Izibhalo
Mozaya 6


Isahluko 6

UKumkani uBhenjamin ubhala imbali yamagama abantu kwaye amisele ababingeleli ukuba babafundise—UMozaya uyalawula njengokumkani olilungisa. Malunga 124–121 P.K.

1 Kwaye ngoku, ukumkani uBhenjamin wacinga ukuba kuyimfuneko, emva kokuba egqibile ukuthetha nabantu, okokuba aathabathe amagama abo bonke abo babenze umnqophiso noThixo wokuba bayigcine imiyalelo yakhe.

2 Kwaye kwenzekile okokuba akuzange kubekho namnye umphefumlo, ngaphandle kwabantwana abancinane, ongawenzanga umnqophiso kwaye bathabathela kubo igama likaKrestu.

3 Kwaye kwakhona, kwenzekile okokuba xa ukumkani uBhenjamin ephezile ngazo zonke ezi zinto, kwaye emisele nonyana wakhe auMozaya ukuba abe ngumlawuli nokumkani phezu kwabantu bakhe, kwaye wamnika yonke imiyalelo ngokunxulumene nobukumkani, kwaye kanjalo bemisele ababingeleli ukuba cbafundise abantu, ukuze ngabo babenakho ukuyiva kwaye nokuyazi imiyalelo kaThixo, kwaye abashukumisele ekukhumbuleni disifungo ababesenzile, waye wasindulula isihlwele, kwaye babuyela, elowo, ngokweentsapho zabo, emizini yabo.

4 Kwaye auMozaya waqalisa ukulawula endaweni kayise. Kwaye waqalisa ukulawula emashumi mathathu eminyaka ubudala, into eyenza ngokupheleleyo, malunga namakhulu amane anamashumi asixhenxe anesithandathu eminyaka ukususela bkwilixa uLihayi washiya elaseYerusalem.

5 Kwaye ukumkani uBhenjamin waphila iminyaka emithathu waza wafa.

6 Kwaye kwenzekile okokuba ukumkani uMozaya waye wahamba kuzo iindlela zeNkosi, kwaye wanyamekela ukuzigcina izigwebo zayo nemithetho yayo, kwaye wayigcina nemiyalelo yayo kuzo naziphina izinto ethe yamyalela zona.

7 Kwaye ukumkani uMozaya wabenza abantu bakhe ukuba balime umhlaba. Kwaye naye kanjalo, ngokwakhe, walima umhlaba, ukuze ngawo aangabi ngumthwalo ebantwini bakhe, ukuze enze njengoko uyise wayesenza kuzo zonke izinto. Kwaye kwakungekho mbambano phakathi kwabo bonke abantu bakhe kangangethuba leminyaka emithathu.