Scripture Stories
UKholo lukaKumkanikazi


“UKholo lukaKumkanikazi,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

“UKholo lukaKumkanikazi,” Amabali eNcwadi kaMormoni

Alma 18–19

UKholo lukaKumkanikazi

Ukufumana uvuyo kuYesu Krestu

Umfanekiso
umyeni kakumkanikazi esiwa phantsi

UKumkanikazi wamaLeymanayithi walawula nomyeni wakhe, uKumkani uLamonayi. UKumkani wacela umNifayithi ogama lingu-Amon ukuba amfundise ngeNkosi. UKumkani wakholelwa oko u-Amon wamxelela kona. UKumkani waguqa ukuze athandaze kwaye acele iNkosi ukuba imxolele. Njengoko wathandaza, ukumkani wawa emhlabeni. Kwabonakala ngathi ufile.

Alma 18:21, 24–42

Umfanekiso
ukumkanikazi ejonge umyeni wakhe owileyo

Izicaka zikumkani zamthatha zamsa kukumkanikazi. Bambeka kumandlalo wakhe. Walala khona akashukuma iintsuku ezimbini nobusuku obubini.

Alma 18:43

Umfanekiso
ukumkanikazi ethetha nesicaka

Ngelo xesha, ukumkanikazi nabantwana bakhe baba lusizi kakhulu. Bahlala kunye nokumkani kwaye bamlilela. Abanye abantu bathi ukumkani kufuneka angcwatywe. Kodwa ukumkanikazi wayefuna ukuthetha no-Amon kuqala. Weva ukuba unamandla kaThixo. Izicaka zikakumkanikazi zacela ukuba u-Amon aze kukumkanikazi.

Alma 18:43; 19:1–3, 5

Umfanekiso
ikumkanikazi ithetha no-Amon

UKumkanikazi waxelela u-Amon ukuba uvile uba wayengumprofeti kaThixo. Wacela u-Amon ukuba aye kubona ukumkani. U-Amon wayesazi ukuba ukumkani uyaphila. Yayingamandla kaThixo abangela ukumkani alale. U-Amon waxelela ukumkanikazi ukuba umyeni wakhe wayeza kuvuka ngosuku olulandelayo.

Alma 19:3–8

Umfanekiso
ukumkanikazi ephumze intloko yakhe phezu komyeni wakhe

Ukumkanikazi wayethembe u-Amon kwaye wayenokholo olukhulu kuThixo. Wayekholelwa ukuba umyeni wakhe uya kuvuka ngosuku olulandelayo. U-Amon wathi wayekelelwe ngenxa yokholo lwakhe olukhulu. Waxelela ukumkanikazi ukuba wayenokholo olungaphezu kolwabantu bakhe ababenalo. UKumkanikazi wahlala esondele, ejonge umyeni wakhe ubusuku bonke.

Alma 19:9–11

Umfanekiso
UKumkanikazi wonwabile kuba umyeni wakhe evukile

Ngosuku olulandelayo, ukumkani wavuka. Waxelela ukumkanikazi ukuba ubone uYesu Krestu. UKumkani nokumkanikazi babesazi ukuba uYesu wayebathanda kangakanani, yaye babezele luvuyo.

Alma 19:12–13