Scripture Stories
Umphathi-mikhosi uMoronayi noZerahemna


“Umphathi-mikhosi uMoronayi noZerahemna,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Alma 43–44

Umphathi-mikhosi uMoronayi noZerahemna

Idabi nesithembiso sokuphila ngoxolo

Umfanekiso
UZerahemna ukhokela imikhosi yakhe

UZerahemna wayeyinkokheli yomkhosi wamaLeymenayithi. Wayefuna ukulawula amaNifayithi aze awenze akhonze abantu bakhe. UZerahemna wakhokela imikhosi yakhe ukuze ihlasele amaNifayithi.

Alma 43:3–8

Umfanekiso
Umkhosi wamaNifayithi ujonge umkhosi wamaLeymenayithi

AmaNifayithi ayefuna ukukhusela amakhaya awo, iintsapho zawo, nenkolo yawo. Wona ayesazi ukuba ayengazukwazi ukunqula iNkosi ukuba amaLeymenayithi ayewalawula. AmaNifayithi aye akhetha ukulwa neentshaba zawo.

Alma 43:9–10, 14–15

Umfanekiso
UMoronayi ujonge phambili kube kukho amafu emva kwakhe

Indoda egama linguMoronayi yayingumphathi-mikhosi kwimikhosi yamaNifayithi. UMoronayi waqinisekisa ukuba imikhosi yakhe yayikulungele ukulwa.

Alma 43:16–17

Umfanekiso
Umphathi-mikhosi uMoronayi kunye namajoni amaNifayithi bekulungele ukulwa

Amajoni kaMoronayi eza nezixhobo, waze uMoronayi wawanika isikrweqe esomeleleyo namakhaka ukwenzela ukuwakhusela.

Alma 43:18–19

Umfanekiso
AmaLeymenayithi ajonge umkhosi wamaNifayithi kwaye akhangeleka esoyika

UMoronayi wathatha imikhosi yakhe ukuze iyokulwa namaLeymenayithi. Kodwa amaLeymenayithi athi akubona ukuba amaNifayithi ayenezikrweqe namakhaka, ase oyika ukulwa. AmaLeymenayithi ayenempahla ezilwasulwasu kwaye ayengenazikrweqe zokubakhusela.

Alma 43:19–21

Umfanekiso
Amajoni amaLeymenayithi abaleka ehlathini

AmaLeymenayithi aye ahamba. Azama ukuchwechwela ilizwe elahlukileyo lamaNifayithi. Ayecinga ukuba uMoronayi wayengazukuwazi ukuba aye ayaphi.

Alma 43:22

Umfanekiso
Iintlola zamaNifayithi zijonge amajoni abalekayo amaLeymenayithi

Kodwa kwathi kungekudala emkile amaLeymenayithi, uMoronayi wathumela iintlola ukuba ziwalandele.

Alma 43:23

Umfanekiso
Ijoni lamaNifayithi limamele u-Alma

Waze uMoronayi wathumela umyalezo kumprofeti u-Alma. Yena wayefuna u-Alma abuze iNkosi ukuba yayiyintoni le amaLeymenayithi ayeceba ukuyenza. INkosi yaxelela u-Alma ukuba amaLeymenayithi ayefuna ukuhlasela ilizwe elalingenamandla elalibizwa ngokuba yiManti. UMoronayi waye wammamela u-Alma Yena wakhokela imikhosi yakhe ukuze iyokulwa namaLeymenayithi.

Alma 43:23–33

Umfanekiso
Amajoni amaLeymenayithi nawamaNifayithi ayalwa

Imikhosi yaye yalwa. AmaLeymenayithi ayomelele kwaye enomsindo. AmaNifayithi aye aqalisa ukuwoyika amaLeymenayithi kwaye ayeza kubaleka. Kodwa uMoronayi waye wawakhumbuza ngeentsapho kunye nokholo lwawo, ngoko baye baqhubeka besilwa.

Alma 43:34–37, 43–48

Umfanekiso
UMoronayi uphakamisa isandla ukuze kuyekwe ukuliwa

AmaNifayithi aye athandazela uncedo kwiNkosi. INkosi yayiphendula imithandazo yawo kwaye yabanika amandla amakhulu. Ngoku amaLeymenayithi ayesoyika. Ayerhangqiwe kwaye engakwazi ukuqhwesha. Akubona uMoronayi ukuba amaLeymenayithi ayesoyika, waxelela amajoni wakhe ukuba ayeke ukulwa. UMoronayi wayengafuni ukuwabulala amaLeymenayithi.

Alma 43:49–53; 44:1–2

Umfanekiso
UMoronayi uthetha namaLeymenayithi

UMoronayi waxelela uZerahemna ukuba amaLeymenayithi ayenokuhamba ukuba ayethembisa okokuba awasoze alwe namaNifayithi kwakhona. UZerahemna wayenomsindo kwaye wazama ukuqhubekeka esilwa, kodwa wayengakwazi ukuwoyisa amajoni kaMoronayi. Waze uZerahemna nemikhosi yakhe bathembisa ukuphila ngoxolo, waze uMoronayi wabavumela ukuba bahambe.

Alma 44:1–20