Scripture Stories
UKumkani uNowa noKumkani uLimhayi


“Ukumkani uNowa noKumkani uLimhayi,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Mozaya 19–22

UKumkani uNowa noKumkani uLimhayi

Ukusaba kumaLeymenayithi

Umfanekiso
UGidiyon uphethe ikrele kwaye ume ecaleni kwenqaba, kwaye uNowa ukwinqaba wolathe kumkhosi wamaLeymenayithi

Ukumkani uNowa wayelawula iqela lamaNifayithi. Yena wenza izinto ezininzi ezingalunganga, kwaye abanye abantu babenomsindo kuye. Indoda egama linguGidiyon yalwa noNowa ngekrele. UNowa waye wabaleka kwaye wakhwela kwinqaba. Epha kwinqaba, yena wabona umkhosi wamaLeymenayithi usiza. UNowa wenza ngathi wayesoyikisela abantu bakhe, ngoko uGidiyon waphela emyeka ukuba aphile.

Mozaya 11:1–2; 19:2–8

Umfanekiso
UNowa uyabaleka, kwaye abantu bakhe uNowa bayoyika

UNowa kunye nabantu bakhe babaleka. Kodwa amaLeymenayithi abaleqa kwaye aqalisa ukubahlasela. UNowa waxelela amadoda ukuba ashiye iintsapho zawo ngasemva aze ahambe naye.

Mozaya 19:9–11

Umfanekiso
ULimhayi, uGidiyon, namanye amaNifayithi bajongene nomkhosi wamaLeymenayithi.

Amanye amadoda ahamba noNowa. Kodwa uninzi lwamadoda lwakhetha ukuhlala neentsapho zawo. Unyana kaNowa uLimhayi naye wakhetha ukuhlala.

Mozaya 9:12, 16–17

Umfanekiso
Abafazi bemi phambi koLimhayi namanye amaNifayithi

Iintombi ezininzi zema phambi komkhosi zaze zawacela amaLeymenayithi ukuba angonzakalisi iintsapho zazo. AmaLeymenayithi azimamela iintombi ezo aze awayeka amaNifayithi ukuba aphile. Endaweni yoko, amaLeymenayithi awathimba amaNifayithi.

Mozaya 19:13–15

Umfanekiso
UNowa namadoda akhe banomsindo omnye komnye

Amadoda awayebalekile ayefuna ukubuyela kwiintsapho zawo. UNowa wazama ukuwanqanda, ngoko lamadoda aye ambulala. Ngoko ke aye abuyela kwiintsapho zawo.

Mozaya 19:18–22

Umfanekiso
Amadoda amaNifayithi abulisa iintsapho zawo kunye noGidiyon

La madoda ayonwabe kakhulu kuba iintsapho zawo zazikhuselekile. Aye amxelela uGidiyon ngoko kwenzeka kuNowa.

Mozaya 19:22–24

Umfanekiso
ULimhayi unika amaLeymenayithi ukutya nezilwanyana

Abantu bakhetha ukuba uLimhayi abe ngukumkani wabo omtsha. ULimhayi wathembisa ukumkani wamaLeymenayithi ukuba babeza kuhlawula isiqingatha sento yonke eyayiyeyabo kumaLeymenayithi. Ukubuyisela oko, ukumkani wamaLeymenayithi wathembisa ukuba wayengazi kubonzakalisa abantu bakaLimhayi.

Mozaya 19:25–27

Umfanekiso
ULimhayi nomfazi wakhe bakhangeleka bengonwabanga, kwaye amaNifayithi amanzi onzakele.

Bahlala ngoxolo iminyaka emininzi. Aze amaLeymenayithi aqalisa ukuphatha abantu bakaLimhayi kakubi. Abantu babefuna ukukhululeka kwakhona. Bazama ukulwa namaLeymenayithi, kodwa boyiswa. Abantu bathandezela uncedo kuThixo.

Mozaya 19:29; 21:1–15

Umfanekiso
ULimhayi no-Amon bayathetha

Ngenye imini, umNifayithi ogama lingu-Amon watyelela uLimhayi nabantu bakhe. U-Amon wayesuka kwilizwe elalibizwa ngokuba yiZarahemla. UKumkani uLimhayi wavuya akumbona u-Amon.

Mozaya 21:22–24

Umfanekiso
UGidiyon, uLimhayi, u-Amon, namanye amaNifayithi bayathetha

U-Amon wayesenako ukukhokela abantu bakaLimhayi eZarahemla, kodwa kwakumele baqhweshe kumaLeymenayithi kuqala. UGidiyon wayenalo icebo.

Mozaya 21:36; 22:1– 9, 11

Umfanekiso
Abalindi bamaLeymenayithi balele, abe amaNifayithi esishiya isixeko

Ebusuku, uGidiyon wabanika iwayini eyongezelelweyo abalindi bamaLeymenayithi ukwenzela ukuba balale. Ngelilixa abalindi babesalele, uLimhayi kunye nabo bonke abantu bakhe baqhwesha kwisixeko.

Mozaya 22:7, 10–12

Umfanekiso
Ukumkani uMozaya nabantu bakhe bamkela uLimhayi nabantu bakhe

Bona baya eZarahemla kwaye bamanyana namaNifayithi phaya. ULimhayi nabantu bakhe baye bafunda ngakumbi ngoThixo. Baye benza umnqophiso, okanye isithembiso esikhethekileyo, sokukhonza uThixo nokuthobela imiyalelo yaKhe. Bona baye babhaptizwa baze baba yinxalenye yeBandla likaThixo. Bona babekhumbula ukuba uThixo wabanceda baqhwesha kumaLeymenayithi.

Mozaya 21:32–35; 22:13–14; 25:16–18