Scripture Stories
INqanawa yokuWela uLwandle


“INqanawa yokuWela uLwandle,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

“INqanawa yokuWela uLwandle,” Amabali eNcwadi kaMormoni

1 Nifayi 17–18

INqanawa yokuWela uLwandle

Ukulungiselela ukuya kwilizwe lesithembiso

Umfanekiso
iintsapho ngaselwandle

INdyebo yayingumhlaba owayezaliswe ziziqhamo nobusi. Yayiyindawo entle yokuhlala. Usapho lukaLihayi noSaraya babehlala ngaselwandle kwaye babenayo yonke into ababeyidinga.

1 Nifayi 17:5–6

Umfanekiso
UNifayi ethandaza

Emva kweentsuku ezininzi, iNkosi yaxelela uNifayi ukuba aye entabeni ayothandaza. Apho, iNkosi yamxelela ukuba akhe inqanawa ukuwelisa ulwandle usapho lwakhe.

1 Nifayi 17:7–8

Umfanekiso
UNifayi ejonge ematyeni

INkosi yabonisa uNifayi indlela yokwakha inqanawa. Kodwa uNifayi wayengazi ukuba angasifumana phi isinyithi sokwenza izixhobo. INkosi yabonisa uNifayi apho mamakajonge khona isinyithi.

1 Nifayi 17:8–10

Umfanekiso
UNifayi esebenza ngelixa uLeymeni noLemuweli bethetha

Kamva, uNifayi wabasa umlilo ukwenza izixhobo. ULeymeni noLemuweli babukela umntakwabo uNifayi. Babengafuni ukumncedisa ekwakheni inqanawa. Bacinga ukuba kulicebo elibi ukuzama ukuwela ulwandle.

1 Nifayi 17:11, 16–18

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli bequmbele uNifayi

ULeymeni noLemuweli babengakholelwa ukuba iNkosi yaxelela uNifayi ukuba akhe inqanawa. UNifayi wababuza ukuba kutheni na basebengenalo ukholo eNkosini. Wakhumbuza abantakwabo ukuba babebone ingelosi yaye babewazi amandla eNkosi. ULeymeni noLemuweli babanomsindo ngakumbi kangangokuba bafuna ukumbulala uNifayi.

1 Nifayi 17:18–19, 45–48

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli emhlabeni

Kodwa uNifayi wazaliswa ngamandla kaThixo. UNifayi walumkisa uLeymeni noLemuweli ukuba bangamchukumisi. Babesoyika kwaye abazange babe nobunganga bokuchukumisa uNifayi iintsuku ezininzi. Yaza ke iNkosi yaxelela uNifayi ukuba asolule isandla sakhe kubantakwabo. Xa uNifayi esolula isandla kubo, baziva beshukunyiswa ngamandla eNkosi.

1 Nifayi 17:48, 52–55

Umfanekiso
Wonke umntu esebenza kwinqanawa

ULeymeni noLemuweli banqula iNkosi kwaye bancedisa ekwakheni inqanawa. UNifayi wathandaza eNkosini amaxesha amaninzi ecela uncedo. Inqanawa eyayakhiwe lusapho lukaNifayi yayintle. Emva kwemihla emininzi, inqanawa yagqitywa, kwaye babona ukuba yayilungile. Usapho lukaNifayi lwalusazi ukuba iNkosi yayiluncedile.

1 Nifayi 18:1–4