Scripture Stories
Abantakwe uNifayi noLihayi


“Abantakwe uNifayi noLihayi,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Hilamani 3–6

Abantakwe uNifayi noLihayi

Ukuva ilizwi elivela ezulwini

Umfanekiso
abantakwe uNifayi noLihayi bafundisa abantu, abe umkhosi wamaLeymenayithi ekufuphi

UNifayi noLihayi babengabantakwe ababefuna wonke umntu azi ngevangeli kaYesu Krestu. AmaNifayithi namaLeymenayithi ayesemfazweni, kodwa abantakwe babesabafundisa abantu bala maqela omabini. Ngenye imini besahamba beyokufundisa abantu, umkhosi wamaLeymenayithi wabafaka entolongweni.

Hilamani 3:20–21, 37; 4:4–5, 14; 5:4–21

Umfanekiso
Umkhosi wamaLeymenayithi uhamba usinge entolongweni uNifayi noLihayi ababekuyo

Kwiintsuku ezininzi ezilandelayo, umkhosi weza entolongweni uzokubulala uNifayi noLihayi.

Hilamani 5:22

Umfanekiso
isangqa somlilo nokukhanya sikhusela uNifayi noLihayi, amajoni awa phantsi, kwaye ilifu elimnyama liyabonakala

Phambi kokuba abantu babe nokonzakalisa uNifayi noLihayi, isangqa somlilo sabonakala sibarhangqile. Umlilo awuzange ubatshise. Endaweni yoko, uThixo wabagcina bekhuselekile. Emva koko umhlaba waye washukuma. Kwakukhangeleka ngathi iindonga zentolongo ziza kuwa phantsi. Ngokukhawuleza, ilifu elimnyama lagquma bonke abanye abantu ababephakathi entolongweni. Abantu babesoyika kakhulu.

Hilamani 5:23–28

Umfanekiso
abantu abame kwilifu elimnyama bajonge kwilitha lokukhanya

Ilizwi lavakala ngaphezu kwelifu elimnyama. Lalizolile, njengokusebeza, kodwa abantu baye baliva kwiintliziyo zabo. Eli lalililizwi likaThixo. UThixo wabaxelela ukuba baguquke.

Hilamani 5:29–30, 46–47

Umfanekiso
amadoda nabafazi bajonge phezulu emafini amnyama ahlukeneyo

Umhlaba nentolongo washukuma ngakumbi. Ilizwi leza kwakhona laze laxelela abantu ukuba baguquke. Abantu babengakwazi ukushukuma ngenxa yelifu kunye noloyiko.

Hilamani 5:31–34

Umfanekiso
U-Aminadabhi wolatha kuNifayi noLihayi, abakhazimlayo kwaye bejonge phezulu

Enye indoda apho kwisihlwele yayinegama elingu-Aminadabhi. Wayekhe waba ngoweBandla likaThixo. Waye waqaphela ukuba ubuso bukaNifayi nobukaLihayi babukhazimla ngokuqaqambileyo. Babekhangeleka ngokungathi ziingelosi. Kwakukhangeleka ngathi babethetha nomntu osezulwini. U-Aminadabhi waxelela bonke abantu ukuba bajonge uNifayi noLihayi.

Hilamani 5:35–39

Umfanekiso
amadoda amaninzi nabafazi bajonge phezulu emafini amnyama ahlukeneyo baze bathandaza

Abantu baye babuza u-Aminadabhi ukuba kwakufuneka benze ntoni na ukuze balisuse ilifu elimnyama. U-Aminadabhi waye wababela oko wayekwazi ngoThixo noYesu. Waxelela abantu ukuba baguquke, babe nokholo kuYesu, nokuba bathandaze kuThixo. Abantu baye bamamela u-Aminadabhi. Bathandaza bada ubumnyama bemka.

Hilamani 5:40–42

Umfanekiso
abantu bayathandaza ngeli lixa barhangqwe kukukhanya nomlilo

Umlilo osuka kuThixo warhangqa bonke abantu kwaye awuzange ubatshise. Abantu babezaliswe nguMoya oyiNgcwele kwaye babonwabile. Babethetha izinto ezimangalisayo. Ilizwi leza kwakhona. Labaxelela ukuba babe noxolo ngenxa yokholo lwabo kuYesu. Iingelosi zeza kwaye zatyelela abantu.

Hilamani 5:43–49

Umfanekiso
UNifayi noLihayi bayemka entolongweni, kwaye abantu babukele

UNifayi, uLihayi, nabo bonke abantu bemka entolongweni. Baxelela abantu abaninzi kwilizwe lonke ngoko babekubonile kunye noko babekuvile ngalo mini. Uninzi lwamaLeymenayithi akholelwa kwaye akhetha ukulandela uYesu. Bayeka ukulwa kwimfazwe. Endaweni yoko, banceda abantu okokuba babenokholo kuYesu Krestu kwaye baguquke.

Hilamani 5:50–52; 6:1–6