Scripture Stories
UKumkani uBhenjamin


“UKumkani uBhenjamin,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Mozaya 1–5

UKumkani uBhenjamin

Ukukhonza abantu noThixo

Umfanekiso
UBhenjamin ebhala kumacwecwe egolide

UKumkani uBhenjamin wayengumprofeti kaThixo owayelawula ilizwe laseZarahemla. Wasebenza nzima ekukhonzeni abantu bakhe nasekubafundiseni ngoThixo. Ngoncedo oluvela kwabanye abaprofeti bakaThixo, uBhenjamin wenza iZarahemla ukuba ibeyindawo yoxolo nekhuselekileyo yokuhlala.

Amazwi kaMormoni 1:17–18; Mozaya 1:1–7

Umfanekiso
UBhenjamin ethetha noMozaya

UBhenjamin waye waba mdala. Wacela unyana wakhe uMozaya ukuba ahlanganise abantu. UBhenjamin wayefuna ukubaxelela ukuba uMozaya wayeza kuba ngukumkani wabo omtsha.

Mozaya 1:9–10

Umfanekiso
usapho ententeni

Kweza abantu abaninzi bevela kulo lonke ilizwe. Bamisa iintente zabo kufutshane netempile ukuze baphulaphule uBhenjamin.

Mozaya 2:1, 5–6

Umfanekiso
abantu kufutshane nenqaba

UBhenjamin wathetha esenqabeni ukuze abantu abaninzi babe nokumva. UBhenjamin wathi uThixo wamnceda wabakhokela. Ndiyasikelelwa xa ndithobela imithetho kaThixo. Akazange ayithabathe imali yabo okanye abenze bamkhonze. Endaweni yoko, wasebenzela ukukhonza abantu bakhe noThixo.

Mozaya 2:7–16

Umfanekiso
abantu bencedisana

UBhenjamin waxelela abantu ukuba xa bekhonzana, nabo bakhonza uThixo. Emva koko wabaxelela ukuba yonke into abanayo ivela kuThixo. Kwakhona, uThixo wayefuna bathobele imithetho yaKhe. Xa babethobela, uThixo wabasikelela ngakumbi.

Mozaya 2:17–24, 41

Umfanekiso
UBhenjamin ethetha noMozaya ecaleni kwakhe.

UBhenjamin wabaxelela ukuba akanakuba ngumkumkani okanye umfundisi wabo kwakhona. Unyana wakhe uMozaya wayeza kuba ngukumkani wabo omtsha.

Mozaya 2:29–31

Umfanekiso
UYesu Krestu ephilisa umntu

Ke uBhenjamin wabaxelela abantu bakhe ukuba ingelosi imtyelele. Ingelosi yathi uNyana kaThixo, uYesu Krestu, wayeza kuza emhlabeni. Wayeza kwenza imimangaliso kwaye aphilise abantu. Wayeza kuva iintlungu aze afe ukuze asindise bonke abantu. UBhenjamin wafundisa ukuba uYesu uyakuxolela wonke umntu owayenokholo kuYe kwaye aguquke.

Mozaya 3:1–12, 17–18

Umfanekiso
abantu abonwabileyo

Abantu bakukholelwa oko uBhenjamin wayebafundisa kona ngoYesu. Babesazi ukuba kufuneka baguquke. Bonke abantu bathandaza becela uThixo ukuba abaxolele. Bakugqiba ukuthandaza, uMoya kaThixo waba nabo. Bazive bonwabile yaye besazi ukuba uThixo ubaxolele ngenxa yokholo lwabo kuYesu.

Mozaya 4:1–3, 6–8

Umfanekiso
abantu kunye noBhenjamin noMozaya

Abantu baziva ngokwahlukileyo yaye bebatsha ngaphakathi kuba babenokholo kuYesu. Ngoku babefuna ukwenza izinto ezilungileyo ngalo lonke ixesha. Benza isithembiso sokulandela imithetho kaThixo ubomi babo bonke. Ngenxa yokuba babekholelwa kuYesu baza benza esi sithembiso, babizwa ngokuba ngabantu bakaYesu.

Mozaya 5:2–9,15; 6:1–2