Scripture Stories
U-Etere uMprofeti


“U-Etere uMprofeti,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Etere 6; 12–15

U-Etere uMprofeti

Isilumkiso seNkosi kwisizwe

Umfanekiso
abantu abonwabileyo kwimarike yesixeko

UThixo waye wazisa umntakwabo uYerede nosapho lwakhe kwilizwe lesithembiso. Bona babethobekile kwaye beyigcina imiyalelo kaThixo. Iqela labo lakhula iminyaka emininzi, kwaye babefuna ukumkani ukuze abakhokele. Umntakwabo uYerede wabalumkisa ngoba ukuba nokumkani kungakhokelela engxakini, kodwa wabayeka bakhetha ukumkani.

Etere 6:5, 12–18, 22–24, 27

Umfanekiso
AmaYeredayithi anomsindo kwaye akhomba u-Etere ngeminwe

Amakhulu eminyaka, amayeredayithi ayephila kwilizwe lesithembiso. Ngamanye amaxesha ookumkani bawo babewakhokelela ukuba enze okulungileyo, kodwa ngamanye amaxesha babengakwenzi oko. Abaprofeti bakaThixo babebalumkisa abantu ukuba baguquke. Xa abantu babephulaphula kwaye begcina imiyalelo kaThixo, Yena wayebasikelela. Umprofeti wokugqibela wamaYeredayithi wayenegama elingu-Etere.

Etere 7:23–27; 9:26–30; 10:16–17, 28; 11:1–8, 12–13, 20–22; 12:2

Umfanekiso
U-Etere uhleli kwaye uyafundisa, kwaye abanye abantu banomsindo

Abantu babengamthobeli uThixo. Kodwa uMoya weNkosi wawuno-Etere. Yena waye wabafundisa emini ukuyokutsho ebusuku. Wathi mabakholelwe kuThixo kwaye baguquke okanye babeza kutshatyalaliswa. Ukuba babenokholo, babe nokuba nethemba lokuphila noThixo kwakhona kwaye babenamandla okwenza izinto ezilungileyo. Abantu babengamkholelwa.

Etere 11:22; 12:2–5; 13:2

Umfanekiso
U-Etere uhleli emqolombeni kwaye uyabhala

U-Etere waye wajonga oko abantu babekwenza. Wayezimela emqolombeni emini aze abhale oko akubonileyo. Abantu babengaguquki kwaye baqalisa ukulwa kunye.

Etere 13:13–15

Umfanekiso
UKoriyantamri ujonge phambili

U-Etere wabona ukuba ukumkani wamaYeredayithi, uKoriyantamri, kwakunyanzelekile ukuba alwe nabantu abaninzi ababefuna ukuba ngukumkani. UKoriyantamri wayesebenzisa umkhosi wakhe ukuze azikhusele.

Etere 12:1; 13:15–19

Umfanekiso
U-Etere uthetha noKoriyantamri

Ngenye imini, iNkosi yaxelela u-Etere ukuba alumkise uKoriyantamri nabantu bakhe ukuba baguquke. Ukuba babekwenzile oko, iNkosi yayizakubanceda abantu kwaye yayiza kumyeka uKoriyantamri agcine ubukumkani bakhe. Ukuba kwakungenjalo, abantu babeya kutshabalalisana. UKoriyantamri wayeza kuphila ubomi obude ngokwaneleyo ukuba abone amazwi weNkosi ayeyinyani. Emva koko wayeza kufa naye.

Etere 13:20–21

Umfanekiso
UShiz nomkhosi wakhe ulwa nomkhosi kaKoriyantamri, u-Etere ubukele

UKoriyantamri nabantu bakhe abazange baguquke. Abantu bazama ukubulala u-Etere, kodwa u-Etere waqhweshela emqolombeni wakhe. Indoda eyayinegama elinguShiz yalwa noKoriyantamri. Abantu babekhetha ukuba bazimanye nomkhosi kaShiz okanye nomkhosi kaKoriyantamri. Lemikhosi mibini yayinamadabi amaninzi. Abantu abaninzi baye bafa.

Etere 13:22–25; 14:17–20; 15:2

Umfanekiso
Umkhosi kaKoriyantamri ulwa nomkhosi kaShiz, kwaye uKoriyantamri ubhala incwadi

UKoriyantamri wayikhumbula into eyayithethwe ngu-Etere. Wayekhathazekile kukuba uninzi lwabantu bakhe lwaluswelekile. Wakhumbula ukuba bonke abaprofeti balumkisa ngokuba kwakuza kwenzeka lento. Waqalisa ukuguquka waze wathumela incwadi kuShiz. Wathi anganikezela ngobukumkani bakhe ukuba abantu bakhe bangasindiswa. Kodwa uShiz wayefuna ukulwa.

Etere 15:1–5

Umfanekiso
amadoda, abafazi, nabantwana bayamatsha bengamajoni, kwaye u-Etere ubukele

Abantu bakaKoriyantamri babenomsindo kwaye babefuna ukulwa. Abantu bakaShiz nabo babenomsindo kwaye babefuna ukulwa. Kwakungekho mntu ufuna ukuguquka. U-Etere wabona ukuba umntu ngamnye waya kwidabi. Abanye abantu baye bafa.

Etere 15:6, 12–17

Umfanekiso
UKoriyantamri uguqe emvuleni ephethe umkhonto

UKoriyantamri wayefuna ukuphelisa imfazwe. Wacela uShiz ukuba athabathe ubukumkani bakhe kwaye angonzakalisi abantu bakhe. Kodwa wonke umntu wayenomsindo. Babengenawo uMoya weNkosi. U-Etere wabona ukuba abantu baqhubekeka besilwa kwade kwashiyeka uKoriyantamri qha njengelinye iYeredayithi elaliphila. Emva koko uKoriyantamri wafa isiqaqa.

Etere 15:18–30, 32

Umfanekiso
U-Etere uguqile kwaye uthandaza kuThixo kwincopho yenduli, yaye iingxelo zigcinwe kumqolomba okufuphi.

U-Etere wabona ukuba yonke into iNkosi eyayiyithethile yenzeka. U-Etere waye wagqiba ukubhala phantsi into eyayenzekile. Waze waqinisekisa ukuba abantu babeza kukwazi ukufumana izibhalo zakhe emva kokuba emkile. U-Etere wayemthembile uThixo kwaye wayekhangele phambili ekubeni naYe ngenye imini.

Ether 15:33–34