Izibhalo
Mozaya 12


Isahluko 12

UAbhinadayi ufakwa entolongweni kuba eprofethe ngentshabalalo yabantu nokufa kukaKumkani uNowa—Ababingeleli abangeyonyani bacaphula ezibhalweni kwaye bazenze ngathi bayawugcina umthetho kaMoses—UAbhinadayi uqalisa ukubafundisa iMithetho eliShumi. Malunga 148 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba emva kwethuba leminyaka emibini uAbhinadayi efikile phakathi kwabo ezijikile, ukuze bangabi nakumazi, kwaye waqalisa ukuprofetha phakathi kwabo, esithi: Indiyalele njalo iNkosi, isithi—Abhinadayi, hamba kwaye uprofethe kubo aba bantu bam, kuba baziqaqadekisile iintliziyo zabo ngokuchasene namazwi am; abaguqukanga kuzo izenzo zabo ezimbi; ke ngoko, ndiya akubavelela ngomsindo wam, ewe, ngomsindo wam owoyikekayo ndiya kubavelela kubugwenxa namasikizi abo.

2 Ewe, yeha kuso esi sizukulwana! Kwaye iNkosi yathi kum: Yolulela phambili isandla sakho kwaye uprofethe, usithi: Itsho njalo iNkosi, kuya kwenzeka okokuba esi sizukulwana, ngenxa yobugwenxa baso, siya kuziswa aebukhobokeni, kwaye siya kubethwa besidleleni; ewe, kwaye siqhutywe ngabantu, kwaye siya kubulawa; kwaye amaxhalanga omoya, nezinja, ewe, nezilo zasendle, ziya kuqwenga inyama yabo.

3 Kwaye kuya kwenzeka ukuba aubomi bukakumkani uNowa buya kuxatyiswa nanjengaso isambatho esikulo iziko blesinyithi elitshisayo; kuba uya kundazi ukuba ndiyiyo iNkosi.

4 Kwaye kuya kwenzeka akokuba ndiya kubabetha aba bantu bam ngeembandezelo ezibuhlungu, ewe, ngendlala anangezifo ezibulalayo; kwaye ndiya kubenza ukuba bbabhomboloze ebudeni bemini yonke.

5 Ewe, kwaye ndiya kubenza ukuba babe anemithwalo ebotshelelwe phezu kwemiqolo yabo; kwaye baya kuqhutywa ngaphambili okwe esile elisisimumu.

6 Kwaye kuya kwenzeka okokuba ndiya kuthumelela isiphango phakathi kwabo, kwaye siya kubabetha; kwaye kanjalo baya bethwa angumoya wasempuma; kwaye bizinambuzane ziya kuwuhlupha umhlaba wabo kanjalo, kwaye zizibhuqe iinkozo zabo.

7 Kwaye baya kubethwa ngezifo ezibuhlungu ezibulalayo kwaye konke oku ndiya kukwenza ngenxa ayobugwenxa namasikizi abo.

8 Kwaye kuya kwenzeka okokuba ngaphandle kokuba baguquke ndiya akubatshabalalisa ngokupheleleyo bangabikho ebusweni bomhlaba; kanti ke baya kushiya bimbali emva kwabo, kwaye ndiya kubalondolozela ezinye izizwe eziya kulilawula ilizwe; ewe, nako oku ndiya kukwenzela ukuba ndibe nokuveza amasikizi abo aba bantu kwezinye izizwe. Kwaye waprofetha izinto ezininzi uAbhinadayi ngokuchasene naba bantu.

9 Kwaye kwenzekile okokuba baba nomsindo ngakuye; baza bamthabatha kwaye bamthwala ebotshelelwe bamsa phambi kokumkani, baza bathi kuye ukumkani: Qaphela, sizise indoda phambi kwakho ethe yaprofetha ububi malunga nabantu bakho, kwaye uthi uThixo uya kubatshabalalisa.

10 Kanjalo uprofetha ububi malunga nobomi bakho, kwaye uthi ubomi bakho buya kuba njengesambatho ezikweni lomlilo.

11 Kwaye kwakhona, uthi uya kuba njengesiqu, kwanjengesiqu esomileyo sentsimi, esigilwa zizilwanyana kwaye sinyathelwe phantsi kweenyawo.

12 Kwaye kwakhona, uthi uya kuba njengeentyatyambo yomthi wobobo, ezithi, zakuba zithiwe ngokupheleleyo, ukuba umoya uyavuthuza, ziqhutyelwe phambili phezu kobuso belizwe. Kwaye wenza ngokungathi iNkosi ikuthethile. Kwaye uthi konke oku kuya kuza phezu kwakho ngaphandle kokuba uguquke, kwaye konke oku kungenxa yobugwenxa bakho.

13 Kwaye ngoku, Owu, kumkani, ingaba bububi obuyingozi kangakanani obu ubenzileyo, okanye zizono eziyingozi kangakanani na abazenzileyo abantu bakho, ukuba singagwetywa nguThixo okanye sigwetywe yile ndoda?

14 Kwaye ngoku, Owu, kumkani, qaphela, asinalo ityala, kwaye nawe, Owu kumkani, akukhange wone, ke ngoko, le ndoda ixokile ngokunxulumene nawe, kwaye uprofethele into engento.

15 Kwaye qaphela, somelele, asingeke size ebukhobokeni, okanye sithatyathelwe ekuthinjweni ziintshaba zethu, ewe, kwaye uphumelele elizweni, kwaye usaya kuchuma kananjalo.

16 Qaphela, nantsi le ndoda, siyinikela ezandleni zakho; unako ukwenza kuyo ngoko kukulungeleyo.

17 Kwaye kwenzekile okokuba ukumkani uNowa wenza ukuze uAbhinadayi aphoswe entolongweni; waze wayalela ukuba aababingeleli bahlanganisane kunye ukuze abambe intlanganiso nabo malunga noko afanele akwenze ngaye.

18 Kwaye kwenzekile okokuba bathi kuye ukumkani: Mzise apha ukuze sibe nokumbuza imibuzo; kwaye ukumkani wayalela ukuba asiwe phambi kwabo.

19 Kwaye baqalisa ukumbuza imibuzo, ukuze babe nokumgocagoca, ukuze ngaloo ndlela babe nento abamtyhola ngayo; kodwa wabaphendula ngenkalipho, kwaye wamelana nayo yonke imibuzo yabo, ewe, ekukhwankqisweni kwabo; kuba waye awamelana nayo yonke imibuzo yabo, kwaye waboyisa kuwo onke amazwi abo.

20 Kwaye kwenzekile okokuba omnye wabo wathi kuye: Athetha ntoni amazwi abhaliweyo, kwaye nathe afundiswa ngoobawo bethu, athi:

21 aHayi ukubantle phezu kweentaba iinyawo zakhe lowo ozisa iindaba ezilungileyo; ovakalisa uxolo; ozisa iindaba ezilungileyo zokulunga; ovakalisa usindiso; othi kuyo iZiyon, uThixo wakho uyalawula;

22 Abalindi bakho baya kuliphakamasi izwi; ngezwi bekunye baya kuvuma; kuba baya kubona ngasonye xa sukuba iNkosi iya kuyizisa kwakhona iZiyon;

23 Gqabhukelani eluvuyweni; vumani ingoma kunye zindawo ezingumqwebedu zayo iYerusalem; kuba iNkosi ibathuthuzele abantu bayo, iyikhulule iYerusalem;

24 INkosi iyihlubile aingalo yayo engcwele emehlweni azo zonke izizwe, kwaye zonke iziphelo zomhlaba ziya kulubona usindiso lukaThixo wethu?

25 Kwaye ngoku uAbhinadayi wathi kubo: aNingababingeleli na, kwaye nenza ngokungathi niyabafundisa aba bantu, kwaye nenza ngokungathi niyawuqonda umoya wokuprofetha, kwaye kanti ninqwenela ukwazi okwam okuthethwa zezi zinto?

26 Ndithi kuni, yeha kuni ngokugqwetha iindlela zeNkosi! Kuba ukuba niya ziqonda ezi zinto anikhange nizifundise; ke ngoko, nizigqwethile iindlela zeNkosi.

27 Anizinikelanga iintliziyo zenu ukuba aziqonde; ke ngoko, anibanga nabulumko. Ke ngoko, nibafundisa ntoni aba bantu?

28 Baza bathi: Sifundisa umthetho kaMoses.

29 Kwaye kwakhona wathi kubo: Ukuba nifundisa aumthetho kaMoses kungani ke ukuba ningawugcini? Kungani na nibeke iintliziyo zenu ebutyebini? Kungani na nisenza buhenyuzo kwaye nisebenzisa ukomelela kwenu kumahenyukazi, ewe, nibenze aba bantu ukuba benze isono, ukuze iNkosi ibe nesizathu sokuthumela mna ukuba ndiprofethe ngokuchasene nabo aba bantu, ewe, kwanabo ububi obuyingozi ngokuchasene nabo aba bantu?

30 Anazi na ukuba ndithetha inyaniso? Ewe, niyazi okokuba ndithetha inyaniso; kwaye nifanele ukungcangcazela phambi koThixo.

31 Kwaye kuya kwenzeka okokuba niya kubethwa ngobugwenxa benu, kuba nithe nafundisa umthetho kaMoses. Kwaye nazi ntoni ngokunxulumene nomthetho kaMoses? aUsindiso aluzi ngomthetho kaMoses kusini na? Nithini ke?

32 Kwaye baphendula baze bathi usindiso lwaye lweza ngomthetho kaMoses.

33 Kodwa ngoku uAbhinadayi wathi kubo: Ndiyazi okokuba ukuba niyayigcina imiyalelo kaThixo niya kusindiswa; ewe, ukuba niyayigcina imiyalelo eyathi iNkosi yayinikezela kuye uMoses entabeni ayeSinayi, ethi:

34 aNdiyiNkosi uThixo wakho, bowanizisayo wanikhupha kulo ilizwe laseYiputa, wanikhupha kuyo indlu yobukhoboka.

35 Nize ningabi anaThixo wumbi ngaphandle kwam.

36 Nize ningazenzeli nawuphina umfanekiso oqingqiweyo, okanye nayiphina into emiliswe okweyaphezulu ezulwini, okanye izinto ezisemhlabeni phantsi.

37 Ngoku uAbhinadayi wathi kubo, Ingaba nikwenzile na konke oku? Ndithi kuni, Hayi, anikwenzanga. Kwaye ingaba anibafundisile na aba bantu ukuba bafanele bazenze zonke ezi zinto? Ndithi kuni, Hayi, anibafundisanga.