Scripture Stories
Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi


“Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Alma 23–27

Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi

Abantu abakhetha ukuthanda iintshaba zabo

Umfanekiso
U-Amon ufundisa abantu phantsi komthi

AmaLeymenayithi amaninzi afunde ngoThixo ku-Amon nabantakwabo. La maLeymenayithi ayenokholo olomeleleyo kwiNkosi kwaye alandela imiyalelo kaThixo. Babefuna igama elitsha, ngoko baye bazibiza ngokuba bangama-Antayi-Nifayi-Lihayi endaweni yamaLeymenayithi.

Alma 23:3–7, 16–17

Umfanekiso
Iintsapho zimamele u-Amon efundisa

Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi atshintsha ngenxa yokholo lwawo kuThixo. Aye aguquka kwizinto ezingalunganga ayekade ezenza. Ayesazi ukuba uThixo wayebathanda kwaye wayebaxolele.

Alma 24:8–14

Umfanekiso
Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi aphosa izixhobo kumhadi ovuliweyo

AmaLeymenayithi ayenomsindo kwaye ayelungiselela ukuhlasela ama-Antayi-Nifayi-Lihayi. Endaweni yokuba alwe, ama-Antayi-Nifayi-Lihayi enza isithembiso kuThixo. Bathi babengasayi kuphinda bonzakalise abantu kwakhona. Ukubonisa oku, baye bazingcwaba izixhobo zabo. Bakhetha ukuzithanda iintshaba zabo endaweni yokuzonzakalisa okanye ukuzibulala.

Alma 24:1–19; 26:31–34

Umfanekiso
UmLeymenayithi onomsindo uphethe isixhobo

AmaLeymenayithi ayengakholelwa kuThixo ahlasela ama-Antayi-Nifayi-Lihayi.

Alma 24:20

Umfanekiso
Isibini sama-Antayi-Nifayi-Lihayi siguqile sithandaza

Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi ayenokholo lokuba ukuba ayenokubulalwa, aya kuphila noThixo. Aye agcina isithembiso sawo kuThixo kwaye awazange alwe namaLeymenayithi.

Alma 24:16, 21

Umfanekiso
AmaLeymenayithi ayayeka ukuhlasela

Endaweni yokuba alwe, ama-Antayi-Nifayi-Lihayi aye athandaza. Akukubona oku amaLeymenayithi, uninzi lwawo lwayeka ukuhlasela. Aye avakalelwa kakubi ngokubulala abantu. Loo maLeymenayithi nawo aye akhetha ukuba angaze onzakalise abantu kwakhona. Baye bazimanya nama-Antayi-Nifayi-Lihayi

Alma 24:21–27; 25:13–16

Umfanekiso
U-Amon nama-Antayi-Nifayi-Lihayi bayahamba

Njengokuba ixesha lalihamba, abantu abaninzi ngakumbi baye bahlasela. U-Amon nabantakwabo babengonwabanga ngoba ama-Antayi-Nifayi-Lihayi ayesokola. Bacela ukumkani ukuba athabathe abantu bakhe ukuze baphile namaNifayithi. Ukumkani wathi babeya kuhamba ukuba uThixo wayekufuna oko. U-Amon wathandaza. INkosi yathi kwakumele bahambe kwaye Yona yayiya kubagcina bekhuselekile.

Alma 27:2–15

Umfanekiso
AmaNifayithi abulisa abantu bama-Antayi-Nifayi-Lihayi

Amanifayithi anika ama-Antayi-Nifayi-Lihayi ilizwe lokuphila kwaye awakhusela. Ukubuyisa oko, ama-Antayi-Nifayi-Lihayi anika amaNifayithi ukutya. Ama-Anti-Nifayi-Lihayi ayenokholo olukhulu kwaye ayemthanda uThixo. Wona ayenyanisekile kumntu wonke kwaye ayesigcina isithembiso sokuba angaphindi alwe. Aye anyaniseka ubomi bawo bonke.

Alma 27:20–30