Scripture Stories
U-Alma, u-Amyuleki, noZiyezirom


“U-Alma, u-Amyuleki noZiyezirom,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Alma 4–12

U-Alma, u-Amyuleki, noZiyezirom

Ukukhetha ukukholelwa kuThixo nokumthobela.

Umfanekiso
U-Alma ehlaselwa ngabantu

U-Alma wabona ukuba amalungu eBandla amaninzi ayengayithobeli imiyalelo kaThixo. Ke ngoko u-Alma waya kwisixeko ngasinye efundisa ilizwi likaThixo. Abantu abaninzi baguquka. Waza u-Alma wafika kwisixeko esibizwa ngokuba yi-Amoniha. Abantu balapho abazange bamphulaphule. Bamtshicela kwaye bamkhuphela ngaphandle kwesixeko.

Alma 4:11–20; 5–7; 8:1–13

Umfanekiso
ingelosi ithetha no-Alma

U-Alma waziva esindeka lusizi njengoko wayeshiya isixeko. Wayenexhala ngabantu. Ke ngoko ingelosi yafika kuye. Ingelosi yathi u-Alma angavuya ngenxa yokuba wayemthobele uThixo. Ingelosi yaxelela u-Alma ukuba abuyele esixekweni kwaye alumkise abantu. Ukuba babengaguquki, babeya kutshatyalaliswa. U-Alma wakhawuleza wabuyela emva.

Alma 8:14–18

Umfanekiso
U-Alma ethetha no-Amyuleki

Akufika u-Alma esixekweni, wayelambe kakhulu. Wayezile ukudla iintsuku ezininzi. U-Alma wacela ukutya kwindoda egama lingu-Amyuleki.

Alma 8:19, 26

Umfanekiso
U-Amyuleki ememela u-Alma ngaphakathi

U-Amyuleki waxelela u-Alma ngombono awayewubonile. Kumbono, ingelosi yaxelela u-Amyuleki ukuba u-Alma wayengumprofeti kaThixo. U-Amyuleki wayefuna ukumnceda u-Alma.

Alma 8:20

Umfanekiso
U-Alma ebulisa usapho luka-Amyuleki

U-Amyuleki wathatha u-Alma wamzisa ekhaya waza wamnika ukutya ukuba atye. U-Alma wahlala kwikhaya lika-Amyuleki iintsuku ezininzi. UThixo wamsikelela u-Amyuleki nosapho lwakhe. Mva, iNkosi yaxelela u-Alma no-Amyuleki ukuba baxelele abantu esixekweni ukuba baguquke. U-Alma no-Amyuleki bamthobela. UThixo wabanika amandla aKhe ukubanceda bona okokuba bafundise.

Alma 8:21–32; 9–13

Umfanekiso
UZiyezirom enikela ngemali

Omnye wabantu owabeva befundisa ogama lakhe lalinguZiyezirom. Wayekrelekrele kakhulu kwaye efuna ukuqhatha u-Alma no-Amyuleki. UZiyezirom waxelela u-Amyuleki ukuba uya kumnika imali eninzi ukuba uthe uThixo akekho ngokwenene. Wayefuna ukuba u-Amyuleki axoke ukuze abantu bangayikholelwa into eyayifundiswa ngu-Amyuleki no-Alma.

Alma 10:29–32; 11:21–25; 12:4–6

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki bethetha no-Ziyezirom

Kodwa u-Alma wayengenakuxoka ngoThixo. Waye wathi uThixo uyinene. U-Amyuleki no-Alma babezazi iingcinga zikaZiyezirom. UZiyezirom wayemangele kwaye wababuza imibuzo emininzi. Bafundisa uZiyezirom ukuba uThixo unecebo ngabo bonke abantu. UZiyezirom waye wakukholelwa oko u-Alma no-Amyuleki babekufundisa ngoThixo noYesu Krestu.

Alma 11:23–46; 12:1–18, 24–34; 14:6–7; 15:6–7

Umfanekiso
UZiyezirom ehamba no-Alma no-Amyuleki

UZiyezirom wayezisola kakhulu ngezinto ezimbi awazenzayo. Yena waye wagula. U-Alma no-Amyuleki bamndwendwela. U-Alma wathi uZiyezirom unokuphiliswa ngenxa yokholo lukaZiyezirom kuYesu. U-Alma wacela uThixo ukuba amphilise. UZiyezirom watsiba wema ngeenyawo zakhe. Yena waye waphiliswa! Wabhaptizwa waza wafundisa abantu ngexesha eliseleyo lobomi bakhe.

Alma 15:1–12; 31: 6, 32