Izibhalo
Mozaya 1


INcwadi kaMozaya

Isahluko 1

Ukumkani uBhenjamin ufundisa oonyana bakhe ulwimi neziprofetho zooyise—Unqulo nempucuko yabo bayikhusela ngenxa yeembali ezigcinwe kumacwecwe ahlukahlukeneyo—UMozaya uyonyulwa njengokumkani kwaye unikwa ukuba abe ngumgcini weembali nezinye izinto. Malunga 130–124 P.K.

1 Kwaye ngoku kwakungasekho mbambano kulo lonke ailizwe laseZarahemla, phakathi kwabo bonke abantu abangabakakumkani uBhenjamin, ngolo hlobo ukumkani uBhenjamin wathi rhoqo ukuba noxolo yonke intsalela yemihla yakhe.

2 Kwaye kwenzekile okokuba waba noonyana abathathu; kwaye wabathiya amagama anguMozaya, noHeloram, noHilamani. Kwaye wenza ukuba abafundiswe ngazo zonke biilwimi zooyise, ukuze ngazo babe ngamadoda aqondayo; nokokuba babenokwazi malunga neziprofetho ezazithethiwe ngemilomo yooyise, ezazinikezelwe kubo ngesandla seNkosi.

3 Kananjalo wabafundisa ngokunxulumene neembali ezazikrolwe kumacwecwe obhedu, esithi: Boonyana bam, ndinga ningakhumbula okokuba ukuba bekungengawo la amacwecwe, aqulethe ezi mbali nale miyalelo, besiya kuhlala bekungazini, nangalo eli xesha limiyo, singazazi iimfihlelo zikaThixo.

4 Kuba ebengenakubanako ubawo wethu, uLihayi, ukuzikhumbula zonke ezi zinto, ukuze azifundise kubantwana bakhe, ngaphandle kokuba kube kungoncedo lwala macwecwe; kuba yena ekubeni ebezifundiswe angolwimi lwamaYiputa ke ngoko ebenako ukuyifunda le mikrolo, aze ayifundise kubantwana bakhe, ukuze ngayo babenokuyifundisa kubantwana babo, ngayo bezalisekisa imiyalelo kaThixo, kwanokuhla ukuza kweli xesha limiyo.

5 Ndithi kuni, boonyana bam, ukuba bekungengazo ezi zinto, ezithe zagcinwa kwaye azakhuselwa ngesandla sikaThixo, ukuze sibe bnokuzifunda kwaye siziqonde ciimfihlelo zakhe, kwaye sibenayo nemiyalelo yakhe ngalo lonke ixesha phambi kwamehlo ethu, noobawo bethu ngokwabo ngebabe besiya bephelela ekungakholweni, kwaye besiya kufana nabazalwana bethu, amaLeymenayithi, abangazinto malunga nezi zinto, okanye abazikholelwa nokuzikholelwa xa bezifundiswa, ngenxa dyezithethe zooyise, ezingalunganga.

6 Owu boonyana bam, ndinga ningakhumbula okokuba ezi ntetho ziyinyani, kanjalo nokokuba ezi mbali aziyinyani. Kwaye qaphelani, namacwecwe kaNifayi kanjalo, aqulethe iimbali neentetho zoobawo ukusuka kwilixa ababelishiya elaseYerusalem kude kube kaloku nje, kwaye ayinyani; kwaye sinako ukwazi ngobunyaniso bawo ngenxa yokuba sinawo phambi kwamehlo ethu.

7 Kwaye ngoku, boonyana bam, ndinga ningakhumbula aukuwaphengulula ngenkuthalo, ukuze nincedeke ngawo; kwaye ndinga bningayigcina imiyalelo kaThixo, ukuze cniphumelele elizweni dngokwezithembiso eyathi iNkosi yazenza koobawo.

8 Kwaye zabaninzi nezinye izinto awathi ukumkani uBhenjamin wazifundisa koonyana bakhe, ezingabhalwanga kuyo le ncwadi.

9 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba ukumkani uBhenjamin ephezile ukubafundisa oonyana bakhe, waye waba mdala, kwaye wabona okokuba kufuneka kwakamsinya ahambe ngendlela yawo wonke umhlaba; ke ngoko, wacinga ukuba kuyimfuneko ukuba anikezele ubukumkani phezu komnye woonyana bakhe.

10 Ke ngoko, wenza ukuba uMozaya aziswe phambi kwakhe; kwaye la ngamazwi awathi wawathetha kuye, esithi: Nyana wam, ndinga ungenza isibhengezo kulo lonke eli lizwe phakathi kwabo bonke aba bantu, okanye aabantu bakaZarahemla, nabantu bakaMozaya abahlala elizweni, ukuze ngaso babe nokuhlanganisana kunye; kuba ngengomso ndiya kubhengeza kwesi sizwe sam ngokuphuma emlonyeni wam okokuba bungukumkani nomlawuli phezu kwesi sizwe, ethe iNkosi uThixo wethu yasinika sona.

11 Kwaye ngaphezu koko, ndiya kusinika esi sizwe aigama, esiya kuthi ngalo sohluke ngaphezu kwazo zonke izizwe eyathi iNkosi uThixo yazikhuphela ngaphandle kwelizwe laseYerusalem; kwaye oku ndikwenza ngenxa yokokuba babengabantu abakhutheleyo ekuyigcineni imiyalelo yeNkosi.

12 Kwaye ndibanika igama elingasokuze licinywe, ngaphandle kokuba akungokwaphula umthetho.

13 Ewe, kwaye ngaphezu koko ndithi kuwe, ukuba aba bantu bathandeka kakhulu beNkosi banokuthi bawele aekwaphuleni umthetho, baze babe ngabantu abakhohlakeleyo nebantu abakrexezayo, ukuze iNkosi ibanikezele ezintshabeni zabo, ukuze ngazo babe bbuthathaka nje ngabazalwana babo; kwaye akayi kuphinda cabakhusele ngaloo mandla angenamlinganiselo nangumangaliso, njengoko kude kwangoku ebakhusele oobawo bethu.

14 Kuba ndithi kuwe, ukuba ibingayolulanga ingalo yayo ekukhuseleni oobawo bethu ngebabewele ezandleni zamaLeymenayithi, baza baba ngamaxhoba entiyo yawo.

15 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba ukumkani uBhenjamin ephezile ukwenza ezi ntetha kunyana wakhe, wamnika umyalelo ngokunxulumene nemicimbi yobukumkani.

16 Kwaye ngaphezu koko, waye wamnika kanjalo umyalelo ngokunxulumene neembali ezazikrolwe phezu akwamacwecwe obhedu; kwaye kanjalo namacwecwe kaNifayi; kanjalo, bnekrele likaLabhan, cnebhola okanye isikhombisi, esakhokela oobawo bethu ukucanda intlango, esasilungiswe ngesandla seNkosi ukuze ngaso babe nokukhokelwa, wonke umntu ngokwenyameko nenkuthalo abayinikelayo kuyo.

17 Ke ngoko, bakunganyaniseki babengaphumeleli kwaye bengaqhubeki eluhambeni lwabo, basuke abaqhutyelwe emva, kwaye bazizisela ukungakholiseki kukaThixo phezu kwabo; kwaye ke ngoko baye babethwa ngendlala neembandezelo ezibuhlungu, ukuze abashukumisele kwinkumbulo yoko kuyimfanelo yabo.

18 Kwaye ngoku, kwenzekile okokuba uMozaya wahamba kwaye wenza njengoko uyise wayemyalele, kwaye wabhengeza kubo bonke abantu ababekulo ilizwe laseZarahemla ukuze babe nokuhlanganisana kunye kulo, ukuze banyuke baye etempileni ukuya kuva amazwi awayeza kuthethwa nguyise kubo.