Scripture Stories
Umkhonzazana womNifayithi


“Umkhonzazana womNifayithi,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Alma 50

Umkhonzazana womNifayithi

Uncedisa ukukhusela abantu bakhe

Umfanekiso
UMoriyantoni uphethe itotshi kwaye uthetha nabantu abaninzi, abe umkhonzazana wakhe ekufuphi

Umkhonzazana wayesebenzela inkokheli yomNifayithi eyayinegama elinguMoriyantoni. UMoriyantoni wayedala ingxaki phakathi kwabantu. Waye wahlasela iqela lamaNifayithi kwaye wazama ukuthatha umhlaba walo. Emva koko wayenecebo lokuba aye ngasentla nabantu bakhe ukuze athathe umhlaba olapho.

Alma 50:25–30

Umfanekiso
ngobusuku umkhonzazana wambaleka uMoriyantoni

Ngenye imini, uMoriyantoni waye wabanomsindo kulo mkhonzazana. Waye wamphatha kakubi kakhulu kwaye wamonzakalisa. Loo mkhonzazana waye waqhwesha kwaye wabalekela kwinkampu yoMphathi-mikhosi uMoronayi. Waye waxelela uMoronayi ngezinto ezimbi uMoriyantoni azenzileyo. UMoronayi waye wamkholelwa.

Alma 50:30–31

Umfanekiso
Umkhonzazana wolathe kwimephu kwaye ethetha noMphathi-mikhosi uMoronayi

Loo mkhonzazana wakutsho nokuba uMoriyantoni wayefuna ukuhamba kwaye athabathe ulawulo lwelizwe elingasentla. UMoronayi waye wabanexhala. AmaNifayithi ayesenokuba sengozini ukuba uMoriyantoni wayethabathe ulawulo lelizwe elingasentla. Oku kwakunokubangela ukuba abantu baphulukane yinkululeko yabo.

Alma 50:31–32

Umfanekiso
umkhonzazana ujonge uMoronayi nomkhosi

UMoronayi wathumela umkhosi ukuba uyokuthintela uMoriyantoni. Abantu bakaMoriyantoni balwa naloo mkhosi kwaye boyiswa. Baye bathembisa ukuba noxolo baze babuyela kwilizwe labo. Ngenxa yokuba umkhonzazana walumkisa uMoronayi, izixeko zamaNifayithi zahlala zikhuselekile.

Alma 50:33, 35–36