Scripture Stories
UMozaya noZenif


“UMozaya noZenif,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Omnayi 1; Mozaya 9

UMozaya noZenif

Ukukhuselwa yiNkosi

Umfanekiso
UMozaya ekhokela abantu

AmaNifayithi namaLeymenayithi ayeneemfazwe ezininzi. Ngenye imini, iNkosi yaxelela umNifayithi ogama linguMozaya ukuba alishiye ilizwe likaNifayi naye nabani na owayeza kulandela iNkosi.

Omnayi 1:10, 12

Umfanekiso
UMozaya ejonge esixekweni

AmaNifayithi amaninzi ayithobela iNkosi aza emka noMozaya. INkosi yabakhokela yabasa ezweni elalinabantu abaphila kulo. Babebizwa ngokuba ngabantu bakaZarahemla.

Omnayi 1:13–14

Umfanekiso
UMozaya ethetha nabantu

Abantu bakaZarahemla kananjalo beza bevela eYerusalem kudala. Babevuya ukuba iNkosi yathumela amaNifayithi kunye namacwecwe obhedu. Abantu bakaMozaya bazimanya nabantu bakaZarahemla. Bonke abantu banyula uMozaya njengokumkani wabo. Wabafundisa ngeNkosi.

Omnayi 1:14–19

Umfanekiso
UZenif ekhokela abantu

AmaNifayithi ayehlala eZarahemla ixesha elithile xa iqela elikhulu labuyela emva kwilizwe likaNifayi. Babekhokelwa ngumNifayithi ogama linguZenif.

Omnayi 1:27–29; Mozaya 9:3–5

Umfanekiso
UKumkani wamaLeymenayithi ethetha

Ngoku amaLeymenayithi ayehlala kwilizwe likaNifayi, ngoko ke uZenif wabuza ukumkani wabo ukuba abantu bakhe bangahlala na apho nabo. Wavuma ukumkani.

Mozaya 9:6–10

Umfanekiso
AmaLeymenayithi ehlasela

UKumkani wamqhatha uZenif nabantu bakhe. Wabavumela ukuba bahlale kwilizwe likaNifayi ukuze athabathe okunye kokutya kwabo kunye nezilwanyane kamva. Abantu bakaZenif bahlala apho ngoxolo iminyaka. Bakhulisa ukutya okuninzi kwaye benemfuyo eninzi. Emva koko amaLeymenayithi ahlasela kwaye azama ukuthatha ukutya kwabo nezilwanyane.

Mozaya 9:10–14

Umfanekiso
Abantu bakaZenif bephumelela ekulweni

UZenif wafundisa abantu bakhe ukuba bathembe iNkosi. Xa amaLeymenayithi eza kulwa nabo, uZenif nabantu bakhe bathandaza eNkosini. INkosi yabomeleza kwaye yabanceda ngokubakhusela. Bakwazi ukuwagxotha amaLeymenayithi. INkosi yamsikelela uZenif nabantu bakhe ngokholo lwabo.

Mozaya 9:15–18