Izibhalo
Mozaya 4


Isahluko 4

Ukumkani uBhenjamin uyayiqhuba intetho yakhe—Usindiso luza ngenxa yeNtlawulelo—Kholelwani kuThixo ukuze nisindiswe—Khumbula ukuxolelwa kwezono zakho ngokuthembeka—Nikela ngezinto zakho kumahlwempu—Zenze zonke izinto ngobulumko nocwangco. Malunga 124 P.K.

1 Kwaye ngoku, kwenzekile okokuba xa ukumkani uBhenjamin ephezile ukuthetha amazwi abenikelwe kuye yingelosi yeNkosi, wawaphosa amehlo akhe macala onke kuso isihlwele, kwaye qaphelani sasiwele emhlabeni, kuba auloyiko lweNkosi lwalufike phezu kwaso.

2 Kwaye bazibona abekwimo yabo yasenyameni, bbengaphantsi nakuthuli lomhlaba. Kwaye badanduluka bonke ngezwi elinye, besithi: Owu yiba nenceba, kwaye usebenzise cigazi elihlawulelayo likaKrestu ukuze sifumane uxolelo lwezono zethu, neentliziyo zethu zihlanjululwe; kuba siyakholwa kuYesu Krestu, uNyana kaThixo, dowadala izulu nomhlaba, nazo zonke izinto; oya kuthi ehle eze phakathi kwabantwana babantu.

3 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba bethethe la mazwi uMoya weNkosi wehla phezu kwabo, kwaye bazaliswa luvuyo, bafumana auxolelo lwezono zabo, kwaye bafumana bizazela ezinoxolo, ngenxa cyokholo olugqithileyo ababenalo kuYesu Krestu oya kuza, ngokwamazwi ukumkani uBhenjamin awathethileyo kubo.

4 Kwaye ukumkani uBhenjamin waphinda wawuvula umlomo wakhe, kwaye waqalisa ukuthetha nabo, esithi: Zihlobo zam nabazalwana bam, zalamane zam nabantu bam, ndinga kwakhona ndingamema ingqalelo yenu, ukuze nibe nokuva kwaye niyiqonde intsalela yamazwi am endiza kuwathetha kuni.

5 Kuba qaphelani, ukuba ulwazi ngokulunga akukaThixo ngalo eli lixa kunivuselele ekuyiqondeni imo yobungento benu, kwaye nemo yokungabi naxabiso nokuwa kwenu—

6 Ndithi kuni, ukuba nifikelele akulwazi ngokulunga kukaThixo, namandla akhe angenamlinganiselo, nobulumko bakhe, nomonde wakhe, nokuzeka kade umsindo kwakhe kubantwana babantu; kananjalo, bnentlawulelo ethe yalungiselelwa ukususela ckwisiseko sehlabathi, ukuze ngayo usindiso lube nokuza kulowo uya kubeka dithemba lakhe eNkosini, kwaye akhuthale ekugcineni imiyalelo yakhe, kwaye aqhubeke elukholweni kude kube sekupheleni kobomi bakhe, ndithetha ubomi bomzimba ofayo—

7 Ndithi, lo nguye umntu ofumana usindiso, ngentlawulelo eyalungiselelwa uluntu lonke ukususela kwisiseko sehlabathi, ababekho kwangexesha alokuwa kuka-Adam, okanye abakhoyo, okanye abaya kusoloko bekho, kwa nasekupheleni kwehlabathi.

8 Kwaye le yindlela oluza ngayo usindiso. Kwaye aalukho olunye usindiso ngaphandle kolu sekuthethwe ngalo; kungekho nazimbi iimeko anokuthi umntu asindiswe ngazo ngaphandle kweemeko endinixelele ngazo.

9 Kholelwani kuThixo; kholelwani ukuba ukho, nokokuba wadala zonke izinto, ezulwini kunye nasemhlabeni; kholelwani ukuba unabo bonke aubulumko, nawo onke amandla, ezulwini kunye nasemhlabeni; kholelwani ukuba umntu bakaziqondi zonke izinto iNkosi enokuziqonda.

10 Kwaye kwakhona, kholelwani ukuba kufuneka aniguquke ezonweni zenu kwaye nizilahle, kwaye nizithobe phambi koThixo; kwaye nimcele ngokunyaniseka kwentliziyo ukuba banganixolela; kwaye ngoku, ukuba cniyazikholelwa zonke ezi zinto bonani ukuba dniyazenza.

11 Kwaye kwakhona ndithi kuni njengoko benditshilo ngaphambili, okokuba njengoko nifikelele kulwazi lozuko lukaThixo, okanye ukuba nazile ngokulunga kwakhe kwaye anangcamla kuthando lwakhe, kwaye nafumana buxolelo lwezono zenu, okunenza nibe novuyo olugqithisileyo emiphefumlweni yenu, kananjalo ke ndinga ningakhumbula, kwaye nisoloko nibugcine ezinkumbulweni zenu ubukhulu bukaThixo, cnobungento benu, dnokulunga kwakhe nokuzeka kade umsindo kuni, zidalwandini ezingenaxabiso, kwaye nizithobe enangokuthobeka okunzulu, fnilibiza igama leNkosi imihla yonke, kwaye nime nithe nkqi elukholweni loko kuya kuza, ekwakuthethwe ngomlomo wengelosi.

12 Kwaye qaphelani, ndithi kuni ukuba niyakwenza oku niya kuhlala nigcobile, kwaye nizaliswe aluthando lukaThixo, kwaye bnihlale nilugcinile uxolelo lwezono zenu; kwaye niya kukhula kulwazi lozuko lwakhe onidalileyo, okanye kulwazi lwako oko kububulungisa kwaye buyinyani.

13 Kwaye aniyi kuba nangqondo yakufuna ukwenzakalisana, kodwa niya kufuna ukuhlala angoxolo, kwaye ninika wonke umntu ngokwemfanelo yakhe.

14 Kwaye aniyi kubavumela aabantwana benu ukuba balambe, okanye babe ze; ningayi kubavumela ukuba bayone imithetho kaThixo, kwaye bbalwe kwaye baxabane omnye nomnye, kwaye basebenzele umtyholi, oyinkosi yesono, okanye ongumoya ongcolileyo ebekuthethwe ngawo ngoobawo bethu, yena elutshaba lwabo bonke ubulungisa.

15 Kodwa niya akubafundisa ukuba bbahambe ezindleleni zenyaniso nondiliseko; niya kubafundisa ukuba cbathandane, nokuba bancedane.

16 Kananjalo, nani ngokwenu niya akubanceda abo baludingayo uncedo lwenu; niya kunikela ngezinto zenu kulowo usweleyo; kwaye anisayi kuvumela ukuba bumngqibi enze isicelo sakhe kuni ngelize, nize nimgxothele ngaphandle ukuba atshabalale.

17 Mhlawumbi uya akuthi: Lo mntu uzizisele ngokwakhe inkxwaleko phezu kwakhe; ke ngoko ndiza kusibamba isandla sam, kwaye andisayi kumnika ekutyeni kwam, ndingasayi kumnika ezintweni zam ukuze angabi nakuhlupheka, kuba izohlwayo zakhe zimlungele—

18 Kodwa ndithi kuni, Owu luntu, nabani na okwenzayo oku kwayena lowo unesizathu esikhulu sokuguquka; kwaye ngaphandle kokuba angaguquka kuloo nto ayenzileyo uya kutshabalala ngonaphakade, kwaye akanaso isabelo ebukumkanini bukaThixo.

19 Kuba qaphelani, asingabangqibi sonke na? Asixhomekekanga sonke kwa kwesi Siqu na kwa naye uThixo, kubo bonke ubutyebi esinabo, ngokutya nezambatho, nangegolide, nangesilivere, nangabo bonke ubutyebi esinabo balo lonke uhlobo?

20 Kwaye qaphelani, kwangalo eli lixa, benilibiza igama lakhe, kwaye nizicengela ukuba nixolelwe izono zenu. Kwaye ingaba uniyekele ukuba ningqibe ngelize? Hayi; uwuthulule uMoya wakhe phezu kwenu, kwaye wenza okokuba iintliziyo zenu zizaliswe aluvuyo, kwaye wenze okokuba imilomo yenu ivalwe ukuze ningabi nakuthetha, babugqithise njalo ke ubukhulu bovuyo lwenu.

21 Kwaye ngoku, ukuba uThixo, onidalileyo, enixhomekeke kuye ngobomi benu nangazo zonke izinto eninazo nenizizo, uyaninika nantoni na eniyicelalyo elungileyo, ngokholo, nikholelwa ukuba niya kuyifumana, Owu ke, bekufanele ukuba aninikele ngezinto zenu eninazo omnye komnye.

22 Kwaye ukuba aniyamgweba umntu owenza isicelo sakhe kuni sezinto zenu ukuze angafi, nize nimgwebe, siya kulunga kangakanani esenu isigwebo bngokubandeza izinto ezizezenu, ezingezizo zenu kodwa izezikaThixo, obomi benu kanjalo bubobakhe; kanti ke anenzi sicelo, ningaguquki nakuguquka ngento eniyenzileyo.

23 Ndithi kuni, yeha kuye loo mntu, kuba ubutyebi bakhe buya kutshabalala kunye naye; kwaye ngoku, ndizithetha ezi zinto kubo abo abazizityebi ngokuphathelele kwizinto zeli hlabathi.

24 Kwaye kwakhona, ndithi kwabo bangamahlwempu, nina ningenanto kanti ninako okwaneleyo, ukuze niphile umhla nomhla; ndithetha abo bavimba umngqibi, kuba ningenanto; ndinga ningathi ezintliziyweni zenu: Andiphi ngenxa yokuba andinanto, kodwa ukuba bendinayo bendiya akupha.

25 Kwaye ngoku, ukuba nithetha oku ezintliziywenu zenu niya kuhlala ningenatyala, kungenjalo niya akugwetywa; kwaye isigwebo senu sinilungele kuba ninqwenela oko ningakunikwanga.

26 Kwaye ngoku, ngenxa yezi zinto ndizithethileyo kuni—oko kukuthi, ngenxa yokufumana uxolelo lwezono zenu umhla nomhla, ukuze anihlale ningenatyala phambi koThixo—ndinga bninganikela ngezinto zenu kubo cabangamahlwempu, wonke umntu ngokwento anayo, ezinje dngokudlisa abalambileyo, ukunxibisa abaze, ukuhambela imilwelwe kwaye nibanike ukuphumla, kunye emphefumlweni nasenyameni, ngokweemfuno zabo.

27 Kwaye nibone ukuba zonke ezi zinto zenziwa ngobulumko nocwangco; kuba akuyomfuneko ukuba umntu abaleke angaphezulu kunamandla akhe. Kwaye kwakhona, kufanele ukuba akhuthale, ukuze ngako abe nokuphumelela ukufumana umvuzo; ke ngoko, zonke izinto mazenziwe ngocwangco.

28 Kwaye ndinga ningakhumbula, okokuba nabani na phakathi kwenu oboleka kummelwane wakhe umele ayibuyise into leyo ayibolekileyo, ngokwesivumelwano, okanye uya kuba wenza isono; kwaye mhlawumbi uya kumenza ummelwane wakho enze isono kanjalo.

29 Kwaye okokugqibela, andinako ukukuxelela zonke izinto onokuthi ngazo wenze isono; kuba kukho iindlela ezahlukileyo neentlobo, zininzi kangangokuba andinako nokuzibala.

30 Kodwa kangangoku ndinako ukunixelela, ukuba aanizilumkeli, bneengcinga zenu, cnamazwi enu, nezenzo zenu, kwaye niqwalasele ukuyigcina imiyalelo kaThixo, kwaye niqhubeke elukholweni lwayo into eniyivileyo ngokunxulumene nokuza kweNkosi, nokokude kube sekupheleni kobomi benu, kwakufuneka nitshabalale. Kwaye ngoku, Owu luntu, khumbulani, nize ningatshabalali.