasebenza nzima ukufundisa abantu ngoYesu.

2 Nifayi 11: 2–3; Yakobi 1:1–8, 17–19

Umfanekiso
USheremi uthetha nabantu

Ngenye imini, indoda egama linguSheremi yaqalisa ukufundisa abantu. Kodwa uSheremi wafundisa ukuba uYesu wayengeyonyani. USheremi wayelungile ekuthetheni, kwaye amaNifayithi amaninzi akukholelwa oko wayekuthetha. Ngenxa yakhe, abantu abaninzi bayeka ukukholelwa kuYesu. Kwakhona uSheremi wayefuna uYakobi ayeke ukukholelwa kuYesu.

Yakobi 7:1–5

Umfanekiso
USheremi ethetha kwaye esalatha kuYakobi

USheremi wathi akukho mntu unokwazi oko kuya kwenzeka kwixesha elizayo. Wathi oku kuthetha ukuba akukho bani unokwazi ukuba uYesu wayengumntu wokwenene, kuba uYesu wayengekafiki emhlabeni. Kodwa uYakobi wathi izibhalo nabo bonke abaprofeti bafundisa ngoYesu. UThixo wayebonise uYakobi ukuba uYesu wayeza kuza emhlabeni.

Yakobi 7:6–12

Umfanekiso
USheremi ethetha esinekile

USheremi akabanga nakukholwa. Wayefuna ukuba uYakobi ambonise umqondiso wokuba uYesu unguye ngokwenene.

Yakobi 7:13

Umfanekiso
UYakobi ephakamisa isandla sakhe

UYakobi wathi uSheremi wayesazi ukuba uYesu uyakuza kwaye akadingi mqondiso. Kodwa uYakobi wathi uThixo uya kwenza atyhafe uSheremi ukuze abonise ukuba uThixo unamandla yaye uYesu uyinyani.

Yakobi 7:14

Umfanekiso
USheremi esiwa ngamadolo kunye nabantu kufutshane.

Ngequbuliso, uSheremi wagula waza wawa phantsi. Emva kweentsuku ezininzi, wayesazi ukuba uza kufa. Wabaxelela abantu ukuba ukhohliswe nguSathana. Wathi uxokile kuThixo. Wayesazi ngalo lonke ixesha ukuba uYesu ungumntu wokwenene. Wafa ke uSheremi. Abantu bazifunda izibhalo kwaye bakholelwa kuYesu.

Yakobi 7:15–23