Izibhalo
Mozaya 14


Isahluko 14

UIsaya uthetha ngokoMesiya—Ukuthotywa kwesidima sikaMesiya neentlungu ziyachazwa—Wenza umphefumlo Wakhe ube ngumnikelo wesono kwaye wenza uxolelwaniso lwaboni—Thelekisa noIsaya 53. Malunga 148 P.K.

1 Ewe, akatsho na naye uIsaya ukuthi: Ngubani na okholelweyo kulo udaba lwethu, kwaye ingalo yeNkosi ingaba ityhilwe kubani na?

2 Kuba uya kukhula phambi kwakhe njengegatya eli-ethe-ethe, kwaye nanjengehlumelo eliphuma kumhlaba ongumqwebedu; akanasithomo nabungangamsha; kwaye xa siya kumbona akuyi kubakho kubukeka kuye ukuba singamnqwenela.

3 Udeliwe kwaye ulahliwe ngabantu, indoda yeentsizi, kwaye uqhelene nentlungu; kwaye sanga sibusithelisile ubuso bethu kuye; wayedeliwe, kwaye thina asambeka.

4 Okwenene auzithabathele kuye biintlungu zethu, kwaye wazithwala iintsizi zethu; ke thina samcingela njengobandezelekileyo, obethwa nguThixo, kwaye nocinezelekileyo.

5 Kodwa wayehlatyiwe ngenxa ayokona kwethu, wayekrazukile ngenxa yobugwenxa bethu; isohlwayo sokuba sibe noxolo saba phezu kwakhe; kwaye ngemivumbo yakhe bsiphilisiwe.

6 Sonke thina, anjengezimvu, siphambukile; sonke elowo eguqukele kweyakhe indlela; kwaye iNkosi yamthwalisa ubugwenxa bethu sisonke.

7 Wayecinezelekile, kwaye wayebandezelekile, kanti aakazange awuvule umlomo wakhe; uziswa bnjengemvana eya ekuxhelweni, kwaye nanjengemvu phambi kwabachebi bayo esisimumu ngoko ke akazange awuvule umlomo wakhe.

8 Wathatyathwa entolongweni nakuso isigwebo; kwaye ngubani oya kuvakalisa ngesizukulwana sakhe? Kuba wasikelwa ngaphandle waphuma kulo ilizwe labaphilayo; kuba ngenxa yokona kwabantu bam wahlaselwa.

9 Kwaye walimisa ingcwaba lakhe phakathi kwabakhohlakeleyo, anabazizityebi akuba efile; nangona engenzanga bbubi, kungazange kubekho nankohliso emlonyeni wakhe.

10 Kanti ke kwayikholisa iNkosi ukumtyumza; yambeka entlungwini; xa yayibeka umphefumlo wakhe njengedini lesono uya kuyibona aimbewu yakhe, uya kumandisela imihla yakhe, kwaye ukuthanda kweNkosi kuya kuphumelela esandleni sakhe.

11 Uya kuyibona imigudu yomphefumlo wakhe, kwaye aneliseke; ngolwazi lwakhe umkhonzi wam onobulungisa uya kugwebela abaninzi; kuba uya akubuthwala ubugwenxa babo.

12 Ke ngoko ndiya kumabela isahlulo nabakhulu, kwaye uya kwabelana ngexhoba nabanokomelela; ngenxa yokuba ewuphalazile umphefumlo wakhe ekufeni; kwaye wabalelwa kubo aboni; kwaye wazithwala izono zabaninzi, kwaye awabathethelela abo bangaboni.