Izibhalo
Mozaya 13


Isahluko 13

UAbhinadayi ukhuselwa ngamandla anyulu—Ufundisa iMithetho eliShumi—Usindiso aluzi ngomthetho kaMoses wodwa—UThixo ngeNkqu uya kwenza intlawulelo kwaye akhulule abantu bakhe. Malunga 148 P.K.

1 Kwaye ngoku ekubeni ukumkani ewavile la mazwi, wathi kubo ababingeleli bakhe: Mthabatheni lo mfo, kwaye nimbulale; kuba yintoni esinokuyenza ngaye, kuba uphambene.

2 Kwaye beza phambili kwaye bazama ukumbamba ngezandla zabo; kodwa waba nokumelana nabo, kwaye wathi kubo:

3 Ningandichukumisi, kuba uThixo uya kunibetha ukuba nithe nazibeka izandla zenu phezu kwam, kuba andikawudlulisi umyalezo ethe iNkosi yandithumela ukuba ndiwudlulise; ndinga nixelelanga noko ebe anindicele ukuba ndinixelele kona; ke ngoko, uThixo akayi kundiyekela ukuba nditshatyalaliswe ngeli xesha.

4 Kodwa kufuneka ndiyizalisekise imiyalelo athe uThixo wandiyalela ngayo; kwaye ngenxa yokuba ndinixelele inyaniso ninomsindo ngakum. Kwaye kwakhona, ngenxa yokuba ndithethe ilizwi likaThixo nindigwebele ekubeni ndiphambene.

5 Ngoku kwenzekile emva kokuba uAbhinadayi ethethe la mazwi okokuba abantu bakakumkani uNowa abazange balinge ukuzibeka izandla zabo kuye, kuba uMoya weNkosi wawuphezu kwakhe; kwaye ubuso bakhe ababubengezela yinkazimlo egqithisileyo, nanjengokuba uMoses wabanjalo xa wayesentabeni yeSinayi, xa wayethetha neNkosi.

6 Kwaye wathetha angamandla negunya elivela kuThixo; kwaye waqhubeka ngamazwi akhe esithi:

7 Niyabona ukuba aninawo amandla okundibulala, ke ngoko ndiyawugqiba umyalezo wam. Ewe, kwaye ndiyabona akunisika ezintliziyweni zenu ngenxa yokuba ndinixelela inyaniso malunga nobugwenxa benu.

8 Ewe, kwaye amazwi am aya kunizalisa ngommangaliso nokhwankqiso, nomsindo.

9 Kodwa ndiyawugqibezela umyalezo wam; kwaye ke akunamsebenzi nokuba ndiyaphi na, ukuba nje ndinokuthi ndisindiswe.

10 Kodwa ikungaka ndinixelela kona, enikwenzayo ngam, emva koku, kuya kuba anjengomfuziselo nesithunzi sezinto ezisezayo.

11 Kwaye ngoku ndinifundela intsalela ayemiyalelo kaThixo, kuba ndiqwalasela okokuba ayibhalwangwe ezintliziyweni zenu; kuba ndiqwalasela okokuba nifundile naza nafundisa ubugwenxa elona xesha lininzi lobomi benu.

12 Kwaye ngoku, niyakhumbula ukuba ndathi kuni: Nize ningazenzeli nawuphina umfanekiso oqingqiweyo, okanye nayiphina into emilise okweyaphezulu ezulwini, okanye izinto ezisemhlabeni ngaphantsi, okanye ezisemanzini ngaphantsi komhlaba.

13 Kwaye kwakhona: Nize ningaqubudi kuzo, ningazikhonzi; kuba mna iNkosi uThixo wakho ndinguThixo onekhwele, obuvelela ubugwenxa booyise phezu kwabantwana, ukuya kwizizukulwana zesithathu nezizukulwana zesine zabo bandithiyileyo;

14 Kwaye ndibonise inceba kumawaka abo abandithandayo kwaye bayigcine imiyalelo yam.

15 Nize ningafumane nilibize igama leNkosi uThixo wenu; kuba iNkosi ayiyi kumfumana emsulwa lowo ufumana alibize igama layo.

16 Khumbulani aumhla wesabatha, ukuba niwugcine ungcwele.

17 Imihla emithandathu niya kusebenza, kwaye nenze yonke imisebenzi yenu;

18 Kodwa umhla wesixhenxe isabatha yeNkosi uThixo wakho, uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, isicaka sakho, nesicakakazi sakho, neenkomo zakho, nowasemzini ongaphakathi kwamasango akho;

19 Kuba angemihla emithandathu iNkosi yenza izulu nomhlaba, nolwandle, kwaye nazo zonke izinto ezikuzo; ngako oko iNkosi yawusikelela umhla wesabatha, kwaye yawungcwalisa.

20 aBeka uyihlo nonyoko, ukuze imihla yakho yolulwe phezu kwelizwe eyathi iNkosi uThixo wakho yakunika lona.

21 Uze aungabulali.

22 Uze aungakrexezi. Uze bungebi.

23 Uze ungangqini aubungqina bobuxoki ngommelwane wakho.

24 Uze aungawunqweneli umzi wommelwane wakho, uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyiyeyommelwane wakho.

25 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba uAbhinadayi ephezile ngezintetho wathi kubo: Ingaba nibafundisile na aba bantu ukuba bamele baqwalasele ukuzenza zonke ezi zinto ukuze bayigcine le miyalelo?

26 Ndithi kuni, Hayi; kuba ukuba benenze njalo, iNkosi inge ingandenzanga ukuba ndiphume ndize kwaye ndiprofethe ububi malunga naba bantu.

27 Kwaye ngoku nithe usindiso luza ngomthetho kaMoses. Ndithi kuni kuyimfuneko ukuba niwugcine aumthetho kaMoses ngokwakaloku nje; kodwa ndithi kuni, ilixa liseza xa bkungasayi kuba yimfuneko ukuwugcina umthetho kaMoses.

28 Kwaye ngaphezu koko, ndithi kuni, ausindiso aluzi bngomthetho wodwa; kwaye ukuba bekungengayo cintlawulelo, leyo uThixo ngokwakhe aya kuyenzela izono nobugwenxa babantu bakhe, ukuze ngokungenakuphetshwa batshabalale, nangona kukho umthetho kaMoses.

29 Kwaye ngoku ndithi kuni kwakuyimfuneko okokuba kubekho umthetho onikwayo kubo abantwana bakaSirayeli, ewe, nawo aumthetho ongqongqo kakhulu; kuba babengabantu abantamo zilukhuni, bbekhawuleza ukwenza ubugwenxa, kwaye becotha ukuyikhumbula iNkosi uThixo wabo.

30 Ke ngoko kwaye kwabakho aumthetho abawunikwayo, ewe, umthetho wokwenza bnowemimiselo, umthetho ekwakufuneka cbewuqwalasele ngobungqongqo imihla ngemihla, ukubagcinela kwinkumbulo kaThixo nomsebenzi wabo kuye.

31 Kodwa qaphelani, ndithi kuni, zonke ezi zinto azazingumfuziselo wezinto ezisezayo.

32 Kwaye ngoku, ingaba babewuqonda umthetho? Ndithi kuni, Hayi, babengawuqondi bonke umthetho; kwaye oku kwakangenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo; kuba babengaqondi ukuba kwakungekho namnye umntu owaye enokusindiswa angaphandle kokuba kube kungenkululeko kaThixo.

33 Kuba qaphelani, ingaba uMoses akaprofethanga kubo ngokunxulumene nokuza kukaMesiya, nokuba uThixo kumele akhulule abantu bakhe? Ewe, kwanabo abonke abaprofeti abathi baprofetha ukususela oko ihlabathi laqalayo—ingaba abathethanga okungakumbi kusini na okanye okungaphantsi ngokunxulumene nezi zinto?

34 Ingaba abatshongo na ukuba auThixo ngokwakhe kumele ehlele ezantsi phakathi kwabantwana babantu, kwaye athabathele kuye isiqu somntu, kwaye abheke phambili ngamandlakazi phezu kobuso bomhlaba?

35 Ewe, kwaye ingaba abatshongo na kanjalo ukuba uya kwenza okokuba kubekho auvuko lwabafileyo, nokokuba yena, ngokwakhe, uya kumela acinizeleke kwaye abandezeleke?