Scripture Stories
UGidiyon, u-Alma, noNehore


“UGidiyon, u-Alma, noNehore,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

“UGidiyon, u-Alma, noNehore,” Amabali eNcwadi kaMormoni

Alma 1

UGidiyon, u-Alma, noNehore

Ukuthethelela inyaniso ngamazwi kaThixo

Umfanekiso
U-Alma oMncinane emamele uyise

AmaNifayithi akhetha u-Alma oMncinane ukuba abe ngumgwebi wawo oyintloko. U-Alma kananjalo wayengumbingeleli omkhulu weBandla.

Mozaya 29:41–44

Umfanekiso
UNehore ekhomba esibhakabhakeni

Indoda egama linguNehore yaqalisa ukufundisa abantu into awayeyibiza ngokuba lilizwi likaThixo. Kodwa wafundisa abantu ukuba kwakungeyomfuneko ukuba bathobele uThixo okanye baguquke.

Alma 1:2–4, 15

Umfanekiso
abantu bezisa imali kuNehore

Abantu abaninzi babekuthanda kwaye bekukholelwa oko kwathethwa nguNehore. Wayefuna ukuba abantu bamnike imali baze bamdumise. Wayezicingela ukuba ubhetele kunabanye abantu. Wazenzela elakhe ibandla, yaye abantu abaninzi bamphulaphula.

Alma 1:3, 5–6

Umfanekiso
UNehore ephikisana noGidiyon

Ngenye imini, uNehore wadibana nendoda endala egama linguGidiyon. UGidiyon wayengumfundisi kwiBandla likaThixo kwaye wenza okuninzi okulungileyo. UNehore wayefuna abantu balishiye iBandla, ngoko ke waphikisana noGidiyon. UGidiyon wasebenzisa amazwi kaThixo ukubonisa ukuba uNehore wayengafundisi inyaniso. UNehore wabanomsindo! Wabulala uGidiyon ngekrele lakhe.

Alma 1:7–9, 13

Umfanekiso
UNehore ephikisana no-Alma

Abantu bathatha uNehore bamsa ku-Alma ukuba agwetywe. UNehore wazama ukukhusela oko wayekwenzile. Wayengafuni ukohlwaywa.

Alma 1:10–11

Umfanekiso
U-Alma enika isigwebo

U-Alma wathi iimfundiso zikaNehore zazingalunganga kwaye zinokubenzakalisa abantu. U-Alma wawulandela umthetho. Ngenxa yokuba uNehore wabulala uGidiyoni, uNehore wabulawa.

Alma 1:12–15

Umfanekiso
U-Alma ecinga ngabantu

Ngaphambi kokuba afe, uNehore wabaxelela abantu ukuba uxokile. Wayengalifundisanga ilizwi likaThixo. Nangona uNehore wathi wayengalunganga, abantu abaninzi balandela umzekelo wakhe. Babexokisa abantu ukuze bafumane indumiso nemali. Kodwa abantu baphulaphula u-Alma. Babenyamekela amahlwempu kwaye bayigcina imithetho kaThixo.

Alma 1:15–16, 25–30