Izibhalo
Mozaya 19


Isahluko 19

UGidiyon ufuna ukubulala ukumkani uNowa—AmaLeymenayithi ahlasela ilizwe—Ukumkani uNowa uva intlungu yokufa ngomlilo—ULimhayi ulawula nje ngokumkani orhafa komnye ukumkani onamandla kunaye. Malunga 145–121 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba umkhosi kakumkani wabuya, wakuba ubakhangele abantu beNkosi wabuya nelize.

2 Kwaye ngoku qaphelani, imikhosi kakumkani yaye imincinane, yakube iphungulekile, kwaye kwaqalisa ubukho beyantlukwano phakathi kwabantu abaseleyo.

3 Kwaye inxalenye yabo embalwa yaqalisa ukufutha izisongelo ngokuchasene nokumkani, kwaye kwaqalisa ukubakho imbambano enkulu phakathi kwabo.

4 Kwaye ngoku kwakukho indoda ethile phakathi kwabo egama layo lalinguGidiyon, kwaye ke eyindoda eyomeleleyo kwaye elutshaba kuye ukumkani, ke ngoko walikhupha ikrele lakhe, waza wafunga ngoburhalarhume bakhe ukuba uza kumbulala ukumkani.

5 Kwaye kwenzekile okokuba walwa naye ukumkani; kwaye uthe ukumkani akubona ukuba uza koyiswa, wesaba kwaye wabaleka waza waqabela aenkcochoyini eyayikufuphi netempile.

6 Kwaye uGidiyon wamsukela kwaye wayesele eza kuqabela enkcochoyini ukuba ambulale ukumkani, waza ukumkani waphosa amehlo akhe ngapha nangapha ngaselizweni laseShemloni, kwaye qaphelani, imikhosi yamaLeymenayithi yayingaphakathi kwemida yelizwe.

7 Kwaye ngoku ukumkani wamemeza ngentlungu yomphefumlo wakhe, esithi: Gidiyon, ndisindise, kuba amaLeymenayithi aphezu kwethu, kwaye aza kusitshabalalisa; ewe, aza kubatshabalalisa abantu bam.

8 Kwaye ukumkani waye engaxhalabelanga abantu bakhe kangako njengokuba wayenjalo ngobakhe ubomi; nangona kunjalo, uGidiyon wabusindisa ubomi bakhe.

9 Kwaye ukumkani wayalela abantu bakhe ukuba babaleke phambi kwawo amaLeymenayithi, kwaye yena ngokwakhe waye wahamba phambi kwabo, kwaye baye basabela entlango, kunye nabafazi babo nabantwana babo.

10 Kwaye kwenzekile okokuba amaLeymenayithi aye abasukela, kwaye abafumana, aze aqalisa ukubabulala.

11 Ngoku kwenzekile okokuba ukumkani wabayalela ukokuba onke amadoda mawabashiye abafazi bawo nabantwana bawo kwaye basabe phambi kwamaLeymenayithi.

12 Ngoku baba baninzi abangavumiyo ukubashiya, kodwa bakhetha ukuhlala baze batshabalale nabo. Kwaye abanye babashiya abafazi babo nabantwana babo kwaye basaba.

13 Kwaye kwenzekile okokuba abo basalayo nabafazi babo nabantwana babo benza ukuba iintombi zabo ezibukekayo zime ngaphambili kwaye ziwabongoze amaLeymenayithi ukuze angababulali.

14 Kwaye kwenzekile okokuba amaLeymenayithi aba nemfesane ngabo, kuba bathabatheka bubuhle babafazi babo.

15 Ke ngoko amaLeymenayithi abusindisa ubomi babo, aza abathabatha nje ngabathinjwa kwaye abathwala abuyela nabo emva kwilizwe likaNifayi, kwaye abavumela ukuba babe nokulilawula ilizwe, phantsi kwemiqathango yokuba baya kumnikezela ukumkani uNowa ezandleni zamaLeymenayithi, baze banikezele ngezinto zabo, kwanaso isiqingatha sayo yonke into abanayo, isiqingatha segolide yabo, nesesilivere yabo, nazo zonke izinto zabo zexabiso, kwaye ngalo ndlela bamele bahlawule irhafu kuye ukumkani wamaLeymenayithi ukusuka kunyaka nonyaka.

16 Kwaye ngoku kwaye kukho omnye woonyana bakakumkani phakathi kwabo babethatyathelwe ekuthinjweni, ogama lakhe alalinguLimhayi.

17 Kwaye ngoku uLimhayi wayenqwenela ukuba uyise angatshatyalaliswa; nangona kunjalo, uLimhayi wayesazi ngobugwenxa bukayise, yena ngokwakhe eyindoda enobulungisa.

18 Kwaye kwenzekile okokuba uGidiyon wathumela amadoda entlango bucala, ukuba ayokufuna ukumkani kwakunye nabo babenaye. Kwaye kwenzekile okokuba badibana nabantu entlango, bonke ngaphandle kokumkani nababingeleli bakhe.

19 Ngoku babefungile ezintliziyweni zabo ukuba babeya kubuyela elizweni likaNifayi, kwaye ukuba abafazi babo nabantwana babo babebulewe, kananjalo nabo babesele nabo, babeya kuzama ukuziphindezela, kwaye batshabalale nabo kanjalo.

20 Kwaye ukumkani wabayalela ukuba bangabuyeli; kwaye baba nomsindo ngakukumkani, kwaye bamenza ukuba ave iintlungu, ngokokude aafe ngomlilo.

21 Kwaye babesele beza kubathabatha ababingeleli kanjalo kwaye bababulale, kwaye basabe phambi kwabo.

22 Kwaye kwenzekile okokuba babesele beza kubuyela kwilizwe likaNifayi, kwaye badibana namadoda kaGidiyon. Kwaye amadoda kaGidiyon abaxelela ngako konke okwenzekayo kubafazi babo nabantwana babo; kwaye nokokuba amaLeymenayithi abanike ukuba babe nokulilawula ilizwe ngokuhlawula irhafu kuwo amaLeymenayithi yesiqingatha sayo yonke into ababenayo.

23 Kwaye abantu bawaxelela amadoda kaGidiyon ukuba bambulele ukumkani, kwaye ababingeleli bakhe basabele kude entlango.

24 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba beyigqibile ngamatiletile, ukuze babuyele kwilizwe likaNifayi, begcobile, ngenxa yokuba abafazi babo nabantwana babo babengabulawanga; kwaye bamxelela uGidiyon into abayenzileyo kukumkani.

25 Kwaye kwenzekile okokuba ukumkani wamaLeymenayithi wenza aisifungo kubo, sokokuba abantu bakhe abayi kubabulala.

26 Kwaye noLimhayi kanjalo, engunyana kakumkani, ubukumkani bunikelwe kuye angabantu, wenza isifungo kuye ukumkani wamaLeymenayithi sokokuba abantu bakhe kumele ukuba bahlawule irhafu kuye, kwanaso isiqingatha sayo yonke into abanayo.

27 Kwaye kwenzekile okokuba uLimhayi waqalisa ukumisela ubukumkani kwaye nokumisela uxolo phakathi kwabantu bakhe.

28 Kwaye ukumkani wamaLeymenayithi wabeka abalindi ukurhangqa ilizwe, ukuze abagcine abantu bakaLimhayi kulo ilizwe, ukuze bangemki basinge entlango; kwaye waye wabaxhasa abalindi bakhe ngerhafu awayeyifumana kuwo amaNifayithi.

29 Kwaye ngoku ukumkani uLimhayi waba noxolo ngalo lonke ixesha ebukumkanini bakhe kangangethuba leminyaka emibini, ngenxa yokuba amaLeymenayithi akazange abakhathaze okanye azame ukubatshabalalisa.