Izibhalo
Mozaya 2


Isahluko 2

Ukumkani uBhenjamin uthetha nabantu bakhe—Ubalisa ngobulungisa, ukungabi namkhethe, nolawulo lwakhe olunomoya—Ubacebisa ukuba bakhonze uKumkani wabo wasemaZulwini—Abo bavukela ngokuchasene noThixo baya kubandezeleka ngentlungu efana neyomlilo ongacimiyo. Malunga 124 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba uMozaya enze njengoko uyise wayemyalele, kwaye wenza isibhengezo kulo lonke ilizwe, sokokuba abantu bahlanganisane kunye kulo lonke ilizwe, ukuze babe nokunyuka ukuya etempileni ukuya kuphulaphula amazwi awayeza kuthethwa ngukumkani uBhenjamin kubo.

2 Kwaye kwakukho inani elikhulu, ewe nelininzi kangangokuba alizange libalwe; kuba babephinda-phindene ngokugqithisileyo kwaye baba baninzi elizweni.

3 Kananjalo bathabatha aamazibulo emihlambi yabo, ukuze banikele bidini cnamadini anyukayo dngokomthetho kaMoses;

4 Kananjalo nokokuba babenokunika umbulelo kuyo iNkosi uThixo wabo, owathi wabakhupha elizweni laseYerusalem, nowathi wabahlangula ezandleni zeentshaba zabo, kwaye awanyula amadoda angamalungisa ukuba abe bngootitshala babo, kananjalo nendoda elilungisa ukuba ibe ngukumkani wabo, owathi wamisela uxolo celizweni laseZarahemla, nowathi wabafundisa dukugcina imiyalelo kaThixo, ukuze babenovuyo kwaye bazale eluthando kuThixo nakubantu bonke.

5 Kwaye kwenzekile okokuba xa befika phezulu etempileni, bagxumeka iintente zabo macala onke, indoda nganye angokosapho lwayo, oluyinkosikazi yayo, noonyana bayo, neentombi zayo, noonyana babo, neentombi zabo, ukusuka komdala ukuya koyena mncinane, usapho ngalunye lwahluliwe olunye kolunye.

6 Kwaye bazigxumeka iintente zabo macala onke etempile, indoda nganye ainentente yayo esango layo lijonge ngasetempileni, ukuze ngolo hlobo bahlale ezintenteni zabo kwaye bawave amazwi awayeza kuthethwa ngukumkani uBhenjamin kubo;

7 Kuba isihlwele saye sisikhulu kangangokuba ukumkani uBhenjamin wayengenako ukubafundisa bonke ngaphakathi kweendonga zetempile, ke ngoko wenza ukuba kumiswe incopho, ukuze ngayo abantu bakhe babenako ukuva amazwi awayeza kuwathetha kubo.

8 Kwaye kwenzekile okokuba waqalisa ukuthetha nabo abantu bakhe esencotsheni; kwaye babengakwazi ukuweva bonke amazwi akhe ngenxa yobuninzi besihlwele; ke ngoko wenza okokuba amazwi athe wawathetha abhalwe aze athunyelwe phakathi kwabo babengekho kufuphi nesandi selizwi lakhe, ukuze nabo babe nokuwafumana amazwi akhe.

9 Kwaye la ngamazwi athi awawathetha kwaye wenza ukuba abhalwe, esithi: Bazalwana bam, nonke nina nihlanganisene kunye, nina ninako ukuweva amazwi am endiza kuwathetha kuni ngalo mhla; kuba andiniyalelanga ukuba ninyuke nize apha ukuba bniwenze into engenamsebenzi amazwi endiza kuwathetha, kodwa ndinibizele okokuba cnindiphulaphule, kwaye nizivule iindlebe zenu ukuze nibe nokuva, dneentliziyo zenu ukuze niqonde, eneengqondo zenu ukuze fiimfihlelo zikaThixo zibe nokutyhilwa nizibone.

10 Andiniyalelanga ukuba nize apha ukuze anindoyike, okanye nicinge okokuba mna ngokwam ndingaphezulu kunendoda enokufa.

11 Kodwa ndinjengokuba ninjalo, ndinako ukuba nazo zonke iintlobo zezifo emzimbeni nasengqondweni; nangona kunjalo ndonyuliwe ngaba bantu, kwaye ndangcwaliswa ngubawo, kwaye ndavunyelwa ngesandla seNkosi ukuba ndibe ngumlawuli nokumkani phezu kwaba bantu; kwaye ndigcinwe kwaye ndakhuselwa ngamandla akhe angenamlinganiselo, ukuze ndinikhonze ngawo onke amandlakazi, ingqondo, nokomelela ethe iNkosi yandinika kona.

12 Ndithi kuni njengokuba ndivunyelwe ukuba ndinikele imihla yam ekunikhonzeni, kwanokude kube leli lixa, kwaye andifunanga agolide nasilivere nalo naluphina uhlobo lobutyebi benu;

13 Ndinganivumelanga nokokuba nivalelwe emihadini, nokokuba nizenze amakhoboka omnye komnye, nokokuba nibulale, okanye niphange, okanye nibe, okanye nikrexeze; ndinganivumelanga nokokuba nenze naluphina uhlobo lwenkohlakalo, kwaye ndinifundise okokuba niyigcine imiyalelo yeNkosi, ngezinto zonke ethe yaniyalela ngazo—

14 Kwaye nam, ngokwam, andisebenzile ngezandla zam ukuze ndibe nokunikhonza, nokokuba ningasindwa ziirhafu, nokokuba kungabikho nto iza kuni ebuhlungu ukuyinyamezela—kwaye kuzo zonke ezi zinto ndizithethileyo, nina ngokwenu ningamangqina ngawo lo mhla.

15 Kanti ke, bazalwana bam, andizenzanga ezi zinto ukuze ndibe nokuzigwagwisa, ndingazixeli ezi zinto ukuze ndibe nokunityhola; kodwa ndinixelela ezi zinto ukuze nibe nokwazi okokuba ndinako ukuphendula angesazela esimsulwa phambi koThixo ngawo lo mhla.

16 Qaphelani, ndithi kuni ngenxa yokokuba ndithe kuni ndinikele imihla yam ndinisebenzela, andinqweneli kuzigwagwisa, kuba bendisebenzela kuphela uThixo.

17 Kwaye qaphelani, ndinixelela ezi zinto ukuze nibe nokufunda aubulumko; ukuze nibe nokufunda okokuba xa bninceda culuntu lwenu nisekuncedeni kuphela uThixo wenu.

18 Qaphelani, nindibize njengokumkani wenu; kwaye ukuba mna, enimbiza njengokumkani wenu, ndiyasebenza ukuze andinincede, ke animele nisebenze kusini na ukuze nincedane?

19 Kwaye qaphelani kanjalo, ukuba mna, enimbiza njengokumkani wenu, othe wanikela imihla yakhe enisebenzela, kwaye kuyo yonke loo nto ebesebenzela uThixo, uwufanele nawuphina umbulelo ovela kuni, Owu bekunganjani ukuba abeninokumbulela uKumkani wenu wasemazulwini!

20 Ndithi kuni, bazalwana bam, ukuba ninganikela yonke imibulelo anodumo onokuthi umphefumlo wenu wonke ubenamandla okubanalo, kuloo bThixo unidalileyo, kwaye onigcinileyo kwaye wanikhusela, kwaye wanenza ukuba nigcobe, kwaye wanivumela ukuba nihlale ngoxolo omnye kunye nomnye—

21 Ndithi kuni ukuba ningamsebenzela lowo unidalileyo ukususela ekuqalekeni, kwaye enikhusela ukusuka kumhla ukuya kumhla, ngokuniboleka umphefumlo, ukuze nibe nokuphila kwaye nishukume kwaye nenze angokuthanda kwenu, kwaye enixhasa umzuzu ukuya komnye—ndithi, ukuba ningamsebenzela ngemiphefumlo yenu yonke iphela kanti niya kuba bzizicaka ezingancedi lutho.

22 Kwaye qaphelani, konke akunqwenelayo kuni kukuba aniyigcine bimiyalelo yakhe; kwaye unithembisile okokuba ukuba ningayigcina imiyalelo yakhe ningaphumelela elizweni; kwaye cakajiki kuloo nto ayithethileyo; ke ngoko, ukuba nithi dniyigcine imiyalelo yakhe uyanisikelela kwaye aniphumelelise.

23 Kwaye ngoku, okokuqala, unidalile, kwaye waninika ubomi benu, eninetyala ngabo kuye.

24 Kwaye okwesibini, uninqwenelela ukuba ningenza njengoko eniyalele; nto leyo ukuba ningayenza, auyanisikelela ngoko nangoko; kwaye ke ngoko unihlawule. Kwaye nisenetyala kuye, kwaye ninalo, kwaye nisaya kubanalo, ngonaphakade kanaphakade; ke ngoko, ingaba yintoni eningazigwagwisa ngayo?

25 Kwaye ngoku ndiyabuza, ingaba ninga nako na ukuzithethelela? Ndiyaniphendula, Hayi. Aninakutsho nokuthi ningalingana nalo nothuli lomhlaba; kanti ananidalwe bngothuli lomhlaba; kodwa qaphelani, lolwakhe lowo wanidalayo.

26 Kwaye nam, ngokwam, enimbiza njengokumkani wenu, andingaphezulu kunani; kuba nam kanjalo ndisuka eluthulini. Kwaye niyabona okokuba ndimdala, kwaye sele ndiza kunikela olu phahla lunokufa kunina walo umhlaba.

27 Ke ngoko, njengoko nditshilo kuni okokuba ndinisebenzele, andihamba ndinesazela esimsulwa phambi koThixo, kangangokuba mna nangeli xesha ndinibangele ukuba nihlanganisane kunye, ukuze ndifunyaniswe ndingenatyala, kwaye nokokuba bigazi lenu lingezi phezu kwam, xa ndiya kuma ukuze ndigwetywe nguThixo ngezinto abendiyalele ngazo ngokunxulumene nani.

28 Ndithi kuni ndinibangele ukuba nihlanganisane kunye ukuze andisuse igazi lenu kuzo izambatho zam, kwesi sigaba sexesha xa sele ndiza kwehlela ezantsi engcwabeni lam, ukuze ndihle ngoxolo, bnomoya wam ongenakufa ube nokuhlangana cneekwayara zaphezulu ekuvumeni iindumiso zoThixo onobulungisa.

29 Kwaye ngaphezu koko, ndithi kuni ndinibangele ukuba nihlanganisane kunye, ukuze ndibe nokubhengeza kuni okokuba andisayi kubanakho ukuba yititshala yenu, ndingasayi kuba nguye nokumkani wenu;

30 Kuba nangalo eli xesha, umzimba wam wonke uyangcangcazela ngokugqithisileyo ngeli thuba ndizama ukuthetha nani; kodwa iNkosi uThixo iyandixhasa, kwaye indivumele ukuba ndithethe nani, kwaye indiyalele ukuba ndibhengeze kuni ngalo mhla, okokuba unyana wam uMozaya ungukumkani nomlawuli phezu kwenu.

31 Kwaye ngoku, bazalwana bam, ndinga ningenza njengokuba benisenza kude kube kaloku nje. Njengokuba beniyigcina imiyalelo yam, kananjalo nemiyalelo kabawo, kwaye niphumelele, kwaye nithintelwe ekubeni niwele ezandleni zeentshaba zenu, kuya kuba njalo naxa nithe nayigcina imiyalelo yonyana wam, okanye imiyalelo kaThixo eya kuthethwa kuni nguye, niya kuphumelela elizweni, kwaye neentshaba zenu aziyi kuba namandla phezu kwenu.

32 Kodwa, Owu bantu bam, lumkani hleze kuvuke aiimbambano phakathi kwenu, kwaye nifune ukuthobela umoya ongcolileyo, ekwathethwa ngawo ngubawo uMozaya.

33 Kuba qaphelani, kukho isiqalekiso esibhengeziweyo phezu kwakhe lowo ufuna ukuthobela loo moya; kuba ukuba ufuna ukuwuthobela, aze ahlale kwaye afele ezonweni zakhe, kwayena lowo uziziselela aukugwetywa emphefumlweni wakhe; kuba wamkela endaweni yomvuzo wakhe bisohlwayo sanaphakade, ekubeni ewaphule umthetho kaThixo ukuphikisa ulwazi lwakhe.

34 Ndithi kuni, okokuba akukho namnye phakathi kwenu, ngaphandle kokuba kube ngabantwana benu abancinane abangafundiswanga malunga nezi zinto, kodwa abaziyo okokuba ninetyala ngonaphakade kuBawo wenu wasemazulwini, ukuba ninikele kuye konke eninako kwaye noko nikuko; kwaye kanjalo nabangafundiswanga ngokunxulumene neembali eziqulethe iziprofetho ezithethwe ngabaprofeti abangcwele, nasekuhleni ukuya kwixesha ubawo wethu, uLihayi, elishiya elaseYerusalem;

35 Kananjalo, konke oko kwathethwa ngoobawo bethu kude kube kaloku nje. Kwaye qaphelani, kanjalo, bathetha oko babekuyalelwe yiNkosi; ke ngoko kuchanekile kwaye kuyinyani.

36 Kwaye ngoku, ndithi kuni, bazalwana bam, emva kokuba nizazile kwaye nizifundisiwe zonke ezi zinto, ukuba nithe nawaphula umthetho nahamba ngokuchaseneyo noko kuthethiweyo, ukuze nizirhoxise kuwo uMoya weNkosi, ukuze ungabi nandawo kuni ukuze unikhokelele kuzo iindlela zobulumko ukuze nibe nokusikeleleka, niphunyeleliswe, kwaye nilondolozwe—

37 Ndithi kuni, loo mntu ukwenzayo oku, lowo aumvukela elubala uThixo; ke ngoko ufuna ukuthobela umoya ongcolileyo, kwaye abe lutshaba kubo bonke ubulungisa; ke ngoko, iNkosi ayinandawo kuye, kuba ayihlali kuzo biitempile ezingangcwelanga.

38 Ke ngoko ukuba loo mntu aakaguquki, kwaye ahlale aze afe elutshaba kuThixo, iimfuneko bzobulungisa zobuthixo zivusela umphefumlo wakhe ongenakufa kwimvakalelo edlamkileyo cyetyala lakhe, elimenza ukuba arhwaqele kubo ubuso beNkosi, kwaye lizalise isifuba sakhe ngetyala, nentlungu, nokudandatheka, okufana nomlilo ongacimiyo, olangatye lawo linyukela phezulu ngonaphakade kanaphakade.

39 Kwaye ngoku ndithi kuni, loo anceba ayinabango kuloo mntu; ke ngoko isigwebo sakhe sokugqibela kukunyamezela intuthumbo engenasiphelo.

40 Owu, nonke nina madoda amakhulu, kananjalo nani bafana, kwaye nani bantwanana abancinane abanako ukuwaqonda amazwi am, kuba ndithethe ngokucacileyo kuni ukuze nibe nokuqonda, ndiyanithandaza ukuba niqabuke akwiinkumbulo zemo eyoyikekayo yabo bathi bawela ekwaphuleni umthetho.

41 Kwaye ngaphezu koko, ndinganqwenela okokuba nicingisise ngemo eneentsikelelo aneyolonwabo lwabo bayigcinayo imiyalelo kaThixo. Kuba qaphelani, bbasikelelwe kuzo zonke izinto, kunye ezomzuzwana nezasemphefumlweni; kwaye ukuba bayanyamezela cbenyanisekile kwade kwaba sekupheleni bayamkelwa dezulwini, ukuze kulo babenokuhlala noThixo bekwimo yolonwabo olungasokuze luphele. Owu khumbulani, khumbulani okokuba ezi zinto ziyinyani; kuba iNkosi uThixo izithethile.