Scripture Stories
Ukubuyela eYerusalem


“Ukubuyela eYerusalem,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

“Ukubuyela eYerusalem,” Amabali eNcwadi kaMormoni

1 Nifayi 3

Ukubuyela eYerusalem

Uhambo lwamacwecwe obhedu

Umfanekiso
usapho lumisa intente

Usapho lukaLihayi noSaraya lwahamba entlango. Ephupheni, iNkosi yaxelela uLihayi ngezibhalo ezibhalwe kumacwecwe obhedu. Indoda egama linguLabhan wayenawo eYerusalem. INkosi yathi usapho lukaLihayi kwakufuneka luthabathe lamacwecwe obhedu kuhambo lwalo.

3 Nifayi 3:1–3, 19–20

Umfanekiso
ULihayi ethetha nosapho

INkosi yaxelela uLihayi ukuba athumele oonyana bakhe emva eYerusalem ukuba bayokulanda amacwecwe obhedu. Abazalwana bakaNifayi bakhalaza. Baxelela uLihayi ukuba yinto enzima ukuyenza. Babengafuni ukuya.

1 Nifayi 3:4–5

Umfanekiso
USaraya, uLihayi, noNifayi bethetha

Yayiyinto enzima kakhulu ukuyenza, kodwa uNifayi wayefuna ukuthobela. Wayesazi ukuba iNkosi iya kumnceda yena nabazalwane bakhe. UNifayi waxelela uLihayi ukuba uya kubuyela eYerusalem kwaye athathe amacwecwe obhedu.

1 Nifayi 3:6–8

Umfanekiso
abazalwane kufuphi neYerusalem

ULeymeni, uLamuweli, uSam, noNifayi babuyela eYerusalem. Ukufika kwabo apho, bagqiba ekubeni uLeymeni uya kuya endlwini kaLabhan aze acele amacwecwe obhedu.

1 Nifayi 3:9–11

Umfanekiso
ULabhan noLeymeni

Xa uLeymeni ecela amacwecwe obhedu, uLabhan wambiza umphangi. ULabhan wathi uyakumbulala uLeymeni.

1 Nifayi 3:11–13

Umfanekiso
ULeymeni ebaleka oonogada

ULeymeni wabaleka waza waxelela abantakwabo okwenzekileyo.

1 Nifayi 3:14

Umfanekiso
UNifayi ethetha nabantakwabo

Abantakwe abane babebuhlungu. ULeymeni, uLamuweli, noSam babefuna ukubuyela kubazali babo entlango, kodwa uNifayi weyenombono. Wathi bagenza urhwebo noLabhan ukuze bafumane amacwecwe obhedu. Babuyela kwikhaya labo esixekweni bathabatha yonke igolide nesilivere yabo ukuze barhwebe ngayo.

1 Nifayi 3:14–16, 22–24

Umfanekiso
abantakwe babaleka oonogada

Xa babonisa igolide nesilivere kuLabhan, yena wayifuna yonke. Kodwa akavuma ukubanika amacwecwe obhedu. Kunoko, waxelela izicaka zakhe ukuba zibulale abantakwe ukuze athathe igolide nesilivere yabo.

1 Nifayi 3:16, 23–25

Umfanekiso
abantakwe bezimela oonogada

Abantakwe abane babalekela ubomi babo bashiya igolide nesilivere yabo ngasemva. Izicaka zikaLabhan zange zibenako ukubabamba. Abantakwe bazimela emqolombeni.

1 Nifayi 3:26–27

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli benomsindo kuNifayi noSem

Emva kwazo zonke ezi zinto zinzima, uLeymeni noLemuweli bamqumbela uNifayi. Babetha uNifayi noSem ngentonga.

1 Nifayi 3:28

Umfanekiso
ingelosi ithetha noLeymeni noLemuweli

Ngequbuliso, ingelosi yeza yabuza ukuba kutheni babebetha uNifayi. Ingelosi yathi uNifayi wonyulwa ukuba abakhokele. Emveni koko ingelosi yabaxelela ukuba mababuyele eYerusalem. INkosi yayiza kubalungiselela indlela yokufumana amacwecwe obhedu.

1 Nifayi 3:29