Scripture Stories
ILiyahona neSaphetha Esaphukileyo


“ILiyahona neSaphetha Esaphukileyo,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

1 Nifayi 16

ILiyahona neSaphetha Esaphukileyo

Ukufuna uncedo lweNkosi

Umfanekiso
Iintsapho zihleli zijikeleze umlilo

iintsapho zikaLihayi no-Ishmayeli zahamba entlango iminyaka emininzi. INkosi yabakhokelela kwiindawo ezingcono zelizwe. Kwafuneka bazingele baze baqokolele ukutya endleleni. Yayiluhambo olunzima.

1 Nifayi 16:14; 17:1, 4

Umfanekiso
ULihayi ejonge ekuphumeni kwelanga

INkosi yathembisa ukukhokelela iintsapho kwilizwe elihle ukuba bayakuyigcina imithetho. Babengayazi indlela yokufumana ilizwe, kodwa Yena wayeya kubakhokela.

1 Nifayi 2:20; 10:13; 17:13–14

Umfanekiso
ULihayi ephethe iLiyahona

Ngenye intsasa, uLihayi wamangaliswa kukufumana ibhola yobhedu ngaphandle kwentente yakhe. Ibhola yayibizwa ngokuba yiLiyahona. Ngaphakathi kweLiyahona, utolo lwalatha indlela iqela elalifanele lihambe ngayo. Ngamanye amaxesha babefumana imiyalezo evela eNkosini ebhalwe kwiLiyahona. Le yindlela iNkosi eyabakhokelela ngayo.

1 Nephi 16:10, 16, 26–29; Alma 37:38

Umfanekiso
UNifayi onesaphetha esaphukileyo noLeymeni noLemuweli bekhalaza

Ngenye imini ngelixa uNifayi ezingelayo, isaphetha sake sentsimbi sophuka. Iintsapho zazingenako ukufumana ukutya ngaphandle kwaso. Abantakwe bakaNifayi baba nomsindo ngakuye neNkosi.

1 Nifayi 16:18–21

Umfanekiso
UNifayi ephethe isaphetha esaphukileyo noLihayi ekhathazekile

Bonke babediniwe yaye belambile. Abanye babo babelusizi kwaye bekhalaza. Babesoyika ukuba baza kufa yindlala. Kwa noLihayi wakhalaza eNkosini.

1 Nifayi 16:19–22, 35

Umfanekiso
UNifayi ephethe isando netshizili

UNifayi wenza isaphetha esitsha netolo ngomthi Wayenokholo lokuba iNkosi iyakumnceda afumane ukutya.

1 Nifayi 16:23

Umfanekiso
ULihayi noNifayi bejonge iLiyahona

UNifayi wabuza uLihayi ukuba aye kuzingela phi. ULihayi wazisola ngokuba ebekhalazile. Waguquka kwaye wacela uncedo eNkosini. INkosi yaxelela uLihayi ukuba ajonge kwiLiyahona. Umyalezo wayebhalwe kuyo. Iintsapho zafunda ukuba iLiyahona yayisebenza kuphela xa babenokholo eNkosini kwaye bethobela imithetho.

1 Nifayi 16:23–29

Umfanekiso
Usapho lukaLihayi libukele uNifayi ephethe isilwanyana awayesizingele

Ngamanye amaxesha iNkosi yatshintsha umyalezo kwiLiyahona ukubanceda ngexesha lohambo lwabo. ILiyahona yanceda uNifayi ukuba azi indawo yokuzingela. Wabuya nokutya, baza bavuya bonke. Baguquka kwaye babulela eNkosini.

1 Nifayi 16:28–32