Izibhalo
Etere 6


Isahluko 6

Izikhephe zamaYeredayithi ezincinane ezikhaphukhaphu ziqhutywa ngumoya ukuya kulo ilizwe lesithembiso—Abantu badumisa iNkosi ngokulunga Kwayo—UOriha uyonyulwa abe ngukumkani phezu kwabo—UYerede nomntakwabo bayafa.

1 Kwaye ngoku mna, Moronayi, ndiyaqhubeka ukunika imbali kaYerede nomntakwabo.

2 Kuba kwenzekile emva kokuba iNkosi ilungiselele aamatye awathi umntakwabo Yerede wawathuthela ndaweni ithile entabeni, umntakwabo Yerede wehlela ezantsi wasuka entabeni, kwaye waye wawabeka amatye kuzo izikhephe ezaye zilungiselelwe, elinye kuso ngasinye isiphelo saso; kwaye qaphelani, aye anika ukukhanya kuzo izikhephe.

3 Kwaye njalo iNkosi yawabangela amatye ukuba akhanye ebunyameni, ukuba anike ukukhanya kuwo amadoda, abafazi nabantwana, ukuze bangabi nakuwawela amanzi amakhulu ebumnyameni.

4 Kwaye kwenzekile okokuba bakuba belungiselele lonke uhlobo lokutya, ukuze ngako babe nokuphila phezu kwamanzi, kananjalo ukutya kwemihlambi yabo nemihlambi yeenkomo, naso nasiphina isilo okanye isilwanyana okanye intaka ababeya kuyithabatha kunye nabo—kwaye kwenzekile okokuba bakuba bezenzile zonke ezi zinto bazikhwela izikhephe okanye izikhephe ezincinane ezikhaphukhaphu, baza babheka phambili bangena elwandle, bezinikela kuyo iNkosi uThixo wabo.

5 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi uThixo yaye yabangela okokuba kubekho aumoya onamandla ovuthuzayo phezu kobuso bamanzi, ukuya ngakulo ilizwe lesithembiso; kwaye njalo zaziphoswa ngapha nangapha phezu kwamaza olwandle ngaphambi komoya.

6 Kwaye kwenzekile okokuba amaxesha amaninzi babengcwatyelwa enzonzobileni yolwandle, ngenxa yentaba yamaza awaye ebetheka kubo, kananjalo olukhulu oloyikekayo uqhwithela olwalubangelwa bubudlongodlongo bomoya.

7 Kwaye kwenzekile okokuba xa babengcwatywe enzonzobileni kwakungekho manzi ayenako ukubenzakalisa, ekubeni izikhepe zabo azingena kungena manzi ngokufana nesitya, kananjalo zazingena kungena manzi ngokufana bnomkhombe kaNowa; ke ngoko xa baberhangqwe macala onke ngamanzi amaninzi baye bakhala kuyo iNkosi, kwaye yaye yabakhupha kwakhona ngaphezu kwamanzi.

8 Kwaye kwenzekile okokuba umoya waye wapheza ukuvuthuzela ngakulo ilizwe lesithembiso ngeli lixa babephezu kwamanzi; kwaye njalo babeqhutyelwa phambili ngaphambi komoya.

9 Kwaye baye abavuma iindumiso kuyo iNkosi; ewe, umntakwabo Yerede waye wavuma iindumiso kuyo iNkosi, kwaye waye bwabulela kwaye wayidumisa iNkosi ebudeni bemini yonke, kwaye bakuba ubusuku bufikile, abazange bapheza ukuyidumisa iNkosi.

10 Kwaye njalo ke baqhutyelwa phambili; kwaye kwakungekho rhamncwa loyikekayo lolwandle lalinako ukuzaphula, namnenga owawunako ukuzonakalisa; kwaye baye baba nako ukukhanya ngamaxesha onke, nokuba kwakungaphezu kwamanzi okanye ngaphantsi kwamanzi.

11 Kwaye njalo ke babeqhutyelwa phambili, amakhulu amathathu anamashumi amane anesine eentsuku phezu kwamanzi.

12 Kwaye baye bafika elunxwemeni lwelizwe lesithembiso. Baza bakuba bezibekile iinyawo zabo kumanxweme elizwe lesithembiso baye baqubuda phantsi phezu kobuso belizwe, kwaye baye bazithoba phambi kweNkosi, kwaye baye baphalaza iinyembezi zovuyo phambi kweNkosi, ngenxa yobuninzi beenceba ezinemfesane zayo phezu kwabo.

13 Kwaye kwenzekile okokuba babheke phambili phezu kobuso belizwe, baza baqalisa ukuwulima umhlaba.

14 Waza uYerede waba noonyana abane; kwaye babebizwa ngokuba nguYakom, noGilga, noMaha, no-Oriha.

15 Waza umntakwabo Yerede naye kanjalo wazala oonyana neentombi.

16 Kwaye aabahlobo bakaYerede nomntakwabo ngenani babemalunga namashumi amabini anambini emiphefumlo; baza nabo kanjalo bazala oonyana neentombi ngaphambi kokuba beze elizweni lesithembiso; baza ke ngoko baqalisa ukuba baninzi.

17 Kwaye bafundiswa ukuba abahambe bethobekile phambi kweNkosi; kananjalo bbafundiswa naphezulu.

18 Kwaye kwenzekile okokuba baqalisa ukunaba phezu kobuso belizwe, nokuphinda-phindana nokuwulima umhlaba; kwaye baye baba nokomelela elizweni.

19 Waza umntakwabo Yerede waqalisa ukuba mdala, waza wabona okokuba kufuneka kwakamsinyane ehlele ezantsi engcwabeni; ngako oko wathi kuye uYerede: Masibahlanganise kunye abantu bethu ukuze sibe nokubabala, ukuze sibe nokwazi kubo ukuba yintoni na abaya kuyinqwenela kuthi ngaphambi kokuba sihle siye kumangcwaba ethu.

20 Kwaye ngokolo hlobo abantu bahlanganiswa kunye. Ngoku inani loonyana neentombi zomntakwabo Yerede lalingamashumi amabini anesibini emiphefumlo; kwaye inani loonyana neentombi zikaYerede lalilishumi elinambini, yena ke enoonyana abane.

21 Kwaye kwenzekile okokuba baye bababala abantu babo; baza emva kokuba bebabalile, baye babuza kubo izinto ababenga bangabenzela zona ngaphambi kokuba behlele ezantsi kumangcwaba abo.

22 Kwaye kwenzekile okokuba abantu babuza kubo ukuba abamthambise na omnye wonyana babo ukuba abe ngukumkani phezu kwabo.

23 Kwaye ngoku qaphelani, oku kwaba lusizi kubo. Waza umntakwabo Yerede wathi kubo: Ngokuqinisekileyo le nto aikhokelela ekuthinjweni.

24 Kodwa uYerede wathi kuye umntakwabo: Bavumele ukuba babenaye ukumkani. Waza ke ngoko wathi kubo: Zikhetheleni phakathi koonyana bethu ukumkani, kwalowo nimnqwenelayo.

25 Kwaye kwenzekile okokuba bakhetha kwanalo izibulo lomntakwabo Yerede; kwaye igama lalo lalinguPagag. Kwaye kwenzekile okokuba wala waza akafuna ukuba ngukumkani wabo. Baza abantu bafuna ukuba uyise makamnyanzele, kodwa uyise akazange avume; waza wabayalela ukuba banganyanzeli mntu ukuba abe ngukumkani wabo.

26 Kwaye kwenzekile okokuba babakhetha bonke abantakwaboPagag, baza abavuma.

27 Kwaye kwenzekile okokuba nabo oonyana bakaYerede bangavumi, kwanabo bonke ngaphandle komnye; waza uOriha wathanjiswa ukuba abe ngukumkani phezu kwabo abantu.

28 Waza waqalisa ukulawula, baza abantu baqalisa ukuphumelela; baza baba zizityebi ngokugqithisileyo.

29 Kwaye kwenzekile okokuba uYerede wafa, nomntakwabo kanjalo.

30 Kwaye kwenzekile okokuba uOriha waye wahamba ngokuthobeka phambi kweNkosi, kwaye waye wazikhumbula izinto ezinkulu iNkosi eyamenzela zona uyise, waza kanjalo wabafundisa abantu bakhe izinto ezinkulu iNkosi eyazenzela ooyise.